bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Judges 10
Judges 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 11 →
1
KWAZA kwavuka emva kwo‐Abimeleki, ukusindisa o‐Sirayeli, u‐Tola unyana ka‐Puwa, unyana ka‐Dodo, indoda yakwa‐Yisakare; waye yena ehleli e‐Shamire, entabeni yakwa‐Frayime.
2
Wagweba o‐Sirayeli iminyaka yamashumi mabini anamitatu; wada wafa, wancw̔atywa e‐Shamire.
3
Kwavuka emva kwake u‐Yahire, um‐Gileyadi, owagweba o‐Sirayeli iminyaka yamashumi mabini anamibini.
4
Wabenonyana abamashumi matatu, abakwela pezu kwamatole amaqwaṙashe amashumi matatu, ababenezixeko ezimashumi matatu, ezibiziweyo ngokuti yi‐Havote‐yahire kwada kwanamhla nje, ezisezweni le‐Gileyadi.
5
Wada wafa u‐Yahire, wancw̔atywa e‐Kamone.
6
Kekaloku usapo luka‐Sirayeli lwabuya lwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, lwakonza o‐Bali, no‐Hashetorete, notixo base‐Siriya, notixo base‐Tsidone, notixo base‐Mowabi, notixo bosapo luka‐Hamoni, notixo bama‐Filistiya, bamshiya uyehova, bengamkonzi.
7
Yaza yavuta ingqumbo kayehova ngakubo o‐Sirayeli, wabatengisa esandleni sama‐Filistiya, nasesandleni sosapo luka‐Hamoni.
8
Balwapula baluncinezela usapo luka‐Sirayeli ngalomnyaka: iminyaka ilishumi elinesibozo beluncinezelwa lwonke usapo luka‐Sirayeli olupesheya kwe‐Yoredane elizweni laba‐Amori, elise‐Gileyadi.
9
Kanjako usapo luka‐Hamoni lwawela i‐Yoredane ukuya kulwa kwa ngakubo o‐Juda, nangakubo o‐Benjamine, nangakuyo indlu ka‐Frayime; baza o‐Sirayeli baxinezeka kakulu.
10
Lwada usapo luka‐Sirayeli lwakala kuyehova, lusiti: Sonile kuwe, nangokokuba simshiyile utixo wetu, nokuba sibakonzile o‐Bali.
11
Waza uyehova wati kulo usapo luka‐Sirayeli: Andi nisindisanga na kuwo ama‐Jipete, nakubo aba‐Amori, nakulo usapo luka‐Hamoni, nakuwo ama‐Filistiya?
12
Kanjalo ama‐Tsidone, nama‐Amaleki, nama‐Mahone, ebenibandezela; ndaza ndati, nakukala kum, ndanisindisa esandleni sawo.
13
Nindishiyile noko, nabakonza otixo bambi; ngako andiyi kupinda ukunisindisa.
14
Hambani nikale kubo otixo enibanyulileyo; mabanincede bona ngexesha loxinezeko lwenu.
15
Koko usapo luka‐Sirayeli lwati kuyehova: Sonile; yenza wena kuti njengako konke okulungileyo emehlweni ako; kodwa sisindise ke namhla nje.
16
Lwaza lwakwelelisa otixo basemzini kwa pakati kwalo, lwamkonza uyehova: wada umpefumlo wake wadana pezu kwosizi lwo‐Sirayeli.
17
Lwandula usapo luka‐Hamoni lwabizelwa ndawonye, lwaya lwati waca e‐Gileyadi. Kanjako usapo luka‐Sirayeli lwahlanganiswa, lwaya lwati waca e‐Mitsipa.
18
Baza abantu, inkosi zase‐Gileyadi, bati omnye kwomnye: Ngubanina leyondoda eya kuqala ukulwa ngakulo usapo luka‐Hamoni? yona yoba yintloko pezu kwabo bonke abemi base‐Gileyadi.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21