bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Judges 2
Judges 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 3 →
1
KWAZA kwenyuka ingelosi kayehova e‐Gilegale, yaya e‐Bokime, yati: Ndininyusile e‐Jipete, ndanizisa ezweni endibe ndifunga ngalo koyihlo benu, ndati: Andiyi kulwapula ucebano lwam nani kude kube ngunapakade;
2
kanjalo nina aniyi kulwenza ucebano nabemi belilizwe; izibingelo zabo nozicita. Kodwa anipulapulanga ilizwi lam: yinina ukuba nikwenzile oku?
3
Ngako ndibuye ndati: Andiyi kubagxota ebusweni benu; kodwa boba njengameva emacaleni enu, notixo babo boba ngumgibe kuni.
4
Kwaye kute, nxa ingelosi kayehova ibitetile lamazwi kulo lwonke usapo luka‐Sirayeli, bandula abantu bapakamisa ilizwi labo, balila.
5
Baza babiza igama lalondawo nge‐Bokime, babingela kuyehova.
6
KEKALOKU akuba u‐Yoshuwa ebendulule abantu, lwaya usapo luka‐Sirayeli olunye ngolunye elifeni lalo, ukuya kufuya ilizwe.
7
Baza abantu bamkonza uyehova yonke imihla ka‐Yoshuwa, nayo yonke imihla yabadala ababesidla ubomi kade emva kwo‐Yoshuwa, ababebonile wonke umsebenzi omkulu kayehova, abewenzele o‐Sirayeli.
8
Wada wafa u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, isicaka sikayehova, eyiminyaka ilikulu lineshumi ubudala bake.
9
Baza bamncw̔abela emdeni welifa lake e‐Timnate‐heresi, entabeni yakwa‐Frayime, ngecala lasenode lentaba ye‐Gahashe.
10
Sada sonke esosizukulwana naso sabutelwa kubo oyise baso. Kwaye kuvuka isizukulwana simbi emva kwabo, esibe singamazi uyehova, kwa nomsebenzi abewenzele o‐Sirayeli.
11
Lwandula usapo luka‐Sirayeli lwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, lwakonza o‐Bali:
12
lwamshiya uyehova, utixo woyise balo, owalupumisa elizweni le‐Jipete, lwalandela otixo bambi, abakubo otixo babantu abalungqongayo, lwazitoba pambi kwabo, lwamqumbisa uyehova.
13
Lwamshiya ke uyehova, lwakonza u‐Bali no‐Hashetorete.
14
Yaza yavuta ingqumbo kayehova ngakubo o‐Sirayeli, owabanikela esandleni sabatimbi ababatimbayo, wabatengisa esandleni sentshaba zabo ezingqongayo, bada ababi senakuma ebusweni bentshaba zabo.
15
Apo kusukuba bebepumela kona, isandla sikayehova besingakubo bube bububi, njengokuba uyehova ebetshilo, nanjengokuba uyehova ebefungile kubo; bada baxinezeka kakulu.
16
Waza uyehova wavusa abagwebi, ababasindisayo esandleni sabatimbi babo.
17
Kodwa abapulapula abagwebi babo noko, koko baṙexezela emva kwotixo bambi, bazitoba pambi kwabo: bapambuka kamsinya endleleni ababehamba ngayo oyise babo, bepulapula imiyalelo kayehova; kanti abenje njalo bona.
18
Naxeshekweni uyehova wabavuselayo abagwebi, wandula uyehova wanaye umgwebi, wabasindisa esandleni sentshaba zabo yonke imihla yomgwebi: ngokuba uyehova ebenosizi ngako ukutswina kwabo ngenxa yabancinezeli babo nababandezeli babo.
19
Kwaza kwati, akufa umgwebi, babuya bazonakalisa ngapezu kwoyise babo, ngokulandela otixo bambi, ukubakonza, nokuzitoba pambi kwabo; bebengayeki ezabo izenzo neyabo indlela elukuni.
20
Ngako ingqumbo kayehova yavuta ngakubo o‐Sirayeli; wayesiti: Ngokokuba ababantu belugqitile ucebano lwam endabayalela oyise babo ngalo, nokuba bengapulapulanga ilizwi lam;
21
kwa nam andiyi kwalekela ukugqogqa namnye umntu ebusweni babo, kwezontlanga wabezishiya u‐Yoshuwa nxa wabubayo:
22
ukuze ndibalinge ngazo o‐Sirayeli, ukuba baya kugcina indlela kayehova ukuhamba ngayo, njengokuba oyise babo bebeyigcina, nokuba abayi kuyigcina kusinina.
23
Ngako uyehova wasalisa intlanga ezi, engazigqogqi kamsinya; wabengazinikelanga esandleni sika‐Yoshuwa kanjako.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21