bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Kings 20
1 Kings 20
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 21 →
1
KEKALOKU u‐Bene‐hadadi ukumkani we‐Siriya wahlanganisa yonke impi yake: kwaye kuko naye okumkani bangamashumi matatu anababini, namahashe, nenqwelwana; wenyuka ke, wavingcela i‐Samariya, walwa ngakuyo.
2
Waza watuma izigidimi ku‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, esixekweni,
3
wati kuye: Utsho u‐Bene‐hadadi ukuti: Isilivere yako negolide yako yeyam: kanjalo abafazi bako nabantwana bako, abo bahle, bona bangabam.
4
Wapendula ukumkani wo‐Sirayeli, wati: Njengelizwi lako, nkosi yam, kumkani! ndingowako, kwa nako konke endinako.
5
Zaye zisiza kanjako izigidimi, zati: Utsho u‐Bene‐hadadi, esiti: Nakuba nditumile kuwe, ukuti: Uya kundinika isilivere yako, negolide yako, nabafazi bako, nabantwana bako;
6
ndoti noko malunga nelixesha langomso nditume izicaka zam kuwe, ukuba zipande indlu yako, nezindlu zezicaka zako: kwakuya kuti, konke okunqwenelekileyo emehlweni ako zokubeka ezandleni zazo, zikususe.
7
Wandula ukumkani wo‐Sirayeli wabiza bonke abadala belizwe, wati: Gqalani ke, nibone ukuba lo uyafuna ububi; ngokuba ebetuma kum, etum ela abafazi bam, nabantwana bam, nesilivere yam, negolide yam, ndaye ndingamalanga.
8
Baza bonke abadala nabo bonke abantu bati kuye: Ungapulapuli, ungavumi nokuvuma.
9
Ngako wati kuzo izigidimi zika‐Bene‐hadadi: Yitini kuyo inkosi yam ukumkani: Konke ubukutumela kwisicaka sako ekuqaleni ndiya kukwenza: kodwa lento andingeyenze. Zaselezimka izigidimi, zabuya zeza kuye nempendulo.
10
Wayetuma u‐Bene‐hadadi kuye, wati: Mabenje njalo kum otixo, balekele ukwenje njalo, ukuba utuli lwase‐Samariya luya kwanela bonke abantu abasezinyaweni zam babe nezandla zizele lulo!
11
Wapendula ukumkani wo‐Sirayeli, wati: Tetani, nisiti: Makangaziqa̔yisi obinqayo njengotukululayo.
12
Kwaye kute, akuva ilizwi eli, nxa abesela, yena nokumkani abo, ezintenteni, wandul’ ukuti kwizicaka zake: Lungani! Zaza zalunga ngakuso isixeko.
13
Kekaloku bona ke, umprofite otile wasondela ku‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, wati: Utsho uyehova ukuti: Ubonile na sonke esisihlwele sikulu? bona ke, ndiya kusinikela esandleni sako namhla; wauya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
14
Wati u‐Ahabi: Ngobanina? Wayesiti: Utsho uyehova ukuti: Ngabafana benkosi zamazwana. Waza wati: Ngubanina oya kuqala ukulwa? Wayesiti: Nguwe.
15
Wandula wabala abafana benkosi zamazwana, ababengamakulu mabini anamashumi matatu anababini: nasemva kwabo wabala bonke abantu, lwonke usapo luka‐Sirayeli, amawaka asixe̔nxe.
16
Baye bepuma emini enkulu. Koko u‐Bene‐hadadi ebezinxilisa ngokusela ezintenteni, yena nokumkani abo, okumkani abamashumi matatu anababini abamncedayo.
17
Baye bepuma abafana benkosi zamazwana ukuqala; waza u‐Bene‐hadadi watuma abantu, abashumayela kuye ngokuti: Amadoda apumile e‐Samariya.
18
Wayesiti: Nokuba apumele uxolo, wabambeni ehleli; nokuba apumele ukulwa, wabambeni ehleli.
19
Kwa njalo aba bapuma esixekweni, abafana benkosi zamazwana, nempi ebibalandela.
20
Basuka babulala abanye ngabanye indoda yabo; aza ama‐Siriya esaba, bati o‐Sirayeli bawaputuma: kodwa wasinda u‐Bene‐hadadi ukumkani we‐Siriya pezu kwehashe, kunye n abanye abakweli bamahashe.
21
Waza wapuma ukumkani wo‐Sirayeli, wabeta amahashe nenqwelwana, wabulala ama‐Siriya ngesibulalo esikulu.
22
Wandula umprofite lowo wasondela kukumkani wo‐Sirayeli, wati kuye: Hamba, uzomeleze; nze ugqale, ubone oko uya kukwenza: ngokuba ekutwaseni kwomnyaka ukumkani we‐Siriya eya kunyuka ngakuwe.
23
Zaza izicaka zokumkani we‐Siriya zati kuye: Ngotixo bentaba otixo babo; kungoko bebenamandla pezu kwetu; kodwa ukuba silwa nabo etafeni, ngenyaniso siya kuba namandla pezu kwabo.
24
Ngako yenza lento: Basuse okumkani, abanye ngabanye endaweni yabo, uzibeke inkosi ezikundleni zabo:
25
uti kanjalo uzibalele impi enjengempi ekulahlekileyo, namahashe njengamahashe ayo, nenqwelwana njengenqwelwana zayo, sasiya kulwa nabo etafeni; ngenyaniso siya kuba namandla pezu kwabo. Waza wapulapula elizwini lazo, wenje njalo ke.
26
Kwaye kute ekutwaseni kwomnyaka, wandula u‐Bene‐hadadi wabala ama‐Siriya, wenyukela e‐Afeki, ukuya kulwa no‐Sirayeli.
27
Lwabalwa usapo luka‐Sirayeli nalo, lwamkeliswa umpako, lwaya ngakuwo: lwaza usapo luka‐Sirayeli lwati waca pambi kwawo, njengemihlambi mibini emincinane yebokwe; kanti ama‐Siriya alizalisa ilizwe.
28
Kwandula kwasondela indoda katixo, yateta kukumkani wo‐Sirayeli, yati: Utsho uyehova ukuti: Ngokokuba ama‐Siriya ete: Uyehova ungutixo wentaba, kodwa aka ngutixo wemihlambo; ngako ndiya kunikela sonke esisihlwele sikulu esandleni sako, naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
29
Kekaloku bati waca aba malungana nabaya intsuku zasixe̔nxe. Kwaye kute ngosuku lwesixe̔nxe, kwahlanganiswa ukulwa; lwaza usapo luka‐Sirayeli lwabulala kuma‐Siriya ikulu lamawaka amadoda ahamba ngenyawo ngamini nye.
30
Ati aseleyo esabela e‐Afeki, esixekweni; kwaza kwawa udonga pezu kwamawaka angamashumi mabini anesixe̔nxe amadoda aseleyo. Wesaba u‐Bene‐hadadi naye, wangena esixekweni, enkambilini yapakati.
31
Zandula zati izicaka zake kuye: Bona ke, sivile ukuba okumkani bendlu ka‐Sirayeli bangokumkani bobubele: makesibeke intlakantlaka ezinqeni zetu, nentambo ezintlokweni zetu, sipumele kuye ukumkani wo‐Sirayeli; kungaba uya kulondoloza ubomi bako.
32
Zaza zabinqa ngentlakantlaka ezinqeni zazo, zafaka nentambo ezintlokweni zazo, zeza kuye ukumkani wo‐Sirayeli, zati: Siti isicaka sako u‐Bene‐hadadi: Makendibudle ubomi ke. Wayesiti: Usahleli na? ngumzalwana wam yena.
33
Kekaloku amadoda lawo agqala lomazwi, anxama ukuwaqinisa, ukuba avela kuye na, ati: Umzalwana wako u‐Bene‐hadadi. Waza wati: Yiyani, mziseni. Wandula u‐Bene‐hadadi wapumela kuye; waza wamkwelisa enqwelwaneni.
34
Wayesiti u‐Bene‐hadadi kuye: Izixeko, ezo ubawo wam wazisusa kuyihlo wako, ndozibuyisa, wauya kuzenzela izitarate e‐Damakusi, njengokuba ubawo wenje njalo e‐Samariya. Nam, watsho u‐Ahabi, ndiya kukundulula ngocebano olo. Waza walwenza ucebano naye, wamndulula.
35
Kekaloku indoda etile kubo onyana babaprofite yati kummelwane wayo, ngelizwi likayehova: Zundibete. Kodwa indoda leyo yala ukuyibeta.
36
Yaza yati kuyo: Ngenxa yokuba ungapulapulanga ilizwi likayehova, bona ke, nxa umkile kum, ingonyama yokubulala. Yati yakuba imkile kuyo, ingonyama yafumanana nayo, yayibulala.
37
Yandula yayifumana enye indoda, yati: Zundibete. Yayibeta ke indoda leyo, yayenzela inxeba ekubeteni kwayo.
38
Waza wemka umprofite lowo, wamlinda ukumkani endleleni, wazenza ngakumbi ngesiqoqa pezu kwamehlo ake.
39
Kwaye kute, akudlula ukumkani, wandula wakala kukumkani wati: Isicaka sako sapumela pakati kwokulwa; kekaloku bona ke, indoda yapambuka, yayizisa kum enye indoda, yati: Gcina indoda le; ukuba ika ibe ingabiko, buya kwandula ubomi bako bube sesikundleni sobomi bayo, umhlaumbi uya kuku̔pa italente yesilivere.
40
Kwaza kwati, nxa isicaka sako sibe sisebenza apa napaya, kekaloku ibingeko. Waye ukumkani wo‐Sirayeli esiti kuye: Kwoba njalo ukugwetywa kwako; wabile ngokwako.
41
Wandul ukunxama ke, wasusa isiqoqa emehlweni ake; waza ukumkani wo‐Sirayeli wamnakana ukuba ungowabaprofite.
42
Wayesiti kuye: Utsho uyehova ukuti: Ngokokuba uyindulule indoda endayilahlela ekutshatyalalisweni esandleni sako, ngako ubomi bako boba sesikundleni sobomi bayo, nabantu bako boba sesikundleni sabantu bayo.
43
Wasuka ukumkani wo‐Sirayeli waya endlwini yake, ete shwa, equmbile nokuqumba, weza e‐Samariya.
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22