bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Kings 12
1 Kings 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 13 →
1
WASUKA u‐Rehobome waya e‐Shekeme: ngokuba bebeze e‐Shekeme o‐Sirayeli bonke, ukuze bamenze ukumkani.
2
Kwaye kute, kwakuviwa ngu‐Jerobome unyana ka‐Nebati, (kekaloku yena ebeseko e‐Jipete, ngokuba ebesabile ebusweni buka‐Solomone ukumkani; waza u‐Jerobome wahlala e‐Jipete:
3
bada batuma bambiza;) kwandul’ ukuza u‐Jerobome nayo yonke intlanganiso yo‐Sirayeli, bateta ku‐Rehobome, besiti:
4
Uyihlo wako wayenza lukuni iyokwe yetu; uz’ uti wena kaloku wenze lula ubukonzo boyihlo obulukuni, neyokwe enzima abeyibeka pezu kwetu, sasiya kukukonza.
5
Wayesiti kubo: Mkani kanjako intsuku zibe ntatu, nandule nibuye nize kum. Bemka ke abantu.
6
Waza ukumkani u‐Rehobome wacebisana namaxego, abemi ebusweni buka‐Solomone uyise, nxa abesahleli, wati: Niti nina uku ndi cebisa nina, kuze kupendulwe ababantu?
7
Ateta kuye, esiti: Ukuba uya kuba sisicaka kwababantu namhla, ubakonze, ubapendule, utete kubo amazwi alungileyo, baya kwandula babe zizicaka zako imihla yonke.
8
Kodwa washiya icebo lamaxego, elo abemcebisile ngalo, waya wacebisana namadodana abekulile kunye naye, abemi ebusweni bake.
9
Wayesiti kuwo: Lelinina icebo nilinikayo nina, ukuba sipendule ababantu, abatetileyo kum, besiti: Yenza lula iyokwe ayibekileyo pezu kwetu uyihlo wako?
10
Aza ateta kuye amadodana abekulile kunye naye, esiti: Uya kutsho kwababantu abatetileyo kuwe, besiti: Uyihlo wako wayenza nzima iyokwe yetu, kodwa wena yenze lula pezu kwetu: uya kutsho kubo ukuti: Ucikicane wam woba mkulu kuso isinqe sobawo isibili sake.
11
Ukuba kaloku ubawo unitwesile ngeyokwe enzima, mna ke ndiya kwongeza kuyo iyokwe yenu: ubawo unohlwayile ngezwiniya, kodwa mna ndonohlwaya ngonomadudwane.
12
Kwa njalo kweza u‐Jerobome nabo bonke abantu ku‐Rehobome ngosuku lwesitatu, njengokuba ebetetile ukumkani, esiti: Buyani nize kum ngosuku lwesitatu.
13
Waza ukumkani wapendula abantu ngokulukuni, walishiya icebo lamaxego, elo amcebisa ngalo,
14
wateta kubo njengecebo lamadodana, esiti: Ubawo wenza nzima iyokwe yenu, kodwa mna ndiya kwongeza kuyo iyokwe yenu; ubawo wanohlwaya ngezwiniya, kodwa mna ndiya kunohlwaya ngonomadudwane.
15
Akapulapula ke ukumkani ebantwini; ngokuba belulujiko luvela kuyehova, ukuze aliqinise ilizwi lake, elo walitetayo uyehova ngaye u‐Ahiya um‐Shilo ku‐Jerobome unyana ka‐Nebati.
16
Bati bakubona bonke o‐Sirayeli ukuba ukumkani akapulapuli kubo, bapendula abantu kukumkani, besiti: Sisipina isabiwo esinaso ku‐Davide? akuko kuti nelifa kunyana ka‐Jese: ezintenteni zenu, bo‐Sirayeli! kaloku kangela kweyako indlu, Davide! Basuka baya o‐Sirayeli ezintenteni zabo.
17
Kodwa usapo luka‐Sirayeli olube luhleli ezixekweni zakwa‐Juda, wapata ubukumkani pezu kwalo u‐Rehobome.
18
Wandula ukumkani u‐Rehobome watuma u‐Adorame, obepezu kwabesitabataba; baza bonke o‐Sirayeli bamgibisela ngamatye, wada wafa. Ngako ukumkani u‐Rehobome wanxama ukukwela enqwelweni, ukuba asabele e‐Yerusaleme.
19
Kwa njalo o‐Sirayeli baqipukelana nendlu ka‐Davide, kwada kwanamhla nje.
20
Kwaye kute, kwakuviwa ngo‐Sirayeli bonke ukuba ubuyile u‐Jerobome, bandula batuma bambizela entlanganisweni, bamenza ukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke: akwabiko namnye owalandela indlu ka‐Davide, ngapandle kwesizwe sika‐Juda sodwa.
21
Wati u‐Rehobome akufika e‐Yerusaleme, wahlanganisa yonke indlu ka‐Juda, nesizwe sika‐Benjamine, amawaka alikulu linamashumi asibozo amadodana eqelene nokulwa, ukuba kuliwe nendlu ka‐Sirayeli, buze ubukumkani bubuyiselwe ku‐Rehobome unyana ka‐Solomone.
22
Kodwa ilizwi likatixo leza ku‐Shemaya indoda katixo, lisiti:
23
Yitsho ku‐Rehobome unyana ka‐Solomone ukumkani wo‐Juda, nakuyo yonke indlu ka‐Juda no‐Benjamine, nakwisisalela sabantu, usiti:
24
Utsho uyehova ukuti: Aniyi kunyuka, aniyi kulwa nabazalwana benu usapo luka‐Sirayeli kanjalo; buyani abanye ngabanye ukuya endlwini yabo; ngokuba lento yenzekile ngam. Baza bapulapula ilizwi likayehova, babuya ukumka, njengelizwi likayehova.
25
WANDULA u‐Jerobome waka i‐Shekeme entabeni yakwa‐Frayime, wahlala kuyo; wayepuma kona, waya waka i‐Penuweli.
26
Waza u‐Jerobome wati entliziyweni yake: Kaloku ubukumkani bobuyela kwindlu ka‐Davide:
27
xeshekweni baya kunyuka ababantu ukuya kuwenza amadini endlwini kayehova e‐Yerusaleme, iya kwandula intliziyo yababantu ibuyele enkosini yabo, ku‐Rehobome ukumkani wo‐Juda; babeya kubulala mna, babuyele ku‐Rehobome ukumkani wo‐Juda.
28
Ngako ukumkani wafuna icebo, wenza amatole amabini egolide, wati kubo: Kunzima pezu kwenu ukuba ninyukele e‐Yerusaleme; naba otixo bako, Sirayeli! abakunyusayo elizweni le‐Jipete.
29
Waza wabeka elinye e‐Betele, nelinye walimisa e‐Dane.
30
Lento kodwa yaba sisono: ngokuba abantu bebesiya pambi kwelinye, kwada kwase‐Dane.
31
Kanjako wayenza indlu yendawo ezipakamileyo; wenza nabaperisite ebantwini bonke, abebengengabo abonyana baka‐Levi.
32
Waye u‐Jerobome kanjalo wawenza umtendeleko ngenyanga yesibozo, ngoweshumi linesihlanu umhla wenyanga, njengomtendeleko obukwa‐Juda, wanikela pezu kwesibingelo. Wenje njalo e‐Betele, ebingela amatole abewenzile: wayemisa e‐Betele abaperisite bendawo ezipakamileyo abezenzile.
33
Kwa njalo wanikela pezu kwesibingelo abesenzile e‐Betele, ngoweshumi linesihlanu umhla wenyanga yesibozo, ngenyanga abeyiqingile ngeyake intliziyo; waza wenzela usapo luka‐Sirayeli umtendeleko, wanikela pezu kwesibingelo eso, waqumisa.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22