bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Judges 15
Judges 15
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 16 →
1
Kwaye kute emva kwemihla etile, ngemihla yokuvunwa kwenqolowa, wandula u‐Samsone watyelela kumfazi wake ngetakane lebokwe, wati: Ndiya kungena kumfazi wam enkambilini. Kodwa uyise ebengamvumeli ukuba angene.
2
Waza uyise wati: Bendisiba ngenyaniso umtiyile kanye; ngako ndamnika kumlingane wako: udade wake omncinane akamdluli na ngokuba mhle? mtabate keesikundleni sake.
3
Wandula u‐Samsone wati ngabo: Andinatyala ngoku ngakuwo ama‐Filistiya, nakuba ndiwenzela ububi.
4
Wasuka u‐Samsone waya wabamba amakulu matatu empungutye, watabata izikuni, waguqula umsila ngakuwo umsila, wabeka isikuni sinye pakati kwemisila mibini.
5
Wati akupemba umlilo ezikunini, wazindulula pakati kwenqolowa esemiyo yama‐Filistiya, watshisa nezita zenqolowa, nenqolowa esemiyo, nezitiya zeminquma.
6
Andula ama‐Filistiya ati: Ngubanina owenze oku? Kwatwa: Ngu‐Samsone, umyeni wom‐Timnate, ngokuba ebetabata umfazi wake, wamnika kumlingane wake. Enyuka ke ama‐Filistiya, atshisa yena noyise ngomlilo.
7
Kodwa u‐Samsone wati kuwo: Nakuba nenze ngokunjalo, ndiya kuzipindezelela kuni noko; ndoti ke kamva ndiyeke.
8
Waza wawabeta umlenze netanga, ngesibulalo esikulu. Wasuka wehla, wahlala emweweni weliwa le‐Hetame.
9
Andula ama‐Filistiya enyuka, ati waca kwa‐Juda, azitwabulula e‐Lehi.
10
Aza amadoda akwa‐Juda ati: Yinina ukuba ninyukile ngakuti? Ati ke: Sinyukile ukuze simnxibe u‐Samsone, senze kuye njengokuba enze kuti.
11
Asuka ehla amawaka matatu amadoda akwa‐Juda, aya emweweni weliwa le‐Hetame, ati ku‐Samsone: Akwazi na, ukuba ama‐Filistiya apata ubukosi pezu kwetu? yinto nina le uyenzileyo ngakuti? Wayesiti kuwo: Njengokuba ebesenza kum, ndenje njalo kuwo.
12
Ati kuye: Sihlile ukuza kukunxiba, sikunikele esandleni sama‐Filistiya. Waza u‐Samsone wati kuwo: Ndifungeleni ukuba aniyi kundiwela ngokwenu.
13
Atsho kuye esiti: Hai; koko siya kuqinisa ukukunxiba, sikunikele esandleni sawo; kodwa ngenyaniso asiyi kukufisa. Aza amnxiba ngentambo ezintsha zambini, amnyusa eweni.
14
Wati akufika e‐Lehi, ama‐Filistiya amemeza ngakuye ngovuyo. Wandula umoya kayehova wamqubula, zati intambo ezisezingalweni zake zaba njengefelase etshisiweyo ngomlilo, nezinxibo zake zacumbuluka ezandleni zake.
15
Waza wafumana umhlati omtsha weqwaṙashe, wasolula isandla sake wawutabata, wabulala ngawo amadoda aliwaka.
16
Wayesiti u‐Samsone: Ngomhlati weqwaṙashe ndibulele imfumba pezu kwemfumba, ngomhlati weqwaṙashe ndibulele amadoda aliwaka.
17
Kwabekute, akuba egqibile ukuteta, walahla umhlati esandleni sake, wabiza londawo nge‐Ramate‐lehi.
18
Wada wanxanwa kakulu, wabiza kuyehova, wati: Wena unikile olusindiso olukulu esandleni sesicaka sako nje, ndiya kufa kaloku ngenxanwa na, ndiwe esandleni saba bangalukileyo?
19
Waye utixo wacandela isigingqi esise‐Lehi, aza apuma kuso amanzi; wati akuba eselile, umoya wake wabuya, wada wapila. Ngako oko wabiza igama lawo ngokuti: Ngumtombo wowabizayo, ose‐Lehi nanamhla nje.
20
Wayegweba o‐Sirayeli emihleni yama‐Filistiya iminyaka yamashumi mabini.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21