bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Judges 19
Judges 19
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 20 →
1
KWABEKUTE ngalomihla, nxa bekungeko ukumkani kwa‐Sirayeli, kwaye kuko indoda engum‐Levi ihlala njengowasemzini emacaleni entaba yakwa‐Frayime, eyazeka umfazi olishweshwe e‐Beteleheme‐juda.
2
Lada ishweshwe layo lahlukana nayo ngombulo, lemka kuyo laya endlwini yoyise walo, e‐Beteleheme‐juda, apo laliko kona ixesha elizinyanga ezine.
3
Yandula yesuka indoda yalo, yaliputuma, ize itete entliziyweni yalo, ilibuyise, inomfana wayo kunye nayo, nesibini samaqwaṙashe: laza layingenisa endlwini yoyise walo: wati uyise wenkazana akuyibona, wavuya ukuhlangana nayo.
4
Waza usomfazi wayo, uyise wenkazana, wayibambezela; yandula yahlala naye imihla yamitatu: badla, basela, balalisa kona.
5
Kwaye kute ngomhla wesine, bakuvuka kusasa, yaselisuka ukuba ihambe; koko wati uyise wenkazana kumyeni wake: Xasa intliziyo yako ngomtamo wesonka, niti kamva nihambe.
6
Bahlala pantsi ke, badla bobabini ndawonye, basela nokusela. Wandula wati uyise wenkazana endodeni: Kauvume ke, ulalise, iti intliziyo yako icwayite.
7
Kodwa yesuka indoda ukuba ihambe: waza usomfazi wayo wayiqu̔ba; ngako yabuya yalalisa kona.
8
Yati yakusuka kusasa ngomhla wesihlanu ukuba ihambe, wandula uyise wenkazana wati: Zuxase ke intliziyo yako. Baza bazilazila kwada kwakukumka kwemini, badla bobabini ndawonye.
9
Yandula yesuka indoda ukuba ihambe, yona, neshweshwe layo, nomfana wayo; koko usomfazi wayo, uyise wenkazana, wati kuyo: Bona ke, imini iza kufa, kuza kuhlwa nje, kaulalise; bona ke, imini selisangana, lalisa apa, iti intliziyo yako icwayite; nize nivuke kusasa ngomso ukuya ngendlela yenu, uhambele ententeni yako.
10
Kodwa indoda ibingavumi ukulalisa apo, koko yesuka yemka, yaya kwada kwamalungana ne‐Yebusi, eyi‐Yerusaleme: sasinayo isibini samaqwaṙashe enezidwashu; ishweshwe layo nalo belinayo.
11
Xeshekweni bebengase‐Yebusi, imini ibisangene kakulu; waza wati umfana kuyo inkosi yake: Zuhambe ke, sipambukele kwesisixeko sama‐Yebusi, silalise kuso.
12
Kodwa inkosi yake yati kuye: Asiyi kupambukela apa, kwisixeko solunye uhlanga, esingesesosapo luka‐Sirayeli; sesiya kudlula siye e‐Gibeha.
13
Yalekela yati kuye umfana wayo: Hamba, sisondele kwenye yezindawo, silalise e‐Gibeha, umhlaumbi e‐Rama.
14
Badlula ke, bahamba; lati ilanga labatshonela ngase‐Gibeha, eyakwa‐Benjamine.
15
Baza bapambukela kona, ukuba bangene balalise e‐Gibeha: yati yakungena, yahlala pantsi esitarateni sesixeko; ngokuba bekungeko umntu owabamkela endlwini yake, kulaliswe.
16
Kekaloku bona ke, yafika indoda endala ivela emsebenzini wayo entsimini ngokuhlwa, ebiyindoda yasentabeni yakwa‐Frayime nayo, ebihlala njengowasemzini e‐Gibeha; kodwa amadoda alomzi ebengama‐Benjamine.
17
Yati yakupakamisa amehlo ayo, yabona londoda ingumhambi esitarateni sesixeko; yaza yati indoda endala: Uhambela ngapina? uvela pina?
18
Yayisiti kuyo: Siyadlula tina sivela e‐Beteleheme‐juda ukuya emacaleni entaba yakwa‐Frayime, endivela kona; kendahambela e‐Beteleheme‐juda; kodwa ngoku ndihambela kuyo indlu kayehova; kanti akuko mntu ondamkelayo endlwini.
19
Noko kuko nenca nokutya emaqwaṙasheni etu; kuko kanjalo isonka neveyine nakum, nakuso isicakakazi sako, nakuye umfana okunye nezicaka zako: akuko ukusweleka kwenye into.
20
Yandula indoda endala yati kuyo: Uxolo malube kuwe! kodwa konke ukuswela kwako makube pezu kwam; kupela ungalalisi esitarateni.
21
Yaza yayingenisa endlwini yayo, yanika amaqwaṙashe ukutya: baza bahlamba inyawo zabo, badla basela nokusela.
22
Nza babecwayitisa intliziyo zabo, bona ke, amadoda esosixeko, amadoda alusapo lwobunginingini, aṙaula londlu, aqongqota elucangweni, atsho kuyo indoda endala, inkosi yalondlu, ukuti: Yipumise londoda ebingenile endlwini yako, ukuze siyazi.
23
Yaza londoda, inkosi yalondlu, yapumela kuwo, yati kuwo: Hai, bazalwana bam! keningenzi ngokukohlakeleyo; emveni kwokuba lendoda ingenile endlwini yam, ningenzi lento ehlazekileyo.
24
Nantsi ke intombi yam, eyintombi ipela, neshweshwe layo; mandikupe ke bona, nize nibatobe, nenze kubo oko kulungileyo emehlweni enu; kodwa lendoda ningenzi kuyo into ehlazekileyo kangaka.
25
Kodwa amadoda lawo ebengavumi ukupulapula kuyo: yasuka indoda yabamba ishweshwe layo, yalikupela kuwo pandle; aza alazi, alona bonke ubusuku kwada kwasa, aliyeka ekupumeni kwesifingo.
26
Wandula weza umfazi lowo kwakuza kusa, wawa pantsi emnyango wendlu yalondoda, apo inkosi yake ibikona, kwada kwakanya.
27
Yati inkosi yake yesuka kusasa, yavula ingcango zendlu, yapuma ukuya kuhamba ngendlela yayo: kekaloku nanku umfazi, ishweshwe layo, elele pantsi emnyango wendlu, nezandla zake zipezu kwombundu.
28
Yayisiti kuye: Suka, sihambe. Kodwa bekungeko opendulayo. Yaza yamtabata, yambeka pezu kweqwaṙashe; yaselisuka londoda yahambela endaweni yayo.
29
Yati yakufika endlwini yayo, yatabata isitshetshe, yabamba ishweshwe layo, yalihlahla kunye namatambo alo libe ziziqendu ezilishumi linezibini, yalituma kuyo yonke imida yakwa‐Sirayeli.
30
Kwaye kute, bonke ababebona, bati: Akungabangako, akungabonwanga kanjako, okunjalo, kwa semhleni wokunyuka kwosapo luka‐Sirayeli ezweni le‐Jipete, kwada kwanamhla nje; kubekeleni intliziyo zenu, nikani icebo, nitete!
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21