bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Kings 22
1 Kings 22
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
1
KWAYE kuhleliwe iminyaka mitatu, kungeko imfazwe pakati kwama‐Siriya no‐Sirayeli.
2
Kwaza kwati ngomnyaka wesitatu, wehla u‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda ukuya kukumkani wo‐Sirayeli.
3
Wada wati ukumkani wo‐Sirayeli ezicakeni zake: Anazi na ukuba i‐Ramote yase‐Gileyadi yeyetu? kanti tina siti tu, singayibambi esandleni sokumkani we‐Siriya.
4
Wati nakuye u‐Yehoshafate: Uya kuhamba na nam ukulwa e‐Ramote yase‐Gileyadi? Waye u‐Yehoshafate esiti kukumkani wo‐Sirayeli: Njengokuba unjalo wena, ndinjalo mna; njengokuba benjalo abantu bako, banjalo abantu bam; njengokuba enjalo amahashe ako, anjalo amahashe am.
5
Walekela u‐Yehoshafate wati kukumkani wo‐Sirayeli: Kaubuze ke namhla elizwini likayehova.
6
Wandula ukumkani wo‐Sirayeli wahlanganisa abaprofite, ngati ngamadoda amakulu mane, wati kubo: Ndiya kuya ngase‐Ramote yase‐Gileyadi ukulwa, ndiya kuyeka, kusinina? Bati: Nyuka; ngokuba inkosi iya kuyinikela esandleni sokumkani.
7
Wati kodwa u‐Yehoshafate: Akuseko na apa umprofite kayehova, ukuba sibuze ngaye?
8
Waza ukumkani wo‐Sirayeli wati ku‐Yehoshafate: Kuseko indoda inye, ekungabuzwayo kuyehova ngayo, kodwa ndiyayitiya, ngokuba ingaprofiteshi ngam okulungileyo, koko iprofitesha okubi; ngu‐Mikaya unyana ka‐Yimla. Wayesiti u‐Yehoshafate: Makangatsho njalo ukumkani!
9
Wandula ukumkani wo‐Sirayeli wambiza umbusi, wati: Nxama umzise u‐Mikaya unyana ka‐Yimla.
10
Kekaloku ukumkani wo‐Sirayeli, no‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda, bahlala omnye nomnye pezu kweterone yake, bevatisiwe ngezivato zobukumkani, enkundleni ngasemnyango wesango le‐Samariya; bati abaprofite bonke baprofitesha ebusweni babo.
11
Kanjalo u‐Zedekiya unyana ka‐Kenana ebezenzele impondo zesincete; waza wati: Utsho uyehova ukuti: Ngazo ezi uya kunquba ama‐Siriya ude uwagqibele.
12
Benje njalo nabaprofite bonke ukuprofitesha, besiti: Nyuka uye e‐Ramote yase‐Gileyadi, utamsanqeleke; ngokuba uyehova eya kuyinikela esandleni sokumkani.
13
Kekaloku isigidimi esibe siye ukumbiza u‐Mikaya sateta kuye, sisiti: Bona ke, amazwi abaprofite ngomlomo mnye ateta okulungileyo kukumkani; makeliti ke ilizwi lako libe njengelizwi lomnye kubo, uz’ utete okulungileyo.
14
Wati kodwa u‐Mikaya: Ehleli nje uyehova, oko akutshoyo uyehova kum, ndiya kuteta kwa kona.
15
Wasuka weza kukumkani. Waza wati ukumkani kuye: Mikaya! siya kuya e‐Ramote yase‐Gileyadi ukulwa, siya kuyeka, kusinina? Wayesiti kuye: Nyuka, utamsanqeleke; ngokuba uyehova eya kuyinikela esandleni sokumkani.
16
Waza wati ukumkani kuye: Kwoda kube ngamaxesha mangapina ndiya kukufungisa, ukuba ungateti nto kum, kupela ibe yinyaniso, egameni likayehova?
17
Wayesiti: Ndabona o‐Sirayeli bonke bete sa pezu kwentaba, njengegusha ezingenaye umalusi; wati ke uyehova: Akuko inkosi kubo aba; mababuye abanye ngabanye baye ezindlwini zabo ngoxolo.
18
Waza ukumkani wo‐Sirayeli wati ku‐Yehoshafate: Andite kuwe na, akayi kuprofitesha ngam okulungileyo, koko eya kuprofitesha okubi?
19
Wayesiti: Ngako oko yiva ilizwi likayehova: Ndabona uyehova ehleli pezu kweterone yake, nawo wonke umkosi wasezulwini umi ngakuye, ngasekunene kwake nangasekohlo kwake.
20
Waza wati uyehova: Ngubanina oya kuhenda u‐Ahabi, ukuba enyuke, enzakale e‐Ramote yase‐Gileyadi? Wati omnye ngokuti, wati nomnye ngokuti.
21
Wada wapuma umoya, wema pambi kwoyehova, wati: Ndiya kumhenda mna.
22
Wati uyehova kuye: Nganina? Wayesiti: Ndiya kupuma, ndize ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabo bonke abaprofite bake. Wati: Uya kuhenda, wauya kweyisa kanjalo: puma, wenje njalo ke.
23
Ngako kaloku, bona ke, uyehova ubekile umoya wobuxoki emlonyeni wabo bonke ababaprofite bako; kanjalo uyehova utetile ngawe okubi.
24
Wandula wasondela u‐Zedekiya unyana ka‐Kenana, wambeta u‐Mikaya esidleleni, wati: Wadlula ngayipina indlela umoya kayehova evela kum ukuya kuteta nawe?
25
Wayesiti u‐Mikaya: Bona ke, uya kubona ngalomini uya kungena ngayo enkambilini yapakati, ukuba uzimele.
26
Waza wati ukumkani wo‐Sirayeli: Tabata u‐Mikaya, umbuyisele ku‐Amoni inkosi yesixeko, naku‐Yohashe unyana wokumkani,
27
uti: Utsho ukumkani ukuti: Fakani lo entolongweni, nimdlise isonka sembandezelo namanzi embandezelo, ndide ndize ngoxolo.
28
Waza wati u‐Mikaya: Ukuba uka ubuye ngoxolo, uyehova akatetanga ngam. Walekela wati: Pulapulani, bantu, nina nonke!
29
Wandula wenyuka ukumkani wo‐Sirayeli, no‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda, ukuya e‐Ramote yase‐Gileyadi.
30
Waza ukumkani wo‐Sirayeli wati ku‐Yehoshafate: Ndiya kuzenza ngakumbi, ndingene pakati kwokulwa; kodwa wena, yambata izivato zako zobukumkani. Kwa njalo ukumkani wo‐Sirayeli wazenza ngakumbi, wangena pakati kwokulwa.
31
Kekaloku ukumkani we‐Siriya ebeyalele inkosi zenqwelwana abenazo, zingamashumi matatu anambini, ngokuti: Aniyi kulwa kwa nabancinane nabakulu, kupela niya kulwa nokumkani wo‐Sirayeli yedwa.
32
Kwaye kute, xeshekweni inkosi zenqwelwana zambonayo u‐Yehoshafate, zasezisiti: Okunene ngukumkani wo‐Sirayeli lowo. Zaza zapambuka ukuya kulwa ngakuye; kodwa u‐Yehoshafate wakala.
33
Kwaza kwati, zakubona inkosi zenqwelwana ukuba asi nguye ukumkani wo‐Sirayeli, zabuya ekumlandeleni.
34
Yandula indoda etile yatyeda isipeta ekungazini kwayo, yambeta ukumkani wo‐Sirayeli pakati kwamakonxo nehempe yentsimbi. Ngako wati kumbexeshi wake: Songa isandla sako, upume nam emkosini; ngokuba ndenziwe inxeba.
35
Kwaye kusanda ukulwa ngalomini; waza ukumkani waxaswa enqwelwaneni malungana nama‐Siriya: kodwa wafa ngokuhlwa, lati igazi lenxeba lapalalela esifubeni senqwelwana.
36
Kwandula kwahamba indanduluko pakati kwomkosi lakutshona ilanga, isiti: Mabaye abanye ngabanye esixekweni sabo, nabanye ngabanye elizweni labo!
37
Kwa njalo wafa ukumkani, waziswa e‐Samariya; baye bemncw̔aba ukumkani e‐Samariya.
38
Kwati kwakuyalazwa inqwelwana ngasecibini lase‐Samariya, izinja zakota igazi lake, nxa ingnawokazi zahlambayo, njengelizwi likayehova abelitetile.
39
Nesisalela semicimbi ka‐Ahabi, nako konke wakwenzayo, nendlu yopondo lwendlovu owayakayo, nazo zonke izixeko abezakile, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani wo‐Sirayeli?
40
Wada walala u‐Ahabi noyise bake; waza u‐Ahaziya unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
41
KEKALOKU u‐Yehoshafate unyana ka‐Asa waba ngukumkani pezu kwo‐Juda, ngomnyaka wesine ka‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli,
42
u‐Yehoshafate ebeyiminyaka imashumi matatu anesihlanu ubudala bake, akuba ngukumkani; wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mabini anamihlanu e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Hazuba, intombi ka‐Shilihi.
43
Waye ehamba ngayo yonke indlela ka‐Asa uyise, akapambuka kuyo, esenza okufaneleyo emehlweni kayehova: kodwa indawo ezipakamileyo bezingasuswa; abantu basabinga baqumisa ezindaweni ezipakamileyo.
44
Kanjalo u‐Yehoshafate walwenza uxolo nokumkani wo‐Sirayeli.
45
Nesisalela semicimbi ka‐Yehoshafate, namandla ake abesenza ngawo, nokuba wati nina ukulwa, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi yemihla ngemihla yokumkani bo‐Juda?
46
Nengnawo eziseleyo, ezibe zisele emihleni ka‐Asa uyise, wazisusa elizweni.
47
Oko bekungeko ukumkani e‐Edome; umongama ebengukumkani.
48
U‐Yehoshafate wazenza inqanawa zase‐Tareshishe ukuba ziye e‐Ofire ngenxa yegolide: kodwa zibe zingayi, ngokuba inqanawa zapukayo e‐Hetsiyone‐gebere.
49
Wandula wati u‐Ahaziya unyana ka‐Ahabi ku‐Yehoshafate: Maziye izicaka zam kunye nezicaka zako ezinqanaweni; koko u‐Yehoshafate ebengavumi.
50
Wada u‐Yehoshafate walala noyise bake, wancw̔atywa noyise bake esixekweni sika‐Davide uyise; waza u‐Yehorame unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
51
U‐AHAZIYA unyana ka‐Ahabi waba ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli e‐Samariya, ngomnyaka weshumi linesixe̔nxe ka‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda, wapata ubukumkani iminyaka yamibini pezu kwo‐Sirayeli.
52
Wayesenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, wahamba endleleni yoyise, nasendleleni yonina, nasendleleni ka‐Jerobome unyana ka‐Nebati, owabenza o‐Sirayeli bone:
53
ngokuba wabekonza u‐Bali, watoba pambi kwake, wamqumbisa uyehova, utixo wo‐Sirayeli, njengako konke abekwenzile uyise wake.
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22