bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Kings 18
1 Kings 18
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 19 →
1
KWAYE kute emra kwemihla emininzi, landula ilizwi likayehova leza ku‐Elija ngomnyaka wesitatu, lisiti: Hamba, uzibonakalise ku‐Ahabi; ngokuba ndiya kunisa imvula pezu kwobuso bomhlaba.
2
Wasuka wahamba u‐Elija ukuya kuzibonakalisa ku‐Ahabi. Kekaloku indlala ibinzima e‐Samariya.
3
Wada u‐Ahabi wambiza u‐Hobadiya, obepezu kwendlu yake. (Wati u‐Hobadiya wamoyika uyehova kakulu:
4
ngokuba bekute, akuba u‐Jezebele ebenqamla abaprofite bakayehova, wandula u‐Hobadiya watabata abaprofite balikulu, wabafihla ngamashumi mahlanu emqolombeni, wabafunzela ngesonka nangamanzi.)
5
Wayesiti u‐Ahabi ku‐Hobadiya: Hamba elizweni, uye kuyo yonke imitombo yamanzi, nakuyo yonke imilambo; kungati siya kufumana inca, ukuba silondoloze amahashe namaqwaṙaṙa ehleli, singanqamkeIwa zizilo.
6
Baza balaba ilizwe pakati kwabo, ukuba bacande kulo: u‐Ahabi wahamba ngenye indlela eyedwa, no‐Hobadiya wahamba ngenye indlela eyedwa.
7
Kekaloku nxa u‐Hobadiya abesendleleni, bona ke, u‐Elija wahlangana naye; waza wamazi, wawa ebusweni bake, wati: Nguwe na le inkosi yam u‐Elija?
8
Wayesiti kuye: Ndim; hamba, uti kwinkosi yako: Nanku u‐Elija.
9
Kodwa wati: Ndonile nganto nina, ukuba uya kunikela isicaka sako esandleni sika‐Ahabi, ukundibulala?
10
Ehleli nje uyehova, utixo wako, akuko isizwe nobukumkani, apo inkosi yam ingatumelanga kona, ukuba akufune! naxeshekweni kwatiwa: Akako apa; wandula wafungisa obobukumkani nesosizwe, ukuba abakufumananga.
11
Nakaloku uti wena: Hamba, uti kwinkosi yako: Nanku u‐Elija.
12
Kwakuya kuti, nxa ndimkile kuwe, umoya kayehova wokutwalela apo endingaziyo: naxeshekweni ndizayo ukumxelela u‐Ahabi, kanti akangekufumane, uya kwandula andibulale: kodwa mna sicaka sako, ndimoyikile uyehova kwa sebutsheni bam.
13
Akuxelelwanga inkosi yam na, oko ndakwenzayo nxa u‐Jezebele wabulala abaprofite bakayehova, ukuba ndawafihla amadoda alikulu kubaprofite bakayehova ngamashumi mahlanu emqolombeni, ndawafunzela ngesonka nangamanzi?
14
Nakaloku uti wena: Hamba, uti kwinkosi yako: Nanku u‐Elija; waeya kundibulala.
15
Waza wati u‐Elija: Ehleli nje uyehova wemikosi, endimi pambi kwake, ngenyaniso ndiya kuzibonakalisa namhla kuye!
16
Wasuka wahamba u‐Hobadiya ukuya kumkaulela u‐Ahabi, wamxelela: waza u‐Ahabi waya ukumkaulela u‐Elija.
17
Kwabekute, nxa u‐Ahabi abembona u‐Elija, wandula u‐Ahabi wati kuye: Nguwe na lo okatazayo o‐Sirayeli?
18
Wayesiti: Andikatazile o‐Sirayeli mna; nguwe, nendlu kayihlo, ngokokuba niyishiyile imiyalelo kayehova, nokuba ulandele o‐Bali.
19
Ngako kaloku, tuma, uhlanganisele kum o‐Sirayeli bonke entabeni ye‐Karamele, nabaprofite baka‐Bali bengamakulu mane anamashumi mahlanu, nabaprofite baka‐Ashera bengamakulu mane, abadlayo esitebeni sika‐Jezebele.
20
Waza watuma u‐Ahabi pakati kwalo lonke usapo luka‐Sirayeli, wabahlanganisa abaprofite abo entabeni ye‐Karamele.
21
Wandula u‐Elija wasondela kubo bonke abantu, wati: Kwoda kube ninina nipala pakati kwezizindlo zibini? ukuba nguyehova ongutixo, mlandeleni yena; kodwa ukuba ngu‐Bali, mlandeleni yena. Koko abantu bebengampenduli nazwi nye.
22
Walekela u‐Elija wati ebantwini: Ndisele mna umprofite kayehova ndedwa; kanti abaprofite baka‐Bali bangamadoda angamakulu mane anamashumi mahlanu.
23
Makekunikwe kuti inkunzana zibe mbini; mabati bona bazinyulele inkunzana ibe nye, bayihlahle, bayibeke pezu kwenkuni, kodwa umlilo mabangawufaki; nam ndiya kulungisa enye inkunzana, ndiyibeke pezu kwenkuni, kodwa umlilo andiyi kuwufaka:
24
nize nibize ngegama lotixo wenu, ndandiya kubiza mna ngegama likayehova; notixo lowo oya kupendula ngomlilo, makabe nguye ongutixo. Bapendula bonke abantu, bati: Lilungile ilizwi elo.
25
Waza wati u‐Elija kubaprofite baka‐Bali: Zinyuleleni inkunzana ibe nye, niyilungise ukuqala, ngokuba nina nibaninzi; nize nibize ngegama lotixo wenu, kodwa umlilo ningawufaki.
26
Baza batabata inkunzana ebinikwa kubo, bayilungisa, babiza ngegama lika‐Bali kwa sekuseni kwada kwasemini enkulu, besiti: Bali, sipendule! Kodwa bekungeko ilizwi, bekungeko nopendulayo. Bati kanjalo baxantsa ngasesibingelweni esibe senziwe.
27
Kwaye kute emini enkulu, wandula u‐Elija wabahleka, wati: Bizani ngelizwi elikulu; ngokuba engutixo yena: kungaba uyancokola, umhlaumbi uye ngasese, umhlaumbi useluhambeni; ngati ulele ubutongo, ufanel’ ukuvuswa.
28
Baza babiza ngelizwi elikulu, baziqapula njengesiko labo ngamaṙele nangentshuntshe, kwada kwapalaka igazi pezu kwabo.
29
Kwabekute, nxa imini enkulu seidlulile, baprofitesha kwada kwaza kunikelwa ngomnikelo wokudla; kodwa bekungeko ilizwi, bekungeko nompenduli, bekungeko nokupulapula.
30
Wandula wati u‐Elija kubo bonke abantu: Sondelani kum. Basuka bonke abantu basondela kuye. Waza walungisa isibingelo sikayehova esibe sicitekile.
31
Watabata u‐Elija amatye alishumi linamabini njengenani lezizwe zonyana baka‐Yakobi, lowo ilizwi likayehova leza kuye, lisiti: Igama lako loba ngu‐Sirayeli;
32
wasaka ngamatye lawo isibingelo egameni likayehova; nangokungqonga isibingelo wawenza umsele, obulingana nendawo yezilinganiso zibini zembewu.
33
Waza wazicwangcisa inkuni, wayihlahla inkunzana, wayibeka pezu kwenkuni,
34
wati: Zalisani imipanda ibe mine ngamanzi, niwagalele pezu kwedini lokutshiswa, napezu kwenkuni. Wati kanjako: Yenza ngokwesibini. Baye besenza ngokwesibini ke. Walekela wati: Yenza ngokwesitatu. Baye besenza nangokwesitatu.
35
Aza amanzi abaleka ngokungqonga isibingelo; kanjalo nomsele wawuzalisa ngamanzi.
36
Kwaye kute, nxa kunikelwa ngomnikelo wokudla, wandula wasondela u‐Elija umprofite, wati: Yehova, Tixo ka‐Abrahame, ka‐Yisake, noka‐Sirayeli! makwaziwe namhla ukuba wena ungutixo kwa‐Sirayeli, nokuba mna ndisisicaka sako, nokuba ndizenzile zonke ezizinto ngelizwi lako.
37
Ndipendule, Yehova! ndipendule, baze bakwazi abantu aba okokuba wena Yehova unguye utixo, nokuba usongile intliziyo yabo ngomva.
38
Wandul’ ukuwa umlilo kayehova, wadla idini lokutshiswa, nenkuni, namatye, notuli; namanzi abesemseleni wawakotulula.
39
Bati bakubona bonke abantu, bawa ngobuso babo; baye besiti: Nguyehova ongutixo! nguyehova ongutixo!
40
Waza wati u‐Elija kubo: Bambani abaprofite baka‐Bali; makangasindi namnye kubo. Bababamba ke: waza u‐Elija wabahlisela emlanjeni we‐Kishone, wababulala kona apo.
41
Wandula wati u‐Elija ku‐Ahabi: Nyuka, yidla usele nokusela; ngokuba kuko isandi sengxokolo yemvula.
42
Waselenyuka u‐Ahabi ukuya ukudla nokusela; kodwa u‐Elija wenyukela engcopo ye‐Karamele, wazitoba pantsi ngasemhlabeni, wabeka ubuso bake pakati kwamadolo ake,
43
wati kwisicaka sake: Zunyuke, ukangele ngaselwandle. Senyuka ke, sakangela, sati: Akuko nto. Waza wati: Buya uye amaxesha abe sixe̔nxe.
44
Kwaye kute ngelesixe̔nxe ixesha, sati: Nali ilifu elincinane, njengesandla somntu, liti tyi elwandle. Wayesiti: Nyuka, uti ku‐Ahabi: Bopa, uhle ke, ukuba imvula ingakutinti.
45
Kwabekute pakati kwoko, izulu laba mnyama ngamafu nangumoya, yaza yabako imvula enkulu. Wakwela ke u‐Ahabi, waya e‐Yezerele.
46
Saye isandla sikayehova sibe sipezu kwo‐Elija, owabinqa isinqe sake, wabaleka pambi kwo‐Ahabi, kwada kwangenwa e‐Yezerele.
← Chapter 17
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 19 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22