bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Kings 14
1 Kings 14
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 15 →
1
NGELOXESHA u‐Abiya, unyana ka‐Jerobome, wabesifa.
2
Waza wati u‐Jerobome kumfazi wake: Kausuke, uzenze ngakumbi, ukuze kungaziwa ukuba ungumfazi ka‐Jerobome, uhambele e‐Shilo; nankuya kona u‐Ahiya umprofite, lowo watetayo ngam ukuba ndibe ngukumkani pezu kwababantu.
3
Uze utabate esandleni sako izonka zibe lishumi, nemiqatane, negubu lobusi, uye kuye: yena wokuxelela into eyakuhla umfana.
4
Wenje njalo ke umfazi ka‐Jerobome, wayesuka, wahambela e‐Shilo, weza endlwini ka‐Ahiya. Kekaloku u‐Ahiya wakohlwa kukubona; ngokuba ebete nqi amehlo ake ngenxa yobudala bake.
5
Koko uyehova wati ku‐Ahiya: Bona ke, umfazi ka‐Jerobome uyeza ukubuza into kuwe ngaye unyana wake, ngokuba esifa yena: ngokunje nangokunje uya kuteta kuye; ngokuba kuya kuti, nxa ezayo, uya kuzenzisa wumbi.
6
Kwaza kwati, akuva u‐Ahiya intlokoma yenyawo zake, nxa abengena ngocango, wandula wati: Ngena, mfazi ka‐Jerobome! kunganina lento uzenzisa wumbi? ngokuba nditunyiwe kuwe nendaba ezinzima.
7
Hamba, uti ku‐Jerobome: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ngenxa yokuba bendikupakamisa pakati kwabantu, ndaza ndakwenza inkosi pezu kwabantu bam o‐Sirayeli,
8
ndaṙazula ubukumkani kuyo indlu ka‐Davide, ndabunika kuwe; nokuba ungabanga njengesicaka sam u‐Davide, owagcinayo imiyalelo yam, nowandilandelayo ngayo yonke intliziyo yake, ukwenza oko kufaneleyo emehlweni am kodwa;
9
koko ukwenzile okukohlakeleyo ngapezu kwabo bonke ababepambili kuwe: ngokuba uye wakwenzela otixo bambi, nemifanekiso etyityishiweyo, ukundiqumbisa, nam undilahlile emva kwomhlana wako:
10
ngako oko, bona ke, ndiya kuzisa ububi pezu kwendlu ka‐Jerobome, ndinqamlele u‐Jerobome lowo unobudoda, ovaliweyo nokululekileyo kwa‐Sirayeli; ndandiya kukukulisa indlu ka‐Jerobome, njengokuba kukukuliswa umgquba, ide igqityelwe.
11
Lowo ka‐Jerobome obubayo esixekweni, izinja ziya kumdla; nalowo ububayo endle, intaka zezulu ziya kumdla; ngokuba uyehova etshilo.
12
Suka wena ngoko, uye endlwini yako; zisakungena inyawo zako esixekweni, uya kububa umfana lowo.
13
Baye o‐Sirayeli bonke beya kumlilela, bamncw̔abe: ngokuba nguye yedwa engoka‐Jerobome oya kuza encw̔abeni, ngenxa yokuba kufunyanwa kuye into elungileyo ngakuye uyehova, utixo wo‐Sirayeli, pakati kwendlu ka‐Jerobome.
14
Kanjako uyehova wozivusela ukumkani pezu kwo‐Sirayeli, oya kunqamla indlu ka‐Jerobome ngalomhla: kodwa yinto nina? kuya kubako kwa ngoku.
15
Ngokuba uyehova eya kubeta o‐Sirayeli, njengokuba ingcongolo izanyazanyiswa emanzini, abancotule o‐Sirayeli kulomhlaba olungileyo wawunikayo koyise babo, abati sa pesheya kwomlambo; ngenxa yokuba bazenzile i‐Ashera zabo, bequmbisa uyehova nje.
16
Waeya kuyekelela o‐Sirayeli ngenxa yezono zika‐Jerobome, owonileyo yena, nowenzeyo o‐Sirayeli bone nabo.
17
Wandula wesuka umfazi ka‐Jerobome, wemka, waya e‐Tiretsa: esakuza pezu kwombundu wendlu, umfana wabuba;
18
baza bamncw̔aba: bati o‐Sirayeli bonke bamlilela; njengelizwi likayehova, abelitetile ngesandla sesicaka sake u‐Ahiya umprofite.
19
Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Jerobome, ukuba wati nina ukulwa, nokuba wati nina ukupata ubukumkani, bona ke, iba̔liwe yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli.
20
Nemihla owabepata ubukumkani ngayo u‐Jerobome, Ibiyiminyaka engamashumi mabini enesibini: wada walala noyise bake, waza u‐Nadabi unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
21
KEKALOKU u‐Rehobome unyana ka‐Solomone wapata ubukumkani kwa‐Juda: ebeyiminyaka engamashumi mane enamnye ubudala bake, akuba ngukumkani u‐Rehobome, waza wapata ubukumkani iminyaka yalishumi elinesixe̔nxe e‐Yerusaleme, isixeko abesinyulile uyehova kuzo zonke izizwe ze‐Sirayeli, ukuba alibeke igama lake kona. Igama lonina belingu‐Nahama, um‐Hamonikazi.
22
Baye o‐Juda besenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, bamvusela ikwele, ngapezu kwako konke bebekwenze oyise babo, ngezono zabo abonayo ngazo.
23
Ngokuba nabo bebezakela indawo ezipakamileyo, nentsika zamatye, ne‐Ashera, pezu kwazo zonke induli ezinde, nangapantsi kwayo yonke imiti eluhlaza.
24
Kwaye kubako nengnawo elizweni: benza njengazo zonke izinto ezibuntshontsho zentlanga ezibe zigqogqiwe nguyehova ebusweni bosapo luka‐Sirayeli.
25
Kwaye kute ngowesihlanu umnyaka wokumkani u‐Rehobome, wenyuka u‐Shishaki ukumkani we‐Jipete ngakuyo i‐Yerusaleme:
26
wayesusa indyebo zendlu kayehova, nendyebo zendlu yokumkani; kwa zonke wazisusa: wayesusa onke amakaka egolide abewenzile u‐Solomone kanjalo.
27
Waza ukumkani u‐Rehobome wawenza endaweni yawo amakaka exina, wawanikela esandleni senkosi zomlisela, obugcina umnyango wendlu yokumkani.
28
Kwati ke, nxa asukuba ebesiya ukumkani endlwini kayehova, umlisela wawatwala, wabuya weza nawo enkambilini yomlisela.
29
Nesisalela semicimbi ka‐Rehobome, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda?
30
Kwaye kuko imfazwe pakati kwo‐Rehobome no‐Jerobome yonke imihla yabo.
31
Wada walala u‐Rehobome noyise bake, wancw̔atywa noyise bake esixekweni sika‐Davide. Igama lonina belingu‐Nahama, um‐Hamonikazi. Waza u‐Abiyame unyana wake wapata ubukumkani esikundleni sake.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22