bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Kings 10
1 Kings 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 11 →
1
WATI ukumkanikazi we‐Sheba, akuva udumo luka‐Solomone ngokwegama likayehova, weza ukumlinga ngezintsonkotelo.
2
Wayesiza e‐Yerusaleme nomkosi omkulu kunene, inkamela zitwele izimnandi, nento eninzi yegolide, namatye anqabileyo: wati akuza ku‐Solomone, wateta naye konke okusentliziyweni yake.
3
Waza u‐Solomone wamtyilela onke amazwi ake: akwabiko nento ebimfihlelwa ukumkani, abengamtyileli yona.
4
Kekaloku nxa ukumkanikazi we‐Sheba wabona bonke ubulumko buka‐Solomone, nendlu abeyakile,
5
nokutya kwesitebe sake, nokuhlala kwezicaka zake, nokuma kwabakonzi bake, nezivato zabo, nabancamli bake, nesinyukelo sake, owenyuka ngaso ukuya endlwini kayehova, akwabi sabiko umoya kuye.
6
Wayesiti kukumkani: Beliyinene ilizwi elo bendiliva elizweni lam, ngemicimbi yako nangobulumko bako.
7
Kodwa bendingakolwa ngamazwi lawo, ndide ndafika, aza abona amehlo am: kekaloku bona ke, andixelelwanga nesiqingata; ugqitisile ngobulumko nangobutamsanqa iṙeto endalivayo.
8
Anenyweba amadoda ako, zinenyweba ezizicaka zako, ezimiyo futi ebusweni bako, ezivayo ubulumko bako.
9
Makabongwe uyehova, utixo wako, owakukolelayo, ukuba akubeke pezu kweterone yakwa‐Sirayeli. Ngokuba uyehova ebatandile o‐Sirayeli ngonapakade, kukona akumiseleyo ube ngukumkani, ukwenza ubugwebo nobulungisa.
10
Waza wamnika ukumkani italente zegolide zalikulu elinamashumi mabini, nento eninzi yezimnandi, namatye anqabileyo: bekungasiza izimnandi kanjako ngokuba zininzi njengezo ukumkanikazi we‐Sheba wazinika kukumkani u‐Solomone.
11
Nakanjalo inqanawa zika‐Hirame, ezatuta igolide e‐Ofire, zavela e‐Ofire nemiti yelamuge emininzi kakulu, namatye anqabileyo.
12
Waye ukumkani ngemiti yelamuge leyo wenzela indlu kayehova nendlu yokumkani izixaso, wenz ela abaculi ikinore nenebele kanjalo: bekungasiza imiti yelamuge enjalo, bekungabonwa enjalo kanjako, kwada kwanamhla nje.
13
Waza ukumkani u‐Solomone wamnika ukumkanikazi we‐Sheba konke ukutanda kwake, oko wakucelayo, ngapandle kwoko wamnikayo ngokwesisa sokumkani u‐Solomone. Wada wabuya, wahambela kwelake ilizwe, yena nezicaka zake.
14
Kekaloku ukulinganiswa kwayo igolide ebisiza ku‐Solomone emnyakeni mnye, bezizitalente zegolide ezingamakulu matandatu anamashumi matandatu enesitandatu;
15
ngapandle kwebisiza ngabaṙatyazi, nokutenga kwabatengisi, nabo bonke okumkani base‐Arabi, nenkosi zelizwe.
16
Waza ukumkani u‐Solomone wenza amakaka angamakulu mabini ngegolide ekandelweyo; kwafakwa amakulu matandatu eshekele zegolide pezu kwekaka linye:
17
wazenza nengweletshetshe ezingamakulu matatu ngegolide ekandelweyo; kwafakwa imina zegolide zantatu pezu kwengweletshetshe inye: waza ukumkani wazibeka endlwini yehlati le‐Lebanone.
18
Waye ukumkani kanjako wayenza iterone enkulu yopondo lwendlovu, wayaleka ngegolide ecocekileyo.
19
Iterone leyo ibinezinyukelo zitandatu, nentloko yeterone ibiyinqukuva ngasemva; bekuko nezayamelo ngelicala nangeliya ngasendaweni yokuhlala, nengonyama zimbini zimi kufupi nezayamelo ezo:
20
zema kona nengonyama zilishumi linambini ngelicala nangeliya pezu kwazo izinyukelo zitandatu: akwenziwanga enjalo kobunye ubukumkani.
21
Kanjako zonke impahla zokusela zokumkani u‐Solomone zibe zizezegolide, nazo zonke impahla zendlu yehlati le‐Lebanone zibe zizezegolide enqabileyo: bekungeko e zesilivere; ibingabalelwa luto yona emihleni ka‐Solomone.
22
Ngokuba ukumkani ebenenqanawa zase‐Tareshishe pezu kwolwandle, kunye nenqanawa zika‐Hirame: kwakanye eminyakeni mitatu zafika inqanawa zase‐Tareshishe, zizisa igolide, nesilivere, n empondo zendlovu, nenkau, namaseme.
23
Kwa njalo ukumkani u‐Solomone wayemkulu pezu kwabo bonke okumkani bomhlaba, ngobutyebi nangobulumko.
24
Kanjako umhlaba wonke wabufuna ubuso buka‐Solomone, ukuze babuve ubulumko bake, obo wabubeka utixo entliziyweni yake.
25
Baye besiza abanye ngabanye nebaso labo, impahla zesilivere, nempahla zegolide, nengubo, nezixo̔bo, nezimnandi, n amahashe, namaqwaṙaṙa; into yomnyaka ngomnyaka.
26
Waye u‐Solomone kanjalo wabuta inqwelo namahashe okukwelwa; wabenenqwelo zaliwaka linamakulu mane, namahashe okukwelwa angamawaka alishumi linesibini; owazibeka ezixekweni zenqwelo, nakuye ukumkani e‐Yerusaleme.
27
Kanjako ukumkani wayenza isilivere e‐Yerusaleme njengamatye, nemiti yesedare wayenza njengemikiwane esezihlanjeni, ngokuba mininzi.
28
Nokuvela kwamahashe ka‐Solomone e‐Jipete, wati umhlambi wabatengi bokumkani wamkela umhlambi wamahashe ngenani elitile.
29
Kwaye kunyuka kwapuma inqwelo e‐Jipete nge shekele zesilivere ezingamakulu matandatu, nehashe ngezilikulu linamashumi mahlanu: kwaye kunjalo bekuku̔tshelwa bonke okumkani bama‐Hete, nokumkani be‐Siriya, ngesandla sabo.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22