bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Judges 4
Judges 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 5 →
1
LWAPINDA usapo luka‐Sirayeli ukwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, xeshekweni u‐Ehudi abefile.
2
Waza uyehova walutengisa esandleni sika‐Yabine, ukumkani wase‐Kanane, obepete ubukumkani e‐Hatsore; onkosi yempi yake ibingu‐Sisera, owahlala e‐Haroshete yabaheyideni.
3
Lwandula usapo luka‐Sirayeli lwakala kuyehova: ngokuba ebenenqwelo zesincete ezingamakulu alitoba; kanjako waluncinezela usapo luka‐Sirayeli ngamandla iminyaka yamashumi mabini.
4
Kekaloku u‐Debora, umprofitekazi, umfazi ka‐Lapidote, yena wagweba o‐Sirayeli ngeloxesha.
5
Wayehleli ngapantsi kwomti wepalime ka‐Debora, pakati kwe‐Rama ne‐Betele, entabeni yakwa‐Frayime: lwaza usapo luka‐Sirayeli lwenyukela kuye ekugwebeni.
6
Watuma ke wambiza u‐Baraki, unyana ka‐Abinowami wase‐Kedeshe‐nefatali, wati kuye: Uyehova, utixo wo‐Sirayeli, akayalelanga na, esiti: Hamba usinge entabeni ye‐Tabore, utabate nawe amadoda angamawaka alishumi elusatsheni luka‐Nefatali naselusatsheni luka‐Zebulone.
7
Ndaye ndiya kumr̔olela kuwe emlanjeni we‐Kishone u‐Sisera, inkosi yempi ka‐Yabine, nenqwelo zake, nesihlwele sake, ndimnikele esandleni sako.
8
Waza u‐Baraki wati kuye: Ukuba uya kuhamba nam, ndose ndihamba; kodwa ukuba akuyi kuhamba nam, andiyi kuhamba.
9
Wayesiti: Ndiya kuhamba nawe ngenyaniso; kodwa noko ubungewalisa abuyi kuba bobako endleleni uhamba ngayo; ngokuba uyehova eya kumtengisa u‐Sisera esandleni somfazi. Wesuka u‐Debora, waya no‐Baraki e‐Kedeshe.
10
Wandula u‐Baraki wabiza o‐Zebulone no‐Nefatali beze e‐Kedeshe; wenyuka ke enamadoda angamawaka alishumi ezinyaweni zake; waye u‐Debora enyuka naye.
11
Kekaloku u‐Kebere, um‐Keni, owosapo luka‐Hobabe, usomfazi ka‐Mosesi, ebahlukene nama‐Keni, wada wamisa intente yake ngaseyekeni e‐Tsahananime engase‐Kedeshe.
12
Kwaza kwaxelwa ku‐Sisera ukuba u‐Baraki, unyana ka‐Abinowami, unyukile intaba ye‐Tabore.
13
Wandula u‐Sisera wabizela ndawonye zonke inqwelo zake, inqwelo zesincete ezingamakulu alitoba, nabo bonke abantu abanaye, bevela e‐Haroshete yabaheyideni, ngasemlanjeni we‐Kishone.
14
Waza u‐Debora wati ku‐Baraki: Suka, ngokuba yiyo le imini uyehova unikele ngayo u‐Sisera esandleni sako: uyehova akapumanga pambi kwako na? Wasuka u‐Baraki wehla entabeni ye‐Tabore, namadoda angamawaka alishumi emva kwake.
15
Waye uyehova wapitizelisa u‐Sisera nazo zonke inqwelo zake, nomkosi wonke, ngohlangoti lweṙele, pambi kwo‐Baraki; wada u‐Sisera wehla enqwelweni yake, wesaba ngenyawo zake.
16
Kodwa u‐Baraki wasukela inqwelo, nomkosi, kwada kwakuyo e‐Haroshete yabaheyideni: wati wonke umkosi ka‐Sisera wawa ngohlangoti lweṙele; akwasala mntu kwa namnye.
17
Kekaloku u‐Sisera wesaba ngenyawo zake waya ententeni ka‐Yayeli, umfazi ka‐Kebere um‐Keni: ngokuba beluko uxolo pakati kwo‐Yabine, ukumkani we‐Hatsore, nendlu ka‐Kebere um‐Keni.
18
Wapuma u‐Yayeli ukuya kumkaulela u‐Sisera, wati kuye: Pambukela, nkosi yam! pambukela kum; ungoyiki. Waza wapambukela kuye ententeni, owamgubungela ngengubo.
19
Wayesiti kuye: Kaundiseze intwana yamanzi, ngokuba ndinxaniwe. Waza wavula intsuba yobisi, wamseza, wamgubungela.
20
Wati kanjalo kuye: Yima emnyango wentente; kwakuya kuti, nxa ezayo umntu, abuze kuwe, ati: Kuko apa umntu na? woti: Akuko mntu.
21
Wandula u‐Yayeli, umfazi ka‐Kebere, watabata isikonkwane sentente, wapata isando esandleni sake, waya kuye kakuhle, wabetela isikonkwane entlafunweni yake, sada sangena emhlabeni: ngokuba yena wawelwa bubutongo, wacubuka. Wafa njalo ke.
22
Bona ke, xeshekweni u‐Baraki ebeputuma u‐Sisera, wapuma u‐Yayeli ukuya kumkaulela, wati kuye: Yiza, ndiya kubonisa lomntu omfunayo. Kekaloku akungena kuye, nanku u‐Sisera elele efile, nesikonkwane sisentlafunweni yake.
23
Kwa njalo utixo wamtobisa ngalomini u‐Yabine, ukumkani wase‐Kanane, pambi kwosapo luka‐Sirayeli.
24
Saza isandla sosapo luka‐Sirayeli samana ukwanda ukuba nzima pezu kwo‐Yabine, ukumkani wase‐Kanane, lwada lwamcita u‐Yabine, ukumkani wase‐Kanane.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21