bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Kings 21
1 Kings 21
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 22 →
1
KWAYE kute emveni kwezizinto, u‐Nabote um‐Yezerele wabenomyezo, obuse‐Yezerele, kufupi noxande luka‐Ahabi ukumkani we‐Samariya.
2
Wandula wateta u‐Ahabi ku‐Nabote, esiti: Ndinike umyezo wako, ukuba ube sisitiya sam semifuno, ngokuba wona ukufupi nendlu yam: ndandiya kunika wena esikundleni sawo umyezo olungileyo pezu kwawo: okanye, ukuba kulungile emehlweni ako, ndokunika imali yexabiso lawo.
3
Kodwa u‐Nabote wati ku‐Ahabi: Ubunzima mabube kum buvela kuyehova, ukuba ndiyanika ilifa lobawo bam kuwe!
4
Waza u‐Ahabi wangena endlwini yake, ete shwa, equmbile nokuqumba, ngenxa yelizwi abelitetile kuye u‐Nabote um‐Yezerele; ngokuba ebete: Andiyi kunika kuwe ilifa lobawo bam. Waya walala pantsi pezu kwomandlalo wake, wasonga ubuso bake, engadlanga isonka.
5
Wandula weza kuye u‐Jezebele umfazi wake, wateta kuye, esiti: Kunganina lento umoya wako ulusizi, nokuba ungadlanga isonka?
6
Wayeteta kuye, esiti: Ngokokuba benditeta ku‐Nabote um‐Yezerele, ndati kuye: Ndinike umyezo wako ngemali; okanye, ukuba uyatanda, ndokunika omnye umyezo esikundleni sawo: koko wati: Andiyi kunika kuwe umyezo wam.
7
Waza u‐Jezebele umfazi wake wati kuye: Kanene wena uyapata kaloku ubukumkani pezu kwo‐Sirayeli na? vuka, yidla isonka, iti intliziyo yako icwayite; mna ndiya kunika kuwe umyezo ka‐Nabote um‐Yezerele.
8
Wandula waba̔la incwadi egameni lika‐Ahabi, wazincamatisela ngesincamatiselo sake, wazituma incwadi kubadala nakumaduna ababesesixekweni sake, behlala no‐Nabote.
9
Wayeba̔la ezincwadini ezo, esiti: Shumayelani inzilo, ummise u‐Nabote pezulu pambi kwabantu;
10
nize nimise amadoda abe mabini, usapo lwobunginingini, emalungana naye, ukuba anqi̔ne ngakuye, esiti: Ugxekile utixo nokumkani; nandule nipume naye, nimgibisele ngamatye, ade afe.
11
Aza enza amadoda esixeko sake, abadala namaduna ababehlala esixekweni sake, njengokuba u‐Jezebele ebetumile kuwo; njengokuba bekuba̔liwe ezincwadini abezitumile kuwo.
12
Ashumayela inzilo, ammisa u‐Nabote pezulu pambi kwabantu.
13
Kwaye kusiza amadoda amabini, usapo lwobunginingini, ahlala malungana naye; aza anqi̔na ngakuye lomadoda obunginingini, ngakuye u‐Nabote, ebusweni babantu, esiti: u‐Nabote ugxekile utixo nokumkani. Baza bampumisela ngapandle kwesixeko, bamgibisela ngamatye, wada wafa.
14
Baza batuma ku‐Jezebele, besiti: u‐Nabote ugityiselwe ngamatye, ufile nokufa.
15
Kwaye kute, akuva u‐Jezebele okokuba u‐Nabote ugityiselwe ngamatye, nokuba ufile, wandula wati u‐Jezebele ku‐Ahabi: Suka, bamba umyezo ka‐Nabote um‐Yezerele, lowo walayo ukuwunika kuwe ngemali; ngokuba u‐Nabote engasahleli, seefile.
16
Kwaza kwati, akuva u‐Ahabi ukuba u‐Nabote ufile, wesuka u‐Ahabi ukuya kuhlela emyezweni ka‐Nabote um‐Yezerele, ukuwubamba.
17
Kwandul’ ukuza ilizwi likayehova ku‐Elija um‐Tishebi, lisiti:
18
Suka, yihla ukuya kumkaulela u‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, ose‐Samariya; nankuya emyezweni ka‐Nabote, apo ahlele kona ukuwubamba.
19
Wauya kuteta kuye, usiti: Utsho uyehova ukuti: Ubulele na, waubambile kanjalo na? Wauya kuteta kuye, usiti: Utsho uyehova ukuti: Endaweni apo izinja zibe zikota igazi lika‐Nabote kona, izinja ziya kukota igazi lako, ewe elako.
20
Waza u‐Ahabi wati ku‐Elija: Undifumene na, lutshaba lwam? Wayesiti: Ndi ku fumene! ngenxa yokuba uzitengisele ukwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova.
21
Bona ke, ndiya kuzisa ububi pezu kwako, ndikukukulise; ndandiya kunqamlela u‐Ahabi lowo unobudoda, nalowo uvaliweyo nalowo ukululekileyo, kwa‐Sirayeli;
22
nendlu yako ndiya kuyenza njengendlu ka‐Jerobome unyana ka‐Nebati, nanjengendlu ka‐Bahasha unyana ka‐Ahiya, ngenxa yengcapukiso u ndi capukisile ngayo, nokuba ubenzile o‐Sirayeli bone.
23
Kanjalo nango‐Jezebele wateta uyehova, esiti: Izinja ziya kudla u‐Jezebele ngaseludongeni lwapandle lwe‐Yezerele.
24
Lowo ka‐Ahabi obubayo esixekweni izinja ziya kumdla; nalowo obubayo endle intaka zezulu ziya kumdla.
25
(Kodwa bekungeko namnye njengo‐Ahabi, obezitengisele ukwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, owati u‐Jezebele umfazi wake wamtelekisa.
26
Wayesenza kakubi kakulu ngokulandela izitixwana, njengako konke ababekwenzile aba‐Amori, abo uyehova wabagqogqa pambi kwosapo luka‐Sirayeli.)
27
Kwaza kwati, akuva u‐Ahabi lamazwi, waṙazula izivato zake, wafaka intlakantlaka enyameni yake, wazila ukutya, walala ngentlakantlaka, wahamba kakuhle.
28
Landula leza ilizwi likayehova ku‐Elija um‐Tishebi, lisiti:
29
Uyabona na ukuba u‐Ahabi uyazigoba pambi kwam? ngokokuba uyazigoba pambi kwam, andiyi kuzisa ububi obo emihleni yake; emihleni yonyana wake ndiya kuzisa ububi obo pezu kwendlu yake.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22