bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Kings 13
1 Kings 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 14 →
1
Kekaloku bona ke, indoda katixo yavela kwa‐Juda, ngelizwi likayehova, yeza e‐Betele: waye u‐Jerobome wayemi esibingelweni, waqumisa.
2
Yaza yabiza ngakuso isibingelo ngelizwi likayehova, yati: Sibingelo! sibingelo! utsho uyehova ukuti: Bona ke, umntwana uya kuzalelwa kwindlu ka‐Davide, ngu‐Josiya igama lake, oya kubinga pezu kwako abaperisite bendawo ezipakamileyo, abo baqumisayo pezu kwako, namatambo abantu bowatshisa pezu kwako.
3
Yaza yanika kwa ngalomini umqondiso, isiti: Nguwo lo umqondiso wokuba utetile uyehova: bona ke, isibingelo siya kuṙazuka, luti ututu olupezu kwaso lupalake.
4
Kwaye kute, nxa ukumkani alivile ilizwi lendoda katixo, ebibizile ngakuso isibingelo esise‐Betele, wandula u‐Jerobome wolula isandla sake esesibingelweni, esiti: Yibambeni! Koko isandla sake abesolule ngakuyo sashwabana, wada wakohlwa kukusibuyisela kuye.
5
Kanjalo isibingelo saṙazuka, lwati ututu lwapalaka esibingelweni, njengomqondiso obunikiwe yindoda katixo ngelizwi likayehova.
6
Wandula wapendula ukumkani wati kwindoda katixo: Zubongoze ubuso bukayehova, utixo wako, unditandazele, ukuba isandla sam sibuyele kum. Yaza indoda katixo yabongoza ubuso bukayehova; sada isandla sokumkani sabuyela kuye, saba njengapambili.
7
Waza ukumkani wateta kwindoda katixo, esiti: Yiza nam ekaya, uzomeleze, ndandiya kukupa ibaso.
8
Kodwa indoda katixo yati kukumkani: Nakuba ubuya kundipa isiqingata sokwendlu yako, andiyi kuya nawe; kanjako isonka andiyi kusidla, namanzi andiyi kuwasela, kulendawo:
9
ngokuba kungokunjalo bekundiyalelwa ngelizwi likayehova, kusitwa: Akuyi kudla isonka, akuyi kusela namanzi, akuyi kubuya nokubuya ngalondlela ubuhamba ngayo.
10
Ngako yahamba ngendlela yimbi, ayabuya ngalondlela ibisiza ngayo ukuza e‐Betele.
11
Kekaloku bekuhlala e‐Betele umprofite omdala; wayesiza unyana wake, wambalisela konke ukwenza okube kwenziwe yindoda katixo ngalomini e‐Betele: amazwi ibiwatetile kukumkani, lawo bawabalisa kuyise wabo nawo.
12
Waza wateta kubo uyise wabo, esiti: Ihambile ngeyipina indlela? Ngokuba onyana bake bebebonile indlela eyabihamba ngayo indoda katixo, eyavela kwa‐Juda.
13
Wayesiti konyana bake: Ndibopele iqwaṙashe. Baza bambopela iqwaṙashe, wakwela pezu kwalo,
14
wahamba emva kwayo indoda katixo, wayifumana ihleli ngapantsi kwomkoba: wayesiti kuyo: Nguwe na indoda katixo ebivela kwa‐Juda? Yati: Ndim.
15
Waza wati kuyo: Yiya nam ekaya, usidle isonka.
16
Yati: Ndikohliwe ukubuya nawe, nokungena nawe; kanjako isonka andiyi kusidla, namanzi andiyi kuwasela nawe, kulendawo:
17
ngokuba ilizwi leza kum ngelizwi likayehova, lisiti: Akuyi kudla isonka, akuyi kusela kona namanzi; akuyi kubuya ngokuhamba ngalondlela ubuhamba ngayo.
18
Waza wati kuyo: Nam ndingumprofite, njengawe; kekaloku ingelosi yateta kum ngelizwi likayehova, isiti: Yibuyise nawe iye endlwini yako, ukuba isidle isonka, isele namanzi. Kodwa waxoka kuyo.
19
Yandula yabuya naye, yadla isonka endlwini yake, yasela namanzi.
20
Kwaza kwati, besahleli bona ngasesitebeni, leza ilizwi likayehova, kumprofite obeyibuyisile;
21
owabiza ngakuyo indoda katixo eyavela kwa‐Juda, esiti: Utsho uyehova ukuti: Ngenxa yokuba uvukele umlomo kayehova, nokuba ungagcinanga umyalelo abekuyalele wona uyehova, utixo wako,
22
koko ubuyile, udlile isonka, uselile namanzi, endaweni abete kuwe ngayo: Ungadli isonka, ungaseli namanzi; isidumbu sako asiyi kuza encw̔abeni loyihlo bako.
23
Kwaye kute, emveni kwokuba ibidlile isonka, nasemveni kwokuba ibiselile, wandula wabopa iqwaṙashe, ebop ela umprofite owabembuyisile.
24
Yasuka yahamba, yaza ingonyama yafumanana nayo endleleni, yayibulala: saye isidumbu sayo siposiwe pantsi endleleni, lati iqwaṙashe lema ngakuso, nengonyama yema ngasesidunjini.
25
Kekaloku bona ke, amadoda ebedlula, abona isidumbu siposiwe pantsi endleleni, nengonyama imi ngasesidunjini; ayesiza axelela esixekweni, apo umprofite omdala ebehlala kona.
26
Akuva umprofite owayibuyisayo endleleni, wati: Yindoda katixo, eyavukela umlomo kayehova; ngako uyehova uyinikele engonyameni, eyapuleyo, yayibulala, njengelizwi likayehova, elo walitetayo kuyo.
27
Waza wateta konyana bake, esiti: Ndibopele iqwaṙashe. Babopa ke.
28
Wasuka wahamba, wafumana isidumbu sayo siposiwe pantsi endleleni, kwa neqwaṙashe nengonyama zimi ngasesidunjini: ingonyama ibingadlanga isidumbu, ibingalapulanga iqwaṙashe kanjalo.
29
Wandula umprofite wafunqula isidumbu sendoda katixo, wasilalisa eqwaṙasheni, wabuya naso: waye umprofite omdala esiza esixekweni, ukwenza isijwili, nokuyincw̔aba.
30
Wayelalisa isidumbu sayo kwelake incw̔aba; baza benza isijwili pezu kwayo, besiti: Au, mzalwana wam!
31
Kwabekute, emvenikweni abeyincw̔abile, watsho konyana bake, esiti: Nxa ndibubile, nandule nindincw̔abe encw̔abeni elo indoda katixo incw̔atyiwe kulo; lalisa amatambo am ngakuwo amatambo ayo:
32
ngokuba liya kubako ngenyaniso ilizwi yalibizayo, ngelizwi likayehova, ngakuso isibingelo esise‐Betele, nangakuzo zonke izindlu zendawo ezipakamileyo ezisezixekweni zase‐Samariya.
33
Emveni kwalendawo akaguquka uJerobome endleleni yake ekohlakeleyo, kodwa wabuya wabenza ebantwini bonke abaperisite bendawo ezipakamileyo; lowo ubetanda wamtwasisa, waza waba ngomnye wabaperisite bendawo ezipakamileyo.
34
Kanjalo lento yaba sisono kwindlu ka‐Jerobome, kwa ukuyicita nokuyitshabalalisa ebusweni bomhlaba.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22