bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Judges 16
Judges 16
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 17 →
1
WANDULA u‐Samsone waya e‐Gaza, wabona apo inkazana eyingnawokazi, wangena kuyo.
2
Kwaxelelwa ama‐Gaza, kusitwa: u‐Samsone ufikile apa. Aza amṙaula, amlalela bonke ubusuku ngasesangweni lesixeko; kodwa ati cwaka bonke ubusuku, esiti: Ekukanyeni kwokusa siya kumbulala.
3
Waye u‐Samsone walala kwada kwaba pakati kwobusuku; waza wesuka pakati kwobusuku, wabamba ingcango zesango lesixeko, nemigubasi yomibini, wazincotula kunye nomvalo, wazibeka pezu kwamagxalaba ake, wazinyusela engcotsheni yentaba engapambi kwe‐Hebrone.
4
Kwaye kute kamva, watanda inkazana entilini ye‐Soreki, egama layo belingu‐Delila.
5
Zaza inkosi zama‐Filistiya zenyuka zaya kuyo, zati kuyo: Mzinge, ubone ukuba akwinto nina amandla ake amakulu, nokuba kunganto nina esingameyisayo, ukuze simnxibe, simbandezele; sasiya kukunika sonke ngabanye amaqosha esilivere aliwaka linekulu.
6
Waza u‐Delila wati ku‐Samsone: Ndixelele ke, akwinto nina amandla ako amakulu? kanjalo unganxitywa nganto nina, ukuba ubandezelwe?
7
Wati u‐Samsone kuye: Ukuba bayandinxiba ngentsontelo ezintsha ezisixe̔nxe, ezingekomile, ndiya kuba butataka, ndibe njengomnye umntu.
8
Zandula inkosi zama‐Filistiya zenyusela kuye intsontelo ezisixe̔nxe ezintsha, ezingekomile, waza wamnxiba ngazo.
9
Kekaloku abalaleli bamhlalela enkambilini yapakati. Waza wati kuye: ama‐Filistiya apezu kwako, Samsone! Wada waqaula intsontelo ezo, njengokuba kuqaulwa umsonto wefelase, wakuva umlilo. Kwaye kungaziwa amandla ake.
10
Wati u‐Delila kanjalo ku‐Samsone: Bona ke, undikohlisile, uzitetile kum ilwimi; kaloku ndixelele ke, unganxitywa nganto nina?
11
Waza wati kuye: Ukuba bayaqinisa ukundinxiba ngentambo ezintsha, ekungenziwanga umsebenzi ngazo, ndiya kuba butataka, ndibe njengomnye umntu.
12
Wandula u‐Delila watabata intambo ezintsha, wamnxiba ngazo, wati kuye: ama‐Filistiya apezu kwako, Samsone! Bati abalaleli bahlala enkambilini yapakati. Waza waziqaula ezingalweni zake njengomsonto.
13
Wati u‐Delila kanjalo ku‐Samsone: Bona ke, kwada kwakaloku undikohlisile, wateta kum ilwimi: ndixelele, unganxitywa nganto nina? Waza wati kuye: Ukuba uyaluka izihlwita zosixe̔nxe zentloko yam ngemisonto yokuluka.
14
Waza wazibetela ngesikonkwane, wati kuye: ama‐Filistiya apezu kwako, Samsone! Wandula wavuka ebutongweni bake, wancotula isikonkwane somti wokuluka kunye nemisonto yawo.
15
Wati kanjalo kuye: Ungati nina ukuti: Ndiyakutanda; nxa intliziyo yako ingenam? undikohlisile lamaxesha matatu, ungekandixelelanga ukuba amandla ako amakulu akwinto nina.
16
Kwaye kute, nxa abemjoka ngamazwi ake imihla yonke, emqu̔ba, ukuba umpefumlo wake wadana kwada kwaza kufa;
17
wandula wamxelela yonke intliziyo yake, wati kuye: Bekunganyukanga isitshetshe sokugugula pezu kwentloko yam; ngokuba ndingumnaziri katixo kwa sesizalweni sikama̔: ukuba ndiyagugulwa, seleya kumka kum amandla am, ndandiya kuba butataka, ndibe njengabantu bonke.
18
Wati u‐Delila akubona ukuba umxelele yonke intliziyo yake, wandula watuma wabiza inkosi zama‐Filistiya, esiti: Nyukani kaloku nje, ngokuba endixelele yonke intliziyo yake. Zandula zenyukela kuye inkosi zama‐Filistiya, zazisa isilivere leyo ezandleni zazo.
19
Waza wamlalisa ubutongo pezu kwamadolo ake, wabiza indoda ize igugule izihlwita zosixe̔nxe zentloko yake, waqala ukumbandezela, ada emka amandla ake kuye.
20
Waza wati: ama‐Filistiya apezu kwako, Samsone! Waselevuka ebutongweni bake, wati: Ndiya kupuma ngoku njengamanye amaxesha, ndizivutulule; ngokuba ebengazi ukuba uyehova emkile kuye.
21
Andula ama‐Filistiya ambamba, ancotula amehlo ake, amhlisela e‐Gaza, amnxiba ngamakamandela obedu; waza wasila entolongweni.
22
Kodwa inwele zentloko yake zaqala ukukula kanjako, emva kwokugugulwa kwake.
23
Zada inkosi zama‐Filistiya zahlanganiselwa ukubingela u‐Dagone, utixo wawo, umbingo omkulu, nokugcoba; zaye zisiti: Utixo wetu umnikele esandleni setu u‐Samsone, utshaba lwetu.
24
Bati bakumbona abantu, badumisa utixo wabo; ngokuba bebesiti: Utixo wetu unikele esandleni setu utshaba lwetu nomcitakalisi welizwe letu, owandisa ababuleweyo betu.
25
Kwaye kute, nxa intliziyo zabo sezicwayitile, bandula bati: Bizani u‐Samsone, asidlalele. Basuka bambiza u‐Samsone avele entolongweni; waza wadlala ebusweni babo; bammisa ke pakati kwentsika.
26
Wayesiti u‐Samsone kumfana obembamba ngesandla: Ndiyeke ukuba ndipate intsika ekupezu kwazo indlu imisiwe, ukuze ndayame ngazo.
27
Kekaloku indlu ibizele ngamadoda nabafazi; kanjalo zonke inkosi zama‐Filistiya bezikona; napezu kwendlu bekuko ngati angamawaka matatu amadoda nabafazi, ababebonela ukudlala kuka‐Samsone.
28
Wandula wabiza u‐Samsone kuyehova, wati: Nkosi, Yehova! zundikumbule, undomeleze ke kube kaloku nje kupela, Tixo! ukuba ndipindezele ngempindezelo inye amehlo am omabini kuwo ama‐Filistiya.
29
Waza u‐Samsone wabamba intsika zapakati zombini, ekupezu kwazo indlu ibimisiwe, nekupezu kwazo ibisekelwe, enye ngesandla sake sokunene, nenye ngesandla sake sokohlo.
30
Wayesiti u‐Samsone: Umpefumlo wam maufe kunye nama‐Filistiya! Waza wazigoba ngamandla: yati indlu yawa pezu kwazo inkosi, napezu kwabo bonke abantu abebekuyo. Kwa njalo abafileyo owabafisayo ekufeni kwake, bebebaninzi pezu kwabo abebafisile ekudleni kwake ubomi.
31
Bandula behla abazalwana bake, nayo yonke indlu yoyise, bamsusa, benyuka naye, bamncw̔aba pakati kwe‐Tsoreha ne‐Shetawoli, encw̔abeni lika‐Manoha uyise. Wayegweba o‐Sirayeli iminyaka yamashumi mabini.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21