bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Kings 16
1 Kings 16
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 17 →
1
Landula leza ilizwi likayehova ku‐Jehu unyana ka‐Hanani ngakuye u‐Bahasha, lisiti:
2
Ngokokuba ndikupakamisile elutulini, ndakwenza inkosi pezu kwabantu bam o‐Sirayeli: kanti uhambile ngendlela ka‐Jerobome, wabenza abantu bam o‐Sirayeli bone, ukundiqumbisa ngezono zabo;
3
bona ke, ndiya kukukulisa u‐Bahasha, nendlu yake: ndandiya kuyenza indlu yako njengayo indlu ka‐Jerobome unyana ka‐Nebati.
4
Lowo ka‐Bahasha obubayo esixekweni, izinja ziya kumdla: nowake obubayo endle, intaka zezulu ziya kumdla.
5
Nesisalela semicimbi ka‐Bahasha, noko wakwenzayo, namandla ake, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli?
6
Wada walala u‐Bahasha noyise bake, wancw̔atywa e‐Tiretsa: waza u‐Ela unyana wake wapata ubukumkani esikundleni sake.
7
Nakanjako leza ilizwi likayehova ngesandla sika‐Jehu unyana ka‐Hanani umprofite, ngakuye u‐Bahasha, nangakuyo indlu yake, kwa ngenxa yako konke ukukohlakala abekwenzile emehlweni kayehova, ngokumqumbisa ngomsebenzi wezandla zake, ngokuba njengendlu ka‐Jerobome, nangenxa yokuba ebembulele.
8
Ngomnyaka wamashumi mabini anesitandatu ka‐Asa ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Ela unyana ka‐Bahasha pezu kwo‐Sirayeli e‐Tiretsa, wapata ubukumkani iminyaka yamibini.
9
Saza saceba ngakuye isicaka sake u‐Zimri, inkosi yesiqingata senqwelwana zake, nxa abese‐Tiretsa, ezinxilisa ngokusela endlwini ka‐Aretsa, obepezu kwendlu yake e‐Tiretsa.
10
Wangena u‐Zimri wambeta, wambulala, ngomnyaka wamashumi mabini anesixe̔nxe ka‐Asa ukumkani wo‐Juda, wapata ubukumkani esikundleni sake.
11
Kwaye kute, akuba ngukumkani, nxa abehleli pezu kweterone yake, wabeta yonke indlu ka‐Bahasha; akamsalisela namnye onobudoda, nowezalamane zake nowezihlobo zake.
12
Kwa njalo u‐Zimri watshabalalisa yonke indlu ka‐Bahasha, njengelizwi likayehova, elo wabelitetile ngakuye u‐Bahasha ngesandla sika‐Jehu umprofite,
13
ngenxa yazo zonke izono zika‐Bahasha, nezono zika‐Ela unyana wake, abonayo ngazo, nababenzayo o‐Sirayeli bone ngazo nabo, ukumqumbisa uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ngezinto zabo ezingendawo.
14
Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Ela, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli?
15
Ngomnyaka wamashumi mabini anesixe̔nxe ka‐Asa ukumkani wo‐Juda, wapata u‐Zimri ubukumkani imihla yasixe̔nxe e‐Tiretsa. Baye abantu beṙaula i‐Gibetone, eyeyama‐Filistiya.
16
Kwaza kwaviwa ngabantu ababeṙaula lomzi, kusitwa: u‐Zimri ucebile, ewe umbulele ukumkani kanjalo; ngako bonke o‐Sirayeli benza u‐Omri, inkosi yomkosi, ukumkani pezu kwo‐Sirayeli ngaleyomini emnqubeni apo.
17
Waza wenyuka u‐Omri e‐Gibetone, no‐Sirayeli bonke kunye naye, baya bavingcela i‐Tiretsa.
18
Kwaye kute, akubona u‐Zimri ukuba sitinjiwe isixeko, wandula wangena enqatyeni yendlu yokumkani, wayitshisa pezu kwake indlu yokumkani ngomlilo, wabuba,
19
ngenxa yezono zake abe onile ngazo, ngokwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, ngokuhamba ngendlela ka‐Jerobome, nangesono sake wona ngaso, ngokwenza o‐Sirayeli bone nabo.
20
Nesisalela semicimbi ka‐Zimri, nokuceba kwake owaceba ngako, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli?
21
Oko bahluka abantu bakwa‐Sirayeli kwezibini iziqingata: esinye isiqingata sabantu samlandela u‐Tibeni unyana ka‐Ginate, simenze ukumkani; nesinye isiqingata samlandela u‐Omri.
22
Kodwa abantu ababemlandela u‐Omri babeyisa abantu ababemlandela u‐Tibeni unyana ka‐Ginate: wada wafa u‐Tibeni, wapata ubukumkani u‐Omri.
23
Ngomnyaka wamashumi matatu anesinye ka‐Asa ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Omri pezu kwo‐Sirayeli, wapata ubukumkani iminyaka yalishumi linamibini: e‐Tiretsa wapata ubukumkani iminyaka yamitandatu.
24
Waza watenga intaba ye‐Samariya ku‐Shemere ngetalente zimbini zesilivere, waka entabeni leyo, walibiza igama lesixeko wasakayo, ngegama lika‐Shemere, umnini wentaba, ngokuti yi‐Samariya.
25
Waye u‐Omri esenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; ewe wenza okukohlakeleyo ngapezu kwabo bonke abebepambili kuye.
26
Ngokuba ebehamba ngayo yonke indlela ka‐Jerobome unyana ka‐Nebati, nangesono sake abebenzile o‐Sirayeli bone ngaso, ukumqumbisa uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ngezinto zabo ezingendawo.
27
Nesisalela semicimbi ka‐Omri, oko wakwenzayo, namandla ake owenza ngawo, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli?
28
Wada u‐Omri walala noyise bake, wancw̔atywa e‐Samariya: waza u‐Ahabi unyana wake wapata ubukumkani esikundleni sake.
29
Kekaloku u‐Ahabi unyana ka‐Omri waba ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli, ngomnyaka wamashumi matatu anesibozo ka‐Asa ukumkani wo‐Juda; wapata ubukumkani u‐Ahabi unyana ka‐Omri pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya, iminyaka yamashumi mabini anamibini.
30
Waye u‐Ahabi unyana ka‐Omri wenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, ngapezu kwabo bonke abebepambili kuye.
31
Kwaza kwati, (bekuyinto encinane na ukuhamba kwake ezonweni zika‐Jerobome unyana ka‐Nebati?) ukuba wamzeka abe ngumfazi u‐Jezebele, intombi ka‐Etebali ukumkani wama‐Tsidone, waya wakonza u‐Bali, watoba pambi kwake.
32
Waza wamisela u‐Bali isibingelo endlwini ka‐Bali, leyo abeyakile e‐Samariya:
33
wawenza u‐Ahabi kanjako umfanekiso ka‐Ashera: kwa njalo u‐Ahabi wandisa ukwenza kwake ukuqumbisa uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ngapezu kwabo bonke okumkani bo‐Sirayeli abebepambili kuye.
34
Ngemihla yake u‐Hiyeli, um‐Betele, wayaka i‐Jeriko: ngo‐Abirame owamazibulo wake wayiseka, nango‐Segube omncinane wake wamisa ingcango zayo, njengelizwi likayehova, owalitetayo ngo‐Yoshuwa unyana ka‐Nune.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 17 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22