bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Judges 8
Judges 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 9 →
1
Asuka amadoda akwa‐Frayime ati kuye: Yinto nina le uyenzileyo kuti, ungasibizanga nje oko wabusiya ukulwa nama‐Midiyane? Aza apika naye ngamandla.
2
Kodwa wati kuwo: Yinto nina endiyenzileyo kaloku, njengani? Imbikico zama‐Frayime azilungile na pezu kwesivuno sama‐Abihe‐zere?
3
Kwezenu izandla utixo unikele inkosi zama‐Midiyane, u‐Worebe no‐Zibe: yinto nina ke endibe ndingayenzayo njengani? Wandula umsindo wawo wamdambela, akuba etetile elozwi.
4
Kekaloku u‐Gideyone weza e‐Yoredane, wawela, yena nalomadoda amakulu matatu abenaye, ediniwe, eputuma noko
5
Waza wati kubo abantu base‐Sukote: Nikani ke amasimba esonka kubo abantu abandilandelayo, ngokuba bediniwe; kanjalo ndiyaputuma u‐Zeba no‐Tsalemuna, okumkani bama‐Midiyane.
6
Kodwa inkosi zase‐Sukote zati: Isandla sika‐Zeba nesika‐Tsalemuna sezisesandleni sako na, ukuba sinike impi yako isonka?
7
Waza u‐Gideyone wati: Ngako oko, akuba uyehova enikele u‐Zeba no‐Tsalemuna esandleni sam, ndiya kwandula ndibule inyama yenu kunye nameva asentlango namazinyo esincete.
8
Wenyuka kona waya e‐Penuweli, wateta kubo ngokunjalo; kodwa abantu base‐Penuweli bampendula njengokupendula kwabantu base‐Sukote.
9
Wateta nakubo abantu base‐Penuweli, esiti: Nxa ndibuya ngoxolo, ndiya kucita lenqaba.
10
Kekaloku u‐Zeba no‐Tsalemuna bebese‐Karekore, nemikosi yabo kunye nabo, ngati angamawaka alishumi elinamahlanu amadoda, onke abesele kuwo wonke umkosi wamadoda asempumalanga: ngokuba bekuwile amadoda angamawaka alikulu elinamashumi mabini aber̔ola iṙele.
11
Waza u‐Gideyone wenyuka ngendlela yabahlala ezintenteni, ngecala lasempumalanga le‐Nobaki ne‐Yogebeba, wabeta umkosi; ngokuba umkosi ubusekunqabeni.
12
Basuka besaba u‐Zeba no‐Tsalemuna; kodwa wabaputuma, wabamba okumkani bobabini bama‐Midiyane, u‐Zeba no‐Tsalemuna, nawo wonke umkosi wawutusa.
13
Wati akubuya u‐Gideyone, unyana ka‐Yohashe, ekulweni, lingekapumi ilanga,
14
wabamba indodana yakubo abantu base‐Sukote, wayibuza: eyambalisela inkosi zase‐Sukote, nabadala bayo, amadoda angamashumi asixe̔nxe anesixe̔nxe.
15
Wandula weza kubo abantu base‐Sukote, wati: Naba u‐Zeba no‐Tsalemuna, enibe nindigxeka ngabo, nisiti: Isandla sika‐Zeba nesika‐Tsalemuna sezisesandleni sako na, ukuba sinike amadoda ako adiniweyo isonka?
16
Waza watabata abadala besixeko, nameva asentlango, namazinyo esincete, wabazisa ngawo abantu base‐Sukote.
17
Nenqaba yase‐Penuweli wayicita, nabantu besixeko wababulala.
18
Wandula wati ku‐Zeba no‐Tsalemuna: Ebenjanina amadoda enawabulalayo e‐Tabore? Baza bati: Njengokuba unjalo wena, ebenjalo wona, amanye ngamanye efana nonyana bokumkani.
19
Wayesiti: Ebengabazalwana bam, onyana bakama̔: njengokuba uyehova ehleli, ukuba benilondolozile bona behleli, ngandingabulali nina.
20
Waza wati ku‐Yetere, owamazibulo wake: Suka, babulale. Kodwa indodana leyo ayar̔ola iṙele layo; ngokuba ibisoyika, iseyindodana nje.
21
Bandula u‐Zeba no‐Tsalemuna bati: Suka wena, usiwele; ngokuba njengokuba injalo indoda, akwa njalo amandla ayo. Waselesuka u‐Gideyone, wabulala u‐Zeba no‐Tsalemuna, wasusa inyangaṙa ezibe zisezintanyeni zenkamela zabo.
22
Andula amadoda akwa‐Sirayeli ati ku‐Gideyone: Pata ubukosi pezu kwetu, kwa wena, nonyana wako, nonyana wonyana wako; ngokuba usisindisile esandleni sama‐Midiyane.
23
Kodwa u‐Gideyone wati kuwo: Mna andiyi kupata ubukosi pezu kwenu, naye unyana wam akayi kupata ubukosi pezu kwenu; nguyehova oya kupata ubukosi pezu kwenu.
24
Waza u‐Gideyone wati kuwo: Makendicele isicelo kuni, sokuba nindinike abanye ngabanye imisesane yempango yabo. (Ngokuba ebenemisesane yegolide, engama‐Shimayeli nje.)
25
Ati ke: Sonxamela ukunika. Aza ayaneka ingubo, ayiposela kona amanye ngamanye imisesane yempango yawo.
26
Nokuba nzima kwayo imisesane yegolide ayicelileyo, bekuliwaka linamakulu asixe̔nxe leshekele zegolide; ngapandle kwenyangara, namajikazi, nengubo ezibomvu, ezibe zipezu kwabo okumkani bama‐Midiyane, nangapandle kwemixokolelwane ebisezintanyeni zenkamela zabo.
27
Waye u‐Gideyone wenza ngayo iyefodi, wayimisa esixekweni sake, e‐Hofera: basuka bonke o‐Sirayeli baṙexezela emva kwayo kona; eyaba ngumgibe ku‐Gideyone nakwindlu yake.
28
Kwa njalo ama‐Midiyane atotyiswa pambi kwosapo luka‐Sirayeli; akabuya apakamise intloko zawo. Lati ilizwe lapumla iminyaka yamashumi mane emihleni ka‐Gideyone.
29
Waza u‐Yerubebali, unyana ka‐Yohashe, waya wahlala endlwini yake.
30
Waye u‐Gideyone enonyana abangamashumi asixe̔nxe, ababepumile esinqeni sake: ngokuba ebenabafazi abaninzi.
31
Neshweshwe lake elise‐Shekeme, kwa lona lamzalela unyana; negama lake walibiza ngo‐Abimeleki.
32
Wada u‐Gideyone, unyana ka‐Yohashe, wafa ebudaleni obukolisileyo, wancw̔atywa encw̔abeni lika‐Yohashe uyise wake, e‐Hofera yama‐Abihezere.
33
KWAYE kute, akuba u‐Gideyone efile, lwandula usapo luka‐Sirayeli lwabuya lwarexezela emva kwabo o‐Bali, lwazenzela u‐Bali‐berite abe ngutixo walo.
34
Kwa njalo usapo luka‐Sirayeli alwakumbula uyehova, utixo walo, owabeluhlangule esandleni sentshaba zalo ezingqongayo.
35
Kanjako alwenza ububele kwindlu ka‐Yerubebali, ka‐Gideyone, njengako konke okulungileyo abekwenzile ko‐Sirayeli.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21