bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Kings 15
1 Kings 15
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 16 →
1
Ngoweshumi linesibozo umnyaka wokumkani u‐Jerobome unyana ka‐Nebati, waba ngukumkani u‐Abiyame pezu kwo‐Juda.
2
Ibiyiminyaka mitatu wabepata ubukumkani e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Mahaka, intombi ka‐Abishalome.
3
Waza wahamba kuzo zonke izono zoyise, abezenzile yena pambili kuye; kanjalo intliziyo yake ibingakolisekile ngakuyehova, utixo wake, njengentliziyo ka‐Davide uyise.
4
Noko ngenxa ka‐Davide, uyehova, utixo wake, wamnika isibane e‐Yerusaleme, ngokuvusa unyana wake emva kwake, nangokumisa i‐Yerusaleme:
5
ngokokuba u‐Davide ebekwenzile okufaneleyo emehlweni kayehova, engapambukanga nje kuko konke abemyalele ngako, yonke imihla yokudla kwake ubomi, kupela ngomcimbi ka‐Huriya um‐Hete.
6
Kwabekuko imfazwe pakati kwo‐Rehobome no‐Jerobome, yonke imihla yokudla kwake ubomi.
7
Nesisalela semicimbi ka‐Abiyame, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda? Kwako imfazwe kanjalo pakati kwo‐Abiyame no‐Jerobome.
8
Wada walala u‐Abiyame noyise bake, wancw̔atywa esixekweni sika‐Davide; waza u‐Asa unyana wake wapata ubukumkani esikundleni sake.
9
Ngowamashumi mabini umnyaka ka‐Jerobome ukumkani wo‐Sirayeli, waba ngukumkani u‐Asa pezu kwo‐Juda.
10
Yabiyiminyaka engamashumi mane anamnye wabepata ubukumkani e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Mahaka, intombi ka‐Abishalome.
11
Waye u‐Asa esenza okufaneleyo emehlweni kayehova, njengo‐Davide uyise.
12
Wazikwelelisa ingnawo elizweni, wasusa zonke izitixwana ababezenzile oyise bake.
13
Kanjalo no‐Mahaka unina, kwa yena wamshenxisa ukuba angabi ngukumkanikazi, ngokokuba ebelenzile idalo ku‐Ashera; waza u‐Asa wagaula idalo lake, walitshisa ngasemlanjaneni we‐Kidrone.
14
Kodwa indawo ezipakamileyo bezingasuswa: noko intliziyo ka‐Asa ibikolisekile ngakuyehova yonke imihla yake.
15
Wayezingenisa izinto ezingcwele zoyise, nezake izinto ezingcwele, endlwini kayehova, isilivere, negolide, nempahla.
16
Kwabekuko imfazwe pakati kwo‐Asa no‐Bahasha ukumkani wo‐Sirayeli yonke imihla yabo.
17
Waza wenyuka u‐Bahasha ukumkani wo‐Sirayeli ngakwa‐Juda, wayaka i‐Rama, ukuze angavumeli namnye ukupuma nokungena ku‐Asa ukumkani wo‐Juda.
18
Wandula u‐Asa watabata yonke isilivere, negolide, ezibe zisele pakati kwendyebo zendlu kayehova nendyebo zendlu yokumkani, wazinikela esandleni sezicaka zake; waza ukumkani u‐Asa wazituma ku‐Bene‐hadadi, unyana ka‐Tabrimone, unyana ka‐Heziyone, ukumkani we‐Siriya, obehlala e‐Damakusi, esiti:
19
Kuko ucebano pakati kwam nawe, na pakati kwobawo wam noyihlo wako: bona ke, nditumile kuwe ibaso, isilivere negolide; hamba, wapule ucebano lwako no‐Bahasha ukumkani wo‐Sirayeli, ukuba enyuke kum.
20
Wapulapula ke u‐Bene‐hadadi kukumkani u‐Asa, watuma inkosi zezimpi abenazo ngakuzo izixeko zakwa‐Sirayeli, wabeta i‐Hiyone, ne‐Dane, ne‐Abele‐betemahaka, nayo yonke i‐Kinerete, kunye nelizwe lonke lakwa‐Nefatali.
21
Kwaza kwati, nxa abevile oku u‐Bahasha, wayeka ukwaka i‐Rama, waya wahlala e‐Tiretsa.
22
Wandula ukumkani u‐Asa wabiza o‐Juda bonke, (bekungeko okululekileyo,) ukuba basuse amatye e‐Rama, nemiti yayo, abe akile ngazo u‐Bahasha; waza ukumkani u‐Asa waka ngazo i‐Geba yakwa‐Benjamine, ne‐Mitsipa.
23
Nesisalela sayo yonke imicimbi ka‐Asa, nawo onke amandla ake, nako konke abekwenza, nezixeko abezaka, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda? Kodwa ngexesha lobudala bake wabenesifo ezinyaweni zake.
24
Wada u‐Asa walala noyise bake, wancw̔atywa noyise bake esixekweni sika‐Davide uyise: waza u‐Yehoshafate unyana wake wapata ubukumkani esikundleni sake.
25
KEKALOKU u‐Nadabi unyana ka‐Jerobome waba ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli, ngowesibini umnyaka ka‐Asa ukumkani wo‐Juda, wapata ubukumkani pezu kwo‐Sirayeli iminyaka yamibini.
26
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, wahamba ngendlela yoyise, nangesono sake abebenzile o‐Sirayeli bone ngaso.
27
Waza u‐Bahasha unyana ka‐Ahiya, owendlu ka‐Yisakare, waceba ngakuye; wasuka u‐Bahasha wambeta e‐Gibetone, eyeyama‐Filistiya, nxa u‐Nadabi no‐Sirayeli bonke bebevingcela i‐Gibetone.
28
Kwa njalo u‐Bahasha wambulala, ngomnyaka wesitatu ka‐Asa ukumkani wo‐Juda, wapata ubukumkani esikundleni sake.
29
Kwaza kwati, akuba ngukumkani, wabeta yonke indlu ka‐Jerobome; akasalisa nento epefumlayo ku‐Jerobome, wada wamtshabalalisa, njengelizwi likayehova, elo wabelitetile ngesicaka sake u‐Ahiya um‐Shilo:
30
ngenxa yezono zika‐Jerobome, owonayo yena, nowenzayo o‐Sirayeli bone nabo, ngengcapukiso yake owamcapukisa ngayo uyehova, utixo wo‐Sirayeli.
31
Nesisalela semicimbi ka‐Nadabi, nako konke abekwenza, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Sirayeli?
32
Kwabekuko imfazwe pakati kwo‐Asa no‐Bahasha ukumkani wo‐Sirayeli yonke imihla yabo.
33
Ngomnyaka wesitatu ka‐Asa ukumkani wo‐Juda, waba ngukumkani u‐Bahasha unyana ka‐Ahiya pezu kwo‐Sirayeli bonke e‐Tiretsa, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mabini anamine.
34
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, wahamba ngendlela ka‐Jerobome, nangesono sake abebenzile o‐Sirayeli bone ngaso.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22