bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Kings 7
1 Kings 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 8 →
1
KODWA indlu yake u‐Solomone wabeyaka iminyaka yalishumi linesitatu; wada wayigqiba yonke indlu yake.
2
Wayaka indlu yehlati le‐Lebanone, ilikulu lekubite ubude bayo, namashumi mahlanu ekubite ububanzi bayo, namashumi matatu ekubite ubupakamo bayo, pezu kwenṙozo ezine zentsika zesedare, nemiqadi yesedare pezu kwazo intsika.
3
Yabifulelwa ngesedare pezulu pezu kweplanke, ezibe zipezu kwentsika ezimashumi mane anesihlanu, zilishumi linesihlanu ngoṙozo.
4
Kwaye kuko izituba, inṙozo ezintatu, ifenstile ingapezu kwefenstile amaxesha matatu.
5
Zonke ingcango nemigubasi zibe zinamacala mane, kwa n ezituba; kanjalo ifentsile ibimalungana nefenstile amaxesha matatu.
6
Wayesenza intendelezo ngentsika, izikubite ezimashumi mahlanu ubude bayo, nekubite ezimashumi matatu ububanzi bayo; nentendelezo pambi kwazo; nentsika nendawo yeplanke pambi kwazo.
7
Waza wenzela iterone intendelezo, apo wagwebayo kona, intendelezo yokugweba; ibe yalekiwe ngesedare, kwa kuwo umzantsi emhlabeni kude kwakuwo umzantsi pezulu.
8
Nendlu yake, apo wahlala kona kwelinye ibala ngapakati kuyo intendelezo, ibinjengesetyenzwa elinjalo. Kanjako wayenzela indlu intombi ka‐Faro, leyo abeyizekile u‐Solomone, njengayo intendelezo leyo.
9
Zonke ezi zibe zingamatye anqabileyo, njengemilinganiswa yamatye aqandulweyo, esikiwe ngesaṙa, pakati nangapandle, kwa kulo isekwa kude kwakulo ulundi, nangapandle ngasebaleni elikulu.
10
Kwaye kusekwa ngamatye anqabileyo, amatye amakulu, amatye ekubite zilishumi, namatye ekubite zisibozo.
11
Napezulu bekuko amatye anqabileyo, njengemilinganiswa yamatye aqandulweyo, nesedare.
12
Kanjalo ibala elikulu ngento engqongayo libe linenṙozo zintatu zamatye aqandulweyo, noṙozo lunye lwemiqadi yesedare; njengakwelapakati ibala lendlu kayehova, nakuyo intendelezo yendlu.
13
WAZA watuma ukumkani u‐Solomone, wamtabata u‐Hirame e‐Tire.
14
Ebengunyana womhlolokazi yena, kwisizwe sika‐Nefatali, oyise ebeyindoda yase‐Tire, incibi yexina; wabezele bubulumko, nengqondo, nokwazi, ukwenza yonke imisebenzi ngexina. Wayesiza kukumkani u‐Solomone, wawenza wonke umsebenzi wake.
15
Ngokuba wadala intsika zambini ngexina, buzikubite ezilishumi linesibozo ubupakamo benye intsika; kanjalo usinga lwekubite ezilishumi linambini belungqonga enye intsika.
16
Wenza nentloko zambini ngexina etyityishiweyo, zokubeka ezincameni zentsika; ubupakamo benye intloko bebuzikubite ezintlanu, nobupakamo benye intloko bebuzikubite ezintlanu.
17
Kwaye kuko iminata yesetyenzwa elipanjanisiweyo, n ezitsaba zesetyenzwa lemixokelelwane, kuzo intloko ezibe zisezincameni zentsika; isixe̔nxe kwenye intloko, nesixe̔nxe kwenye intloko.
18
Wayesenza intsika ezo, nenṙozo zambini ngento engqongayo pezu kwomnata umnye, kuze kugujungelwe intloko ezibe zisencameni, ngegranate; wenje njalo nakwenye intloko.
19
Kekaloku intloko, ezibe zisencameni yentsika, zazingesetyenzwa eliyinyibibaṙa entendelezweni, ikubite zane.
20
Kanjalo intloko pezu kwentsika ezo zombini zibe zinegranate nangapezulu, malungana nendawo epumayo ebingakuwo umnata: kwaye kuko negranate ezimakulu mabini ngenṙozo ngokungqonga pezu kwenye intloko.
21
Waza wazimisa intsika ezo entendelezweni yetempile: wayimisa intsika yasekunene, wayibiza ngegama elingu‐Yakine; wayimisa intsika yasekohlo, wayibiza ngegama elingu‐Bohazi.
22
Napezu kwencam yentsika bekuko isetyenzwa eliyinyibibaṙa: kwa njalo kwafezwa umsebenzi wentsika.
23
Walwenza nolwandle olutyityishiweyo; lwaluzikubite ezilishumi kwa kuwo omnye umpeto kwada kwakuwo omnye umpeto, luyinqukuva ngokungqonga, luzikubite ezintlanu ubupakamo balo; lwalujikelezwa ngentambo yekubite ezimashumi matatu ngento engqongayo.
24
Nangapantsi kwompeto walo ngokungqonga bekuko ikomkomereṙa zilungqonga, zilishumi ekubiteni nye, zilujikelezela ulwandle ngokungqonga: zatyityishwa ikomkomereṙa ezo ngenṙozo zambini, lwakutyityishwa lona.
25
Lwema pezu kwenkabi ezilishumi linambini, ezintatu zibeka ngasenode, nezintatu zibeka ngasentshonalanga, nezintatu zibeka ngasesuyide, nezintatu zibeka ngasempumalanga; lwalupezulu ulwandle pezu kwazo, yonke imiva yazo ingapakati.
26
Isibili salo besibububanzi besandla, nompeto walo ubunjengesetyenzwa lompeto wendebe, njeng entyatyambo zenyibiba: lwabamba ibate ezingamawaka mabini.
27
Wenza nezikondo ezilishumi ngexina; zazikubite ezine ubude besikondo sinye, nekubite ezine ububanzi baso, nekubite ezintatu ubupakamo baso.
28
Lilo eli isetyenzwa lazo izikondo: zibe zinendini, kanjalo indini ezo zibe zipakati kwembombo:
29
napezu kwendini, ezibe zipakati kwembombo, bekuko ingonyama, nenkabi, nekerubime; napezu kwembombo bekuko isikondo ngapezulu; nangapantsi kwazo ingonyama nenkabi bekuko izinto ezibandakanyiweyo zesetyenzwa elikandelweyo.
30
Kwaye kuko ivili zexina zazine kwisikondo sinye, namaceba exina; amagumbi aso omane ebenamagxalaba; ngapantsi kwaso isihlambelo ebeko amagxalaba atyityishiweyo, ngecala lezinto ezibandakanyiweyo ezinye ngezinye.
31
Umlomo waso pakati kwentloko nangapezulu ubuyikubite nye; kanjalo umlomo waso ubuquvile njeng esetyenzwa lesikondo, ikubite nesiqingata sekubite; nakanjako pezu kwomlomo waso bekuko iziqingqwa; kodwa indini zazo bezinamacala mane, zingezeziquvileyo.
32
Kekaloku ivili zone zibe zingapantsi kwendini, nease zevili zona zibe zikuso isikondo; nobupakamo bayo ivili ibiyikubite nesiqingata sekubite.
33
Nesetyenzwa lazo ivili libe linjengesetyenzwa levili yenqwelo: iase zazo, nenafe zazo, nefelenge zazo, nespeke zazo, zonke zatyityishwa.
34
Kwaye kuko amagxalaba mane kuwo amagumbi mane esikondo sinye: amagxalaba aso ebe puma kwa kuso isikondo.
35
Napezu kwengcopo yesikondo bekuko into equvileyo ngokungqonga, isiqingata sekubite ubupakamo bayo; napezu kwengcopo yesikondo izipumelo zaso nendini zaso zibe zi puma kwa kuso.
36
Wayeziqingqa pezu kwamacwecwe ezipumelo zaso napezu kwendini zaso ikerubime, nengonyama, nemiti yepalime, njengendawo yezinye ngezinye, nezinto ezibandakanyiweyo ngokungqonga.
37
Njengokunje wazenza izikondo zolishumi: bekuko ukutyityishwa kunye, umlinganiswa umnye, isimilo sinye, kuzo zonke.
38
Wazenza nezihlambelo ezilishumi ngexina; isihlambelo sinye sabamba ibate zamashumi mane; isihlambelo sinye sibe sizikubite zine; pezu kwazo izikondo zolishumi ezinye ngezinye bekuko isihlambelo sinye.
39
Waza wazibeka izikondo ezihlanu ngelokunene icala lendlu, nezihlanu ngelokohlo icala lendlu; nolwandle walubeka ngelokunene icala lendlu, ngasempumalanga, malungana nesuyide.
40
Kanjalo u‐Hirame wazenza imbiza, nezikotululo, nezitya zokufefela. Wada u‐Hirame wagqiba ukuwenza wonke umsebenzi, owawenzela ukumkani u‐Solomone ngenxa yendlu kayehova:
41
intsika zimbini, nezikanda zentloko ezibe zisencameni yentsika zombini; neminata mibini yokugubungela izikanda zozibini zentloko ezibe zisencameni yazo intsika;
42
negranate ezingamakulu mane zeminata yomibini, inṙozo zimbini zegranate kuwo umnata mnye, kuze kugujungelwe izikanda zozibini zentloko ezibe zisencameni yazo intsika;
43
kwa nezikondo zilishumi, nezihlambelo zilishumi pezu kwazo;
44
nolwandle lunye, nenkabi ezilishumi linambini ngapantsi kwolwandle olo;
45
nembiza, nezikotululo, nezitya zokufefela: nazo zonke ezimpahla, owati u‐Hirame wazenzela ukumkani u‐Solomone ngenxa yendlu kayehova, wazenza ngexina egudisiweyo.
46
Etafeni lase‐Yoredane wazityityisha ukumkani, emhlabeni oludongwe pakati kwe‐Sukote ne‐Tsaretane.
47
Zonke ezimpahla waziyeka u‐Solomone zingalinganiswa, ngenxa yobuninzi obukulu kakulu bazo; bekungenakupengululwa ukuba nzima kwexina.
48
Wayezenza u‐Solomone zonke impahla ezizezendlu kayehova: isibingelo segolide; netafile, ekube kupezu kwayo izonka zokubonakala, ngegolide;
49
nekandelare, isihlanu ngasekunene nesihlanu ngasekohlo, pambi kwendawo yokupendula, ngegolide enqabileyo; nentyatyambo, nezibane, nezitabatelo, ngegolide;
50
nezikotile, nezicimo, nezitya zokufefela, negxebeka, neziqumelo, ngegolide enqabileyo; nehinje zengcango zeyapakati indlu, zeyingcwele yezingcwele indawo, ne zengcango zendlu, zetempile, ngegolide.
51
Kwada kwafezwa wonke umsebenzi, owati ukumkani u‐Solomone wawenzela indlu kayehova. Waza u‐Solomone wazingenisa izinto ezingcwele zika‐Davide uyise, isilivere, negolide, nempahla, wazibeka pakati kwendyebo zendlu kayehova.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22