bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Kings 19
1 Kings 19
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 20 →
1
WAZA u‐Ahabi wamxelela u‐Jezebele konke abekwenzile u‐Elija, nabo bonke abebabulele, bonke abaprofite abo, ngeṙele.
2
Wandula u‐Jezebele watuma isigidimi ku‐Elija, esiti: Mabenje njalo otixo kum, balekele ukwenje njalo, ukuba andenzi ubomi bako njengobomi bomnye kubo malunga nelixesha langomso!
3
Wati akubona oko, wesuka, wahambela ubomi bake, weza e‐Beresheba, eyeyakwa‐Juda, wasishiya isicaka sake kona.
4
Kodwa wahamba yena entlango ihambo yamini nye, weza wahlala ngapantsi kwomti weroteme; waza wazicelela ukuba makafe, wati: Kwanele; kaloku, Yehova! susa ubomi bam; ngokuba ndingalungile mna pezu kwobawo bam.
5
Wati akuba ebete butu, elele ubutongo ngapantsi kwawo umti weroteme, bona ke, yandula yampata ingelosi, yati kuye. Vuka, utye.
6
Waza wakangela, kekaloku nasi ngasentlokweni yake isonkana sojiwe pezu kwamatye ashushu, negubu lamanzi: watya ke, wasela nokusela, wabuya walala pantsi.
7
Yabuya ke ingelosi kayehova ngokwesibini, yampata, yati: Vuka, utye; ngokuba ihambo inkulu kuwe.
8
Waza wavuka, wadla wasela nokusela, wahamba ngamandla okokutya, imini zamashumi mane nobusuku bamashumi mane, ukuya entabeni katixo, e‐Horebe.
9
Wada wafika kona emqolombeni, walalisa apo; kekaloku bona ke, ilizwi likayehova leza kuye, lati kuye: Wenza nto nina apa, Elija?
10
Wayesiti: Bendinekwele kakulu ngenxa kayehova, utixo wemikosi; ngokuba usapo luka‐Sirayeli lushiyile ucebano lwako, izibingelo zako luzicitile, nabaprofite bako lubabulele ngeṙele; sendisele mna ndedwa, nobomi bam luyabufuna, ukuba lubususe.
11
Wati ke: Puma, ume entabeni pambi kwoyehova. Kekaloku bona ke, uyehova wadlula, wati umoya omkulu onamandla wazirazula intaba, waqekeza namawa, pambi kwoyehova; ebengeko emoyeni uyehova: nasemva kwomoya bekuko isingcangcazelo somhlaba; ebengeko esingcangcazelweni somhlaba uyehova:
12
nasemva kwesingcangcazelo somhlaba bekuko umlilo: ebengeko emlilweni uyehova: nasemva kwomlilo bekuko ilizwi elizolileyo elincinane.
13
Kwaza kwati, akuva lona u‐Elija, wagqubutela ubuso bake ngengubo yake, wapuma, wema emnyango womqolomba. Kekaloku bona ke, kweza kuye ilizwi, elati: Wenza nto nina apa, Elija?
14
Wayesiti: Bendinekwele kakulu ngenxa kayehova, utixo wemikosi: ngokuba usapo luka‐Sirayeli lushiyile ucebano lwako, izibingelo zako luzicitile, nabaprofite bako lubabulele ngeṙele: sendisele mna ndedwa, nobomi bam luyabufuna, ukuba lubususe.
15
Wati uyehova kuye: Hamba, buya ngendlela yako ukuya entlango yase‐Damakusi: uti wakufika, utambise u‐Hazayeli abe ngukumkani pezu kwe‐Siriya;
16
no‐Jehu unyana ka‐Nimshi uya kumtambisa abe ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli: no‐Elisha unyana ka‐Shafate, owase‐Abele‐mehola, uya kumtambisa abe ngumprofite esikundleni sako.
17
Kwaye kuya kuti, osindayo eṙeleni lika‐Hazayeli, lowo u‐Jehu uya kumfisa: nosindayo eṙeleni lika‐Jehu, lowo u‐Elisha uya kumfisa.
18
Noko ndisalisile kwa‐Sirayeli amawaka asixe̔nxe, onke amadolo angaguqileyo ku‐Bali, nayo yonke imilomo engamanganga.
19
Wasuka wemka apo, wamfumana u‐Elisha unyana ka‐Shafate, obepulusha ngezibini zenkabi zilishumi linesibini pambi kwake, waye yena eneseshumi linesibini: waza u‐Elija wamdlula, waposa ingubo yake pezu kwake.
20
Waseleshiya inkabi, wabaleka emva kwo‐Elija, wati: Makendange ubawo noma, ndandule ukulandela wena. Wayesiti kuye: Hamba, buya; ngokuba kuyinto nina endiyenzileyo kuwe?
21
Waza wabuya kuye, watabata isibini senkabi, wazibinga, wapeka inyama yazo ngempahla zenkabi, wanika ebantwini, baza badla. Wandula wesuka, wamlandela u‐Elija, wamkonza.
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22