bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Kings 1
1 Kings 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 2 →
1
KEKALOKU ukumkani u‐Davide ebemdala, ekolisile ukuba nemihla; baye bemgubungela ngengubo, kodwa bekungeko kufudumala kuye.
2
Zaza izicaka zake zati kuye: Makufunelwe inkosi yam ukumkani intombi, intombi ipela, eya kuma ebusweni bokumkani, ibe likolwanekazi lake; mailale esifubeni sako, ize ifudumale inkosi yam ukumkani.
3
Basuka bafuna intombi entle kuyo yonke imida yakwa‐Sirayeli, bamfumana u‐Abishage um‐Shunemekazi, bamzisa kukumkani.
4
Yaye intombi leyo ibintle kunene, yaba likolwanekazi lokumkani, yamonga; kodwa ukumkani wabengayazi.
5
Wandula u‐Adonija unyana ka‐Hagiti wazipakamisa, esiti: Mna ndoba ngukumkani; waza wazilungisela inqwelo nabakweli bamahashe, namadoda angamashumi mahlanu abaleke pambi kwake.
6
Kekaloku uyise ebengambindisanga emihleni yake ngokuti: Yinina ukuba wenje njalo? Yena naye ebemhle kakulu isimilo sake, wati unina wamzala emva kwo‐Abasalome.
7
Waza wacebisana no‐Jowabi unyana ka‐Tseruya, no‐Abiyatare umperisite; ababenceda, belandela u‐Adonija.
8
Kodwa u‐Tsadoki umperisite, no‐Benaya unyana ka‐Yoyada, no‐Natane umprofite, no‐Shimehi, no‐Rehi, namagoṙa abengaka‐Davide, bebengeko no‐Adonija.
9
Waza u‐Adonija wabinga igusha, nenkabi, nenkomo ezityetyisiweyo, ngasetyeni le‐Zohelete, elingasemtonjeni we‐Rogele, wamema bonke abazalwana bake, onyana bokumkani, nawo onke amadoda akwa‐Juda, izicaka zokumkani:
10
kodwa u‐Natane umprofite, no‐Benaya, namagoṙa, no‐Solomone umzalwana wake, akabamema.
11
Wandula wateta u‐Natane ku‐Batesheba unina ka‐Solomone, esiti: Akuvile na okokuba u‐Adonija unyana ka‐Hagiti ungukumkani, inkosi yetu u‐Davide ingakwazi nje?
12
Ngako kaloku yiza ke, makendikunike icebo, ukuba usindise ubomi bako, nobomi bonyana wako u‐Solomone.
13
Hamba uye ungene kukumkani u‐Davide, uti kuye: Akufunganga na wena, nkosi yam, kumkani! kwisicakakazi sako, ngokuti: Ngenyaniso u‐Solomone unyana wako woba ngukumkani emva kwam, waeya kuhlala yena pezu kweterone yam? kunganina ngoko ukuba u‐Adonija ungukumkani?
14
Bona ke, nxa usateta kona nokumkani, sendiya kungena mna emva kwako, ndiwaqinise amazwi ako.
15
Waza u‐Batesheba wangena kukumkani enkambilini: kekaloku ukumkani ebemdala kakulu; wati u‐Abishage um‐Shunemekazi wamonga ukumkani.
16
Watoba pantsi u‐Batesheba, waziqubuda pambi kwokumkani. Waza wati ukumkani: Ufuna nto nina?
17
Wayesiti kuye: Nkosi yam! wena wamfunga uyehova, utixo wako, kwisicakakazi sako, ngokuti: Ngenyaniso u‐Solomone unyana wako woba ngukumkani emva kwam, waeya kuhlala yena pezu kweterone yam!
18
Kanti kaloku, nanku u‐Adonija engukumkani; kanti kaloku, nkosi yam, kumkani! akukwazi:
19
kanjalo ubingile inkabi, nenkomo ezityetyisiweyo, negusha ngento eninzi, wamema bonke onyana bokumkani, no‐Abiyatare umperisite, no‐Jowabi inkosi yomkosi; kodwa u‐Solomone isicaka sako akammemanga.
20
Nawe, nkosi yam, kumkani! amehlo o‐Sirayeli bonke angakuwe, ukuba ubaxelele ungubanina oya kuhlala pezu kweterone yenkosi yam ukumkani emva kwayo.
21
Okanye kuya kuti, nxa inkosi yam ukumkani iya kulala noyise bayo, mna nonyana wam u‐Solomone soba ngaboni.
22
Kekaloku bona ke, nxa asateta nokumkani, wangena no‐Natane umprofite.
23
Kwaxelwa ke kukumkani, kusitwa: Nanku u‐Natane umprofite. Waza wangena ebusweni bokumkani, wazitoba pambi kwokumkani ngobuso bake ngasemhlabeni.
24
Wayesiti u‐Natane: Nkosi yam, kumkani! utshilo na wena ukuti: u‐Adonija woba ngukumkani emva kwam, waeya kuhlala yena pezu kweterone yam?
25
Ngokuba ehlile namhla, waya wabinga inkabi, nenkomo ezityetyisiweyo, negusha ngento eninzi, wamema bonke onyana bokumkani, nenkosi zomkosi, no‐Abiyatare umperisite: kanjalo, bona ke, bayadla bayasela nokusela pambi kwake, bati: Makapile ukumkani u‐Adonija!
26
Kodwa mna, mna sicaka sako, no‐Tsadoki umperisite, no‐Benaya unyana ka‐Yoyada, no‐Solomone isicaka sako, akasimemanga.
27
Kanene lento yenziwe yinkosi yam ukumkani na, ungasazisanga ke isicaka sako ungubanina oya kuhlala pezu kweterone yenkosi yam ukumkani emva kwayo?
28
Wapendula ukumkani u‐Davide, wati: Ndibizele u‐Batesheba. Waza wangena ebusweni bokumkani, wema pambi kwokumkani.
29
Wandula wafunga ukumkani, wati: Ehleli nje uyehova, okululeyo umpefumlo wam kulo lwonke uxinezeko;
30
ngenyaniso, njengokuba bendikufungela uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ndisiti: Ngenyaniso u‐Solomone unyana wako woba ngukumkani emva kwam, waeya kuhlala yena pezu kweterone yam esikundleni sam; ngenyaniso ndiya kwenje njalo namhla nje.
31
Waza u‐Batesheba watoba ngobuso ngasemhlabeni, waziqubuda pambi kwokumkani, wati: Maipile inkosi yam ukumkani u‐Davide kude kube ngunapakade!
32
Wayesiti ukumkani u‐Davide: Ndibizele u‐Tsadoki umperisite, no‐Natane umprofite, no‐Benaya unyana ka‐Yoyada. Baza bangena ebusweni bokumkani.
33
Waza ukumkani wati kubo: Zitabateni nani izicaka zenkosi yenu, nikwelise u‐Solomone unyana wam pezu kweqwaṙaṙa elilelam, nihle naye ngase‐Gihone;
34
mabati u‐Tsadoki umperisite, no‐Natane umprofite, bamtambise kona abe ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli; nize nivutele ngexilongo, niti: Makapile ukumkani u‐Solomone!
35
Niya kwandula ninyuke emva kwake, ukuba eze ahlale pezu kweterone yam; ngokuba yena eya kuba ngukumkani esikundleni sam; kanjalo yena ndimmisele ukuba abe yinkosi pezu kwo‐Sirayeli napezu kwo‐Juda.
36
Waza u‐Benaya unyana ka‐Yoyada wapendula ukumkani, wati: Amene; wanga angatsho njalo uyehova, utixo wenkosi yam ukumkani!
37
Njengokuba uyehova ebeko nenkosi yam ukumkani, kwa njalo makabeko no‐Solomone; neterone yake ayenze nkulu pezu kweterone yenkosi yam ukumkani u‐Davide.
38
Wandula wehla u‐Tsadoki umperisite, no‐Natane umprofite, no‐Benaya unyana ka‐Yoyada, naba‐Kereti, naba‐Peleti, bamkwelisa u‐Solomone pezu kwalo iqwaṙaṙa lokumkani u‐Davide, bamkokela ngase‐Gihone.
39
Waye u‐Tsadoki umperisite watabata upondo lweoli ententeni, wamtambisa u‐Solomone. Baza bavutela ngexilongo, bati bonke abantu: Makapile ukumkani u‐Solomone!
40
Basuka bonke abantu benyuka emva kwake, bati abantu kanjalo baloza ngemilozi, bavuya ngovuyo olukulu, wada waṙazuka umhlaba ngentlokoma yabo.
41
Kekaloku weva u‐Adonija, nabo bonke abamenywa ababenaye, nxa bebegqibile ukudla. Weva no‐Jowabi intlokoma yexilongo, wati: Inganina le ngxokozelo yesixeko sinempitimpiti?
42
Nxa asateta, bona ke, u‐Jonatane, unyana ka‐Abiyatare umperisite, wafika; waza wati u‐Adonija: Ngena, ngokuba wena uyindoda etembekileyo, uya kushumayela indaba ezilungileyo.
43
Wapendula u‐Jonatane wati ku‐Adonija: Okunene inkosi yetu, ukumkani u‐Davide, imenzile u‐Solomone abe ngukumkani;
44
waye ukumkani etumile naye, u‐Tsadoki umperisite, no‐Natane umprofite, no‐Benaya unyana ka‐Yoyada, naba‐Kereti, naba‐Peleti, abamkwelisile pezu kwalo iqwaṙaṙa lokumkani;
45
kanjalo u‐Tsadoki umperisite, no‐Natane umprofite, bamtambisile abe ngukumkani e‐Gihone; benyukile kwa kona bevuya, sada sazanyazanyiswa isixeko: yiyo ingxokozelo eniyivileyo:
46
nakanjako u‐Solomone uhleli pezu kweterone yobukumkani.
47
Ewe kanjako zeza izicaka zokumkani ukutamsanqelisa inkosi yetu, ukumkani u‐Davide, zisiti: Igama lika‐Solomone makalenze utixo lilungile pezu kwegama lako, neterone yake ayenze nkulu pezu kweterone yako. Waza ukumkani wazitoba pezu kwomandlalo.
48
Kananjalo watsho ukumkani ukuti: Makabongwe uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ondinikileyo namhla ohleliyo pezu kweterone yam, amehlo am ebonile nje!
49
Baza bankwantya bonke abamenywa ababekuye u‐Adonija, besuka, bahamba abanye ngabanye ngendlela yabo.
50
Woyika no‐Adonija ngenxa ka‐Solomone, wesuka, wahamba, waya wabambelela ezimpondweni zesibingelo.
51
Kwaza kwashunyayelwa ku‐Solomone, kusitwa: Nankuya u‐Adonija esoyika ukumkani u‐Solomone; ngokuba, bona ke, selebambile impondo zesibingelo, esiti: Makandifungele namhla nje ukumkani u‐Solomone, ukuba akayi kufisa isicaka sake ngeṙele.
52
Wayesiti u‐Solomone: Ukuba uya kwenza njengendoda etembekileyo, akuyi kuwa nalunye lwenwele zake ngasemhlabeni; kodwa ukuba inkohlakalo iya kufunyanwa kuye, uya kwandula afe.
53
Watuma ke u‐Solomone, baza bamhlisa esibingelweni. Wasuka weza, wazitoba pambi kwokumkani u‐Solomone. Wati u‐Solomone kuye: Yiya endlwini yako.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22