bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Kings 17
1 Kings 17
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 18 →
1
WAZA u‐Elija um‐Tishebi, owabemi base‐Gileyadi, wati kuye u‐Ahabi: Ehleli nje uyehova, utixo wo‐Sirayeli, endimi pambi kwake, akuyi kubako umbete nemvula leminyaka, kupela ngelizwi lam!
2
Landula leza ilizwi likayehova kuye, lisiti:
3
Mka apa, usinge ngasempumalanga, uye uzimele ngasemlanjaneni we‐Kerite, opambi kwayo i‐Yoredane.
4
Kwakuya kuti, uya kusela kumlanjana lowo; kanjalo ndibayalele onomyai ukuba bakufunzele kona.
5
Wandula wemka, wenza ngelizwi likayehova: ngokuba wemka waya wahlala ngasemlanjaneni we‐Kerite, opambi kwayo i‐Yoredane.
6
Baza onomyai bazisa kuye isonka nenyama ngokusa, nesonka nenyama ngokuhlwa; wasela ke kumlanjana.
7
Kwaye kute ekupeleni kwemihla etile, umlanjana watsha, ngokuba bekungabangako imvula elizweni.
8
Landula leza ilizwi likayehova kuye, lisiti:
9
Suka, hamba uye e‐Tsarefate, eyeyase‐Tsidone, uhlale kona; bona ke, ndimyalele kona umfazi ongumhlolokazi ukuba akufunzele.
10
Wesuka ke, wahambela e‐Tsarefate. Wati akufika esangweni lesixeko, bona ke, wayekona umhlolokazi eteza inkuni; waza wabiza kuye, wati: Kaundizekele intwana yamanzi esityeni, ndisele.
11
Esakuya ukuzeka, wabiza kuye, wati: Kaundizisele neqezu lesonka esandleni sako.
12
Wayesiti: Ehleli nje uyehova, utixo wako, akuko kum nasonkana, kuko iqobana lomgubo efatyeni, nentwana yeoli egutyini, kupela! kekaloku bona ke, nditeza inkuni zimbini, ukuba ndiye ndiwulungisele mna nonyana wam, ukuze siwudle, sife nokufa.
13
Waza u‐Elija wati kuye: Ungoyiki; yiya, yenza ngelizwi lako; kodwa ndenzele kuwo isonkana esincinane kuqala, usizise kum, wandule wenzele wena nonyana wako kamva.
14
Ngokuba esitsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ifatye yomgubo ayiyi kupela, negubu leoli aliyi kusweleka, kude kube yimini aya kunisa imvula uyehova pezu kwobuso bomhlaba.
15
Waza wahamba, wenza ngelizwi lika‐Elija: watya yena, naye u‐Elija, nabendlu yake, imihla mininzi.
16
Ifatye yomgubo ayapela, negubu leoli alasweleka, njengelizwi likayehova, owalitetayo ngo‐Elija.
17
Kwaye kute emva kwezizinto, unyana walomfazi, womnikazi wendlu, wabesifa; kelaloku isifo sake saba nzima kangaka, kwada akwasala kuye umoya.
18
Waza wati ku‐Elija: Ndiyinto nina kuwe, wena ndoda katixo? uze kum na, ukundikumbuza ubono bam, nokumfisa unyana wam?
19
Wayesiti kuye: Nika kum unyana wako. Waza wamsusa esifubeni sake, wamnyusela enkambilini yapezulu, apo wahlala kona, wamlalisa pezu kwowake umandlalo.
20
Waza wabizela kuyehova, wati: Yehova, Tixo wam! kanene lomhlolokazi, endipambukele kuye, umenzele ububi na, ngokumfisa unyana wake?
21
Wandula wazolula pezu kwomntwana lowo amaxesha matatu, wabizela kuyehova, wati: Yehova, Tixo wam! mauti ke umpefumlo walomntwana ubuye ungene kuye.
22
Waye uyehova epulapula ilizwi lika‐Elija: waza umpefumlo womntwana wabuya wangena kuye, wapila ke.
23
Wandula u‐Elija wamtabata umntwana, wehla naye enkambilini yapezulu waya endlwini, wamnikela kunina; wayesiti u‐Elija: Kangela, unyana wako uhleli.
24
Wayesiti umfazi ku‐Elija: Kaloku ke ndiyazi ukuba uyindoda katixo wena, nokuba ilizwi likayehova emlonyeni wako liyinyaniso.
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 18 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22