bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Kings 4
1 Kings 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 5 →
1
KWA njalo ukumkani u‐Solomone ebengukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke.
2
Aba ke bazinkosana abenazo: u‐Hazariya, unyana ka‐Tsadoki, ebelinene;
3
u‐Elihorefe no‐Ahiya, onyana baka‐Shisha, bebengababa̔li; u‐Yehoshafate, unyana ka‐Ahilude, ebengumkumbuzi;
4
no‐Benaya, unyana ka‐Yoyada, ebepezu kwomkosi; u‐Tsadoki no‐Abiyatare bebengabaperisite;
5
no‐Hazariya, unyana ka‐Natane, ebepezu kwabo abongama; no‐Zabude, unyana ka‐Natane, ebelinene, umhlobo wokumkani;
6
no‐Ahishare ebepezu kwendlu; no‐Adonirame, unyana ka‐Abeda, ebepezu kwabesitabataba.
7
Kanjalo u‐Solomone ebenabongama abalishumi linababini pezu kwe‐Sirayeli yonke, abafunzelayo ukumkani nabendlu yake; bebenenyanga nye abanye ngabanye emnyakeni mnye ukuba kufunzelwe.
8
Ngawo la amagama abo: unyana ka‐Hure, entabeni yakwa‐Frayime:
9
unyana ka‐Dekere, e‐Makatse, nase‐Shahalabime, nase‐Bete‐shemeshe, nase‐Elonibete‐hanane:
10
unyana ka‐Hesede, e‐Arubote; ebene‐Soko nalo lonke ilizwe lase‐Hefere:
11
unyana ka‐Abinadabi, kuzo zonke induli zase‐Dore; u‐Tafate, intombi ka‐Solomone, ebengumfazi wake:
12
u‐Bahana, unyana ka‐Ahilude, ebe ne‐Tahanaki ne‐Megido, nayo yonke i‐Bete‐shane, engase‐Tsaretana ezantsi kwe‐Yezerele, kutabata e‐Bete‐shane kude kwase‐Abele‐mehola, kude kwasele kwe‐Yokemame:
13
unyana ka‐Gebere, e‐Ramote yase‐Gileyadi; ebenemizi ka‐Yahire unyana ka‐Manase, ese‐Gileyadi; ebenesahlulo se‐Ragobi, esise‐Bashane, izixeko ezikulu zingamashumi matandatu, zinendonga nemivalo yexina:
14
u‐Ahinadabi, unyana ka‐Hido, ebe ne‐Mahanayime:
15
u‐Himahatse ebekwa‐Nefatali; kanjalo yena wazeka u‐Basemate, intombi ka‐Solomone, abe ngumfazi:
16
u‐Bahana, unyana ka‐Hushai, ebekwa‐Ashere nase‐Halote:
17
u‐Yehoshafate, unyana ka‐Paruha, ebekwa‐Yisakare:
18
u‐Shimehi, unyana ka‐Ela, ebekwa‐Benjamine:
19
u‐Gebere, unyana ka‐Uri, ebeselizweni le‐Gileyadi, ilizwe lika‐Sihone ukumkani waba‐Amori, nelika‐Hogi ukumkani we‐Bashane; yena ebekupela kwomongama obekulo ilizwe elo.
20
O‐Juda no‐Sirayeli bebebaninzi, njengentlabati engaselwandle ngobuninzi, besidla, besela, bevuya nokuvuya.
21
Wati u‐Solomone wapata ubukosi pezu kwabo bonke ubukumkani, kwa kuwo umlambo kude kwasezweni lama‐Filistiya, nakude kwasemdeni we‐Jipete: bayisa iminikelo, bamkonza u‐Solomone yonke imihla yokudla kwake ubomi.
22
Kekaloku ukutya kuka‐Solomone, okwemini nye, bekuzikore zomgubo ocolekileyo ezingamashumi matatu, nekore zomgubo ezingamashumi matandatu;
23
nenkabi ezityetyisiweyo ezilishumi, nenkabi zamadlelo ezimashumi mabini, negusha ezilikulu; ngapandle kwamaxama, namabadi, namaza, nenkuku ezityetyisiweyo.
24
Ngokuba ebenobukosi pezu kwalo lonke ilizwe elinganeno kwomlambo, kwa kuyo i‐Tipesahi kude kwase‐Gaza, pezu kwabo bonke okumkani nganeno kwomlambo; waye enoxolo ngawo onke amacala ake ngokungqonga.
25
Bati o‐Juda no‐Sirayeli bahlala ngokunqaba, abanye ngabanye ngapantsi kwomti weveyine wabo nangapantsi kwomkiwane wabo, kwa se‐Dane kude kwase‐Beresheba, yonke imihla ka‐Solomone.
26
Kanjalo u‐Solomone ebenezitale zamahashe enqwelwana zake ezingamawaka angamashumi mane, namahashe okukwelwa angamawaka alishumi linesibini.
27
Kekaloku abongama abo babefunzela ukumkani u‐Solomone, nabo bouke abasondelayo etafileni yokumkani u‐Solomone, abanye ngabanye ngenyanga yabo; abaswelekisa nto:
28
neṙalasi nenca bazizisela amahashe lawo namahashe azimbaleki kulondawo, apo baye beko kona, abanye ngabanye njengesiko labo.
29
Kanjako utixo wampa u‐Solomone ubulumko, nengqondo eninzi kakulu, nobubanzi bentliziyo, njengentlabati eselunxwemeni lwolwandle.
30
Babubukulu ubulumko buka‐Solomone pezu kwobulumko bawo onke amadoda asempumalanga, napezu kwabo bonke ubulumko bama‐Jipete:
31
ewe ebelumkile pezu kwabantu bonke; pezu kwo‐Etane um‐Ezera, no‐Hemani, no‐Kalikoli, no‐Dareda, onyana baka‐Mahole: lwati udumo lwake lwabako kuzo zonke izizwe ezingqongayo.
32
Wayeteta imizekeliso engamawaka matatu; nengoma zake zibe ziliwaka elinantlanu.
33
Wateta nangemiti, kwa kuyo isedare ese‐Lebanone kwada kwakuyo ihisope epumayo eludongeni; wateta nangezilo, nangentaka, nangezinambuzane, nangentlanzi.
34
Kwaza kwavela kubo bonke abantu ukuva ubulumko buka‐Solomone, kubo bonke okumkani bomhlaba, ababevile ngobulumko bake.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22