bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Judges 7
Judges 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 8 →
1
WAZA wavuka kusasa u‐Yerubebali, ongu‐Gideyone, nabo bonke abantu abanaye; baya bati waca ngasemtonjeni we‐Harodi: waye umkosi wama‐Midiyane ubungecala labo lasenode, ngasendulini ka‐More, emhlanjeni.
2
Wayesiti uyehova ku‐Gideyone: Baninzi abantu abanawe ukuba ndinikele ama‐Midiyane esandleni sabo, hlezibe u‐Sirayeli aqayise ngakum, esiti: Isandla sam sindisindisile!
3
Ngako kaloku danduluka ke ezindlebeni zabantu, ngokuti: Osukuba esoyika engcangcazela, makabuye, emke entabeni ye‐Gileyadi. Kwaza kwabuya kubo abantu amawaka angamashumi mabini anamabini; ada asala amawaka alishumi.
4
Wayesiti uyehova ku‐Gideyone: Abantu basebaninzi; bahlisele ngasemanzini, ndokulingela bona apo: kwakuya kuti, lowo endiya kutsho ngaye kuwe: Lo uya kuhamba nawe, yena wohamba nawe; nosukuba ndiya kutsho ngaye kuwe: Lo akayi kuhamba nawe, yena akayi kuhamba.
5
Wandula wahlisela abantu ngasemanzini. Waza uyehova wati ku‐Gideyone: Bonke abaxapa amanzi ngolwimi lwabo, njengokuba ixapa inja, ubabeke bodwa; kwa nabo bonke abaguqa ngamadolo abo ukuba kuselwe.
6
Laye inani labo baxapayo ngokubeka isandla sabo emlonyeni wabo belingamadoda angamakulu matatu: kodwa bonke abanye abantu baguqa ngamadolo abo ukuba basele amanzi.
7
Waza uyehova wati ku‐Gideyone: Ngalamakulu matatu amadoda abexapa ndiya kunisindisa, ndinikele ama‐Midiyane esandleni sako; nabo bonke abanye abantu mabahambe baye abanye ngabanye ezindaweni zabo.
8
Basuka abantu bapata umpako esandleni sabo, namaxilongo abo; kanti amanye amadoda akwa‐Sirayeli wawatuma aye amanye ngamanye ezintenteni zawo, wabambelela kuwo lomadoda amakulu matatu. Waye umkosi wama‐Midiyane ubusezantsi kwake emhlanjeni.
9
Kwaye kute pakati kwobusuku obo, wati uyehova kuye: Suka, yihla uye kuwo umkosi; ngokuba ndiwunikele esandleni sako.
10
Kodwa ukuba uyoyika ukuhla, yihla wena, no‐Fura isicaka sako, uye emnqubeni:
11
wauya kuva oko kutetwayo; nakamva isandla sako siya kwomelezwa, ukuba uhle uye kuwo umkosi. Waza wehla yena, no‐Fura isicaka sake, waya encameni yabaxo̔bileyo ababesemnqubeni.
12
Kekaloku ama‐Midiyane, nama‐Amaleki, nawo onke amadoda asempumalanga, ebelele pantsi emhlanjeni njengenkumbi ngobuninzi; kanjalo inkamela zawo bezingenakubalwa, zinjengentlabati eselunxwemeni lwolwandle ukuba zininzi.
13
Wati akufika u‐Gideyone, nantsi indoda ibalisa ipupa kumlingane wayo, eyati: Bona ke, ndipupile ipupa, kekaloku bona ke, isimba lesonka seṙalasi laziqengqela emnqubeni wama‐Midiyane, latikelela ententeni, layibeta ukuba yawa, layipetula kanye, yada yalala pantsi intente leyo.
14
Waza umlingane wayo wapendula wati: Akuko nto oku kupela liṙele lika‐Gideyone, unyana ka‐Yohashe, indoda yakwa‐Sirayeli: utixo unikele esandleni sake ama‐Midiyane, nomkosi wonke.
15
Kwaye kute, xeshekweni u‐Gideyone ebevile ukubaliswa kwepupa elo nokutyilwa kwalo, wandul’ ukubedesha; wasuka wabuyela emkosini wama‐Sirayeli, wati: Sukani; ngokuba uyehova enikele umkosi wama‐Midiyane esandleni senu.
16
Waza wahlula lomadoda amakulu matatu abe ngamaqela amatatu, wanika amaxilongo ezandleni zawo onke, nemipanda ezé, nezibane pakati kwemipanda.
17
Wayesiti kuwo: Kangelani kum, nize nenje njalo: kekaloku bona ke, ndakufika encameni yomnquba, njengokuba ndisenza mna, niya kwenje njalo nina.
18
Nxa ndivutelayo ngexilongo, nabo bonke abanam, nandule nivutele ngamaxilongo nani ngento engqongayo wonke umnquba, niti: Ṙele likayehova nelika‐Gideyone!
19
Wada wafika u‐Gideyone, nekulu lamadoda elinaye, encameni yomnquba, ekuqaleni kwelipakati ivaṙasho lobusuku, cebetshu kumisiwe abalindi: bandula bavutela ngamaxilongo, baqekeza imipanda ebisezandleni zabo.
20
Aza amaqela omatatu avutela ngamaxilongo, aqekeza imipanda, abamba izibane ngezandla zawo zokohlo, namaxilongo ngezandla zawo zokunene, kuze kuvutelwe ngawo; adanduluka, esiti: Ṙele likayehova nelika‐Gideyone!
21
Bema ke bonke ngabanye ezindaweni zabo, bengqonga umnquba. Wada wonke umkosi wabaleka, wakala, wesaba.
22
Kekaloku akuvutela lomadoda amakulu matatu ngamaxilongo, wandula uyehova wabeka iṙele lomnye ngakuye omnye, pakati kwomnquba wonke; waza umkosi wesabela kude kwase‐Bete‐shita ngase‐Tserera, na kude kwasemdeni we‐Abele‐mehola ngase‐Tabate.
23
Kwaza kwabizelwa ndawonye amadoda akwa‐Sirayeli, awakwa‐Nefatali, nawakwa‐Ashere, nawo onke awakwa‐Manase, asukela ama‐Midiyane.
24
Kanjalo u‐Gideyone watuma izigidimi kuyo yonke intaba yakwa‐Frayime, ukuti: Yihlani ngakuwo ama‐Midiyane, niwapangele ukubamba amanzi kude kube se‐Betebara, ne‐Yoredane. Andula onke amadoda akwa‐Frayime abizelwa ndawonye, abamba amanzi kude kwase‐Betebara, ne‐Yoredane.
25
Abamba nenkosi ezimbini zama‐Midiyane, u‐Worebe no‐Zibe; abulala u‐Worebe eweni lika‐Worebe, no‐Zibe ambulala esincinezelweni seveyine sika‐Zibe, awasukela ama‐Midiyane; aza azisa intloko ka‐Worebe neka‐Zibe ku‐Gideyone pesheya kwe‐Yoredane.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21