bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Judges 5
Judges 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 6 →
1
WANDULA wavuma u‐Debora, no‐Baraki unyana ka‐Abinowami, ngalomini, ngokuti:
2
Ngenxa yokukokela kwabakokeli kwa‐Sirayeli, ngenxa yokuzinikela kwabantu ngokutumekelela, bongani uyehova!
3
Yivani, nina bokumkani, nikani indlebe, nina zinkosi! mna, kuyehova ndovuma mna; ndiya kucula kuyehova, utixo wo‐Sirayeli.
4
Yehova! ekupumeni kwako e‐Sehire, ekusukeni kwako ezweni le‐Edome, umhlaba wangcangcazela, nezulu latontsela, amafu nawo atontsela amanzi.
5
Intaba zazamazama ebusweni bukayehova, le‐Sinai ebusweni bukayehova, utixo wo‐Sirayeli.
6
Emihleni ka‐Shamgare unyana ka‐Hanate, emihleni ka‐Yayeli, zapumla indlela; bati abahambi baya ngendlela ezigoso.
7
Bapela abapati kwa‐Sirayeli, bapela; ndada ndavuka mna Debora, ndada ndavuka ndingunina kwa‐Sirayeli.
8
Kwanyulwa otixo abatsha; kwandula kwabako imfazwe emasangweni: kanene bekubonwa ikaka na nomkonto pakati kwamawaka angamashumi mane kwa‐Sirayeli?
9
Intliziyo yam ikubo abongama bakwa‐Sirayeli, abazinikelayo ngokutumekelela pakati kwabantu. Bongani uyehova!
10
Nina bakweleyo pezu kwamaqwaṙashekazi amhlope, nina bahlalayo ematyaleni, nani bahambayo endleleni, yumani!
11
ngenxa yelizwi labawabayo amaxoba pakati kwendawo zokukelela; kwa lapo baya kudumisa izenzo ezilungileyo zikayehova, izenzo ezilungileyo zokupata kwake kwa‐Sirayeli: baya kwandula ukuhla abantu bakayehova baye emasangweni.
12
Vuka, vuka, Debora! vuka, vuka, utete ingoma: suka, Baraki! timba amatinjwa ako, nyana ka‐Abinowami!
13
Kwandula kwehla abaseleyo pakati kwemiduna; abantu bakayehova behlela kum ngakuwo amagoṙa:
14
kwa‐Frayime, abakuhlala kusema‐Amalekini; emva kwako, u‐Benjamine pakati kwabantu bako; kwa‐Makire behla abongama, nakwa‐Zebulone abapete intonga yomba̔li.
15
Inkosi zakwa‐Yisakare nazo bezino‐Debora; na nje ngo‐Yisakare, wanjalo u‐Baraki; watunywa emhlanjeni ezinyaweni zake. Pakati kwemijelo yakwa‐Rubene bekuko amaqinga entliziyo amakulu.
16
Yinina ukuba ubuhleli pakati kwezibaya, ukuva ukulila kwemihlambi? Pakati kwemijelo yakwa‐Rubene bekuko izifuniselo zentliziyo ezikulu.
17
U‐Gileyadi wema pesheya kwe‐Yoredane: no‐Dane, yinina ukuba wahlala ngasezinqanaweni? U‐Ashere ebehleli elunxwemeni lwolwandle, wahlala ngasemacwebeni ake.
18
U‐Zebulone, abantu abo balahlela ekufeni ubomi babo, kwa no‐Nefatali, pezu kwendawo ezinde zelizwe.
19
Kweza okumkani, balwa; bandula balwa okumkani base‐Kanane e‐Tahanaki ngasemanzini ase‐Megido: inzuzo yemali abayitabatanga.
20
Kwaliwa kwa sezulwini; inkwenkwezi ezindleleni zazo zalwa no‐Sisera.
21
Umlambo we‐Kishone wabakukulisa, umlambo omdala, umlambo we‐Kishone. Mpefumlo wam! unyatele amandla.
22
Zandula impupu zamahashe zabeta, ngokuti bukuqu, ngokuti bukuqu kwamaṙoti abo.
23
Qalekisani i‐Meroze, yatsho ingelosi kayehova, qalekisani kakulu abemi bayo; ngokuba bengezanga ukumnceda uyehova, ukumnceda uyehova ngakuwo amagoṙa.
24
Makatanyusanqelwe ngapezu kwabafazi u‐Yayeli, umfazi ka‐Kebere um‐Keni; makatanyusanqelwe ngapezu kwabafazi ententeni.
25
Wacela amanzi, wanika ubisi; endebeni yenkosi wasondeza amasi.
26
Isandla sake wasolulela kwisikonkwane, nesokunene sake kwisando sabasebenzi; wambeta u‐Sisera, watyumza intloko yake, wahlaba wabadluza intlafuno yake.
27
Pakati kwenyawo zake watoba, wawa, walala pantsi; pakati kwenyawo zake watoba, wawa; apo watobayo, kwa kona wawa ebulewe.
28
Unina ka‐Sisera wakangela ngefenstile, wamemeza ngesituba, wati: Kunganina ukuba inqwelo yake iyalibala ukuza? kunganina ukuba amanyatela enqwelo zake ayazilazila?
29
Inkosikazi zake ezilumkileyo zapendula, ewe, wazipendulela ngokwake, ukuti:
30
Abafumananga na? abawabelanga na amaxoba? intombi, intombi mbini kwindoda ngendoda; amaxoba engubo ezinamabala ngamabala kuye u‐Sisera, amaxoba engubo ezinamabala ngamabala zitungiwe, ingubo ezinamabala ngamabala zitungiwe amacala omabini, ezifanele intamo zabatimbi?
31
Makube njalo ukutshatyalaliswa kwazo zonke intshaba zako, Yehova! kodwa abo bamtandayo, mababe njengokupuma kwelanga emandleni alo. Laza ilizwe lapumla iminyaka yamashumi mane.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21