bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Kings 5
1 Kings 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 6 →
1
KEKALOKU u‐Hirame, ukumkani we‐Tire, wasusa izicaka zake ukuya ku‐Solomone; ngokuba ebevile okokuba bamtambisile yena abe ngukumkani esikundleni soyise: ngokuba u‐Hirame ebemtandile u‐Davide ngamaxesha onke.
2
Wandula watuma u‐Solomone ku‐Hirame ukuti:
3
Wena uyamazi u‐Davide ubawo ukuba ebekohliwe kukwaka indlu egameni likayehova, utixo wake, ngenxa yemfazwe ezibe zimngqonga, wada uyehova wazibeka ngapantsi kwemizantsi yenyawo zake.
4
Kodwa ngoku uyehova, utixo wam, undipumzile ngamacala onke, kungeko umalane, kungeko nebaqo elibi.
5
Kekaloku bona ke, ndiyacinga ukwaka indlu egameni likayehova, utixo wam, njengokuba ebeteta uyehova ku‐Davide ubawo, esiti: Unyana wako, lowo endiya kummisa esikundleni sako pezu kweterone yako, nguye oya kwaka indlu egameni lam.
6
Ngako kaloku xela ukuba kundigaulelwe imiti yesedare e‐Lebanone; zaye izicaka zam ziya kuba nezako, nomvuzo wezicaka zako ndowunika kuwe, njengako konke uya kukutsho: ngokuba usazi wena ukuba akuko pakati kwetu namnye okwaziyo ukugaula imiti njengama‐Tsidone.
7
Kwabekute, akuva u‐Hirame amazwi ka‐Solomone, wandula wavuya kakulu, wati: Makabongwe uyehova namhla nje, onike ku‐Davide unyana olumkileyo pezu kwababantu bakulu.
8
Waza watuma u‐Hirame ku‐Solomone ukuti: Ndivile oko utumile kum ngako; ndiya kuyenza yonke intando yako ngemiti yesedare, nangemiti yeberoshe:
9
izicaka zam ziya kuhla nayo e‐Lebanone ziyise elwandle; ndandiya kuyisa ngemitantatu pezu kwolwandle kulondawo uya kunditumela ilizwi ngayo, ndize ndiyicite kona, wandule wena uyisuse: kanjako wena uya kufeza intando yam, ngokunika abendlu yam ukudla.
10
Kwa njalo ke u‐Hirame wanika u‐Solomone imiti yesedare nemiti yeberoshe, njengayo yonke intando yake.
11
Waza u‐Solomone wanika u‐Hirame ikore ezingamawaka angamashumi mabini zenqolowa, ibe kukudla kwabendlu yake, nekore ezimashumi mabini zeoli enqushelweyo: wenje njalo u‐Solomone ukunika u‐Hirame ngomnyaka ngomnyaka.
12
Kekaloku uyehova wampa u‐Solomone ubulumko, njengokuba ebetetile kuye: kwaye kuko uxolo pakati kwo‐Hirame no‐Solomone, balwenza ucebano bobabini.
13
Waye ukumkani u‐Solomone wenyusa isitabataba kubo bonke o‐Sirayeli; isitabataba eso besingamawaka angamashumi matatu amadoda.
14
Waza wawatuma e‐Lebanone, amawaka alishumi ngenyanga ngenyanga ngokuguqulelana: inyanga inye ebese‐Lebanone, inyanga zimbini ebesekaya: waye u‐Adonirame epezu kwesitabataba eso.
15
Kanjako u‐Solomone wabenamawaka angamashumi asixe̔nxe abetwala imitwalo, namawaka angamashumi asibozo ababazi ezintabeni;
16
ngapandle kwenkosi zabongama baka‐Solomone ababepezu kwomsebenzi, amawaka matatu anamakulu matatu, ezibe zinobukosi pezu kwabantu abawenza umsebenzi.
17
Waxela ukumkani, baza banqikela amatye amakulu, amatye anqabileyo, kuze kusekwe indlu leyo ngamatye aqandulweyo.
18
Bati abaki baka‐Solomone nabaki baka‐Hirame bawaqandula, kwa nama‐Gebali: kwa njalo ke balungisa imiti namatye ukuba kwakiwe indlu leyo.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22