bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Kings 2
1 Kings 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 3 →
1
KWADA kwasondela imihla ka‐Davide yokuba afe; waza wamyolela u‐Solomone unyana wake, esiti:
2
Mna ndiyahamba ngendlela yomhlaba wonke: uze womelele, wenze njengendoda;
3
uwugcine umyalezelo kayehova, utixo wako, ukuhamba ezindleleni zake, ukugcina imimiso yake, n emiyalelo yake, nezigwebo zake, nezinqi̔nelo zake, njengokuba̔liweyo emtetweni ka‐Mosesi: ukuze ulungiseke kuko konke okwenzayo, nalapo usukuba usinga kona;
4
ukuze uyehova aliqinise ilizwi owalitetayo ngam, esiti: Ukuba onyana bako baya kulumkela indlela yabo, ukuhamba ebusweni bam ngenyaniso, ngayo yonke intliziyo yabo, nangawo wonke umpefumlo wabo, akuyi kukunqamkela indoda (wabesitsho) pezu kweterone yakwa‐Sirayeli.
5
Kanjako wena uyakwazi oko wakwenzayo kum u‐Jowabi unyana ka‐Tseruya, oko wakwenzayo kwinkosi ezimbini zemikosi yo‐Sirayeli, ku‐Abenere unyana ka‐Nere, naku‐Hamasa unyana ka‐Yetere, owababulalayo, wapalaza igazi lemfazwe ekuxoleni, wabeka igazi lemfazwe pezu kwombinqo wake obusesinqeni sake, napezu kwezihlangu zake ebezisezinyaweni zake:
6
yenza ngoko ngobulumko bako, uze ungazihliseli encw̔abeni izimvi zake ngoxolo.
7
Kodwa onyana baka‐Barezilai um‐Gileyadi, benzele bona ububele; mababe pakati kwabo abadlayo etafileni yako: ngokuba kwa ngokunjalo bebesondela kum, ndakusaba ebusweni buka‐Abasalome umzalwana wako.
8
Kanjalo, bona ke, kuko nawe u‐Shimehi unyana ka‐Gera, um‐Benjamine wase‐Bahurime, owandiqalekisayo ngesiqalekiso esinzima, emhleni ndabendisiya e‐Mahanayime: kodwa wehla ukuza kundikaulela e‐Yoredane, ndaza ndamfungela uyehova, ndisiti: Andiyi kukufisa ngeṙele.
9
Ngako kaloku, ungamyeki angabi natyala, ngokuba wena uyindoda elumkileyo; wauya kukwazi oko unga ukwenza kuye, ukuba uzihlisele encw̔abeni izimvi zake ngegazi.
10
Wada walala u‐Davide noyise bake, wancw̔atywa esixekweni sika‐Davide.
11
Kekaloku imihla u‐Davide ebepete ubukumkani ngayo pezu kwo‐Sirayeli, ibiyiminyaka engamashumi mane: e‐Hebrone wapata ubukumkani iminyaka yasixe̔nxe, nase‐Yerusaleme wapata ubukumkani iminyaka yamashumi matatu anamitatu.
12
WAZA u‐Solomone wahlala pezu kweterone ka‐Davide uyise; bati ubukumkani bake baqiniswa kakulu.
13
Wandula weza u‐Adonija unyana ka‐Hagiti ku‐Batesheba unina ka‐Solomone; owati: Luxolo na ukuza kwako? Wayesiti: Luxolo.
14
Walekela wati: Ndinelizwi kuwe. Wayesiti: Teta.
15
Waza wati: Uyazi wena ukuba ubukumkani ububobam, nokuba bonke o‐Sirayeli bebebekile ubuso babo pezu kwam, ukuba ndibe ngukumkani; kodwa buguqukile ubukumkani, baba bobomzalwana wam; ngokuba bebubobake buvela kuyehova.
16
Nakaloku, ndiyacela isicelo sinye kuwe, ungasongi ubuso bam. Wayesiti kaye: Teta.
17
Waza wati: Zutete ku‐Solomone ukumkani, (ngokuba engayi kusonga ubuso bako,) ukuba andinike u‐Abishage um‐Shunemekazi abe ngumfazi.
18
Wayesiti u‐Batesheba: Kulungile; ndokutetela kukumkani.
19
Waza waya u‐Batesheba kukumkani u‐Solomone, ukuba atete kuye ngenxa ka‐Adonija. Wesuka ke ukumkani ukuya kumkaulela, watoba kuye; wandula wahlala eteroneni yake, wambekela unina wokumkani isihlalo; waya wahlala ngasekunene kwake.
20
Waza wati: Ndiyacela kuwe isicelo sinye esincinane, ungasongi ubuso bam. Wati ukumkani kuye: Cela, ma̔! ngokuba ndingayi kusonga ubuso bako.
21
Wayesiti: Makanikwe u‐Abishage um‐Shunemekazi ku‐Adonija umzalwana wako abe ngumfazi.
22
Wapendula ukumkani u‐Solomone, wati kuye unina: Kunganina pofu ukuba umcelele u‐Adonija u‐Abishage um‐Shunemekazi? mcelele ubukumkani nabo; ngokuba engumkuluwe wam yena; ewe cel ela yena, no‐Abiyatare umperisite, no‐Jowabi unyana ka‐Tseruya.
23
Waza ukumkani u‐Solomone wafunga uyehova, esiti: Utixo makenje njalo kum, alekele ukwenje njalo, ukuba u‐Adonija akalitetanga elilizwi ngakubo ubomi bake!
24
Ngako kaloku, ehleli nje uyehova, ondiqinisileyo, wandihlalisa pezu kweterone ka‐Davide ubawo, nondenzeleyo indlu, njengoko abekutetile, ngenyaniso namhla uya kufiswa u‐Adonija!
25
Wandula watuma ukumkani u‐Solomone ngesandla sika‐Benaya unyana ka‐Yoyada; owamwelayo wada wafa.
26
Nakuye u‐Abiyatare umperisite wati ukumkani: Hamba uye e‐Hanatote, emasimini ako; ngokuba wena ufanelwe kukufa: kodwa ngelixesha andiyi kukufisa, ngokuba ubuyitwala ityeya yenkosi e nguyehova pambi kwo‐Davide ubawo, nangokuba ububandezelwa kuko konke wabebandezelwa ngako ubawo.
27
Waza u‐Solomone wamgxota u‐Abiyatare, ukuba angabi ngumperisite kuyehova; kuze kuzalisekiswe ilizwi likayehova, abelitetile pezu kwendlu ka‐Heli e‐Shilo.
28
Zada zafika indaba ku‐Jowabi; ngokuba u‐Jowabi ebepambukele emva kwo‐Adonija, nangona abengapambukelanga emva kwo‐Abasalome. Wandula u‐Jowabi wesabela ententeni kayehova, wabambelela ezimpondweni zesibingelo.
29
Kwaza kwashunyayelwa kukumkani u‐Solomone, okokuba u‐Jowabi wesabele ententeni kayehova, nokuba nankuya ngasesibingelweni. Wandula u‐Solomone watuma u‐Benaya unyana ka‐Yoyada, esiti: Hamba, uye umwele.
30
Wasuka u‐Benaya weza ententeni kayehova, wati kuye: Utsho ukumkani ukuti: Puma. Wayesiti: Hai; koko ndiya kufa kwa lapa. Wabuya u‐Benaya wazisa impendulo kukumkani, esiti: Kungokunje watetayo u‐Jowabi, nangokunje wandipendula.
31
Wati ukumkani kuye: Yenza njengoko akutetileyo, umwele, umncw̔abe; ukuze ususe igazi elingenatyala, elo walipalazayo u‐Jowabi, kwa kum, nakuyo indlu kabawo.
32
Waye uyehova eya kubuyisa igazi lake pezu kweyake intloko, owawela amadoda amabini abemgqita ngobulungisa nangokulunga, wawabulala ngeṙele, ubawo u‐Davide engazi nje; kwa u‐Abenere unyana ka‐Nere, inkosi yomkosi wo‐Sirayeli, no‐Hamasa unyana ka‐Yetere, inkosi yomkosi wo‐Juda.
33
Kwa njalo igazi labo liya kubuya pezu kwentloko ka‐Jowabi, napezu kwentloko yenzalo yake kude kube ngunapakade; kodwa ku‐Davide, nakuyo inzalo yake, nakuyo indlu yake, nakuyo iterone yake, kwobako uxolo kude kube ngunapakade luvela kuyehova.
34
Wasuka wenyuka u‐Benaya unyana ka‐Yoyada, wamwela, wamfisa; waza wancw̔atywa endlwini yake entlango.
35
Wandula ukumkani wammisa u‐Benaya unyana ka‐Yoyada esikundleni sake pezu kwomkosi; no‐Tsadoki umperisite, ukumkani wammisa esikundleni sika‐Abiyatare.
36
Waza watuma ukumkani wambiza u‐Shimehi, wati kuye: Zakele indlu e‐Yerusaleme, uhlale apo, uze ungapumi kona ukuya nalapa napaya:
37
ngokuba kuya kuti ngomhla wokupuma kwako, nxa uya kuwela umlanjana we‐Kidrone, woqinisa ukwazi ukuba uya kufa ngenyaniso; igazi lako loba pezu kweyako intloko.
38
Wayesiti u‐Shimehi kukumkani: Lilungile ilizwi elo; njengoko ikutetileyo inkosi yam ukumkani, siya kwenje njalo isicaka sako. Waza u‐Shimehi wahlala e‐Yerusaleme imihla yamininzi.
39
Kwaye kute ekupeleni kweminyaka mitatu, zaqwesha izicaka zibini zika‐Shimehi zaya ku‐Akishe unyana ka‐Mahaka, ukumkani we‐Gate. Kwaza kwaxelwa ku‐Shimehi, kusitwa: Naziya izicaka zako e‐Gate.
40
Wandula wesuka u‐Shimehi, wabopa iqwaṙashe lake, wahambela e‐Gate ku‐Akishe ukufuna izicaka zake; wahamba ke u‐Shimehi, wabuyisa izicaka zake e‐Gate.
41
Kwada kwashunyayelwa ku‐Solomone, okokuba u‐Shimehi ebemkile e‐Yerusaleme waya e‐Gate, nokuba ebebuyile.
42
Waza watuma ukumkani wambiza u‐Shimehi, wati kuye: Andikufungisanga uyehova na, ndanqi̔nisa kuwe, ndisiti: Ngomhla wokupuma kwako, nxa uya kuhamba nalapa napaya, qinisa ukwazi ukuba uya kufa ngenyaniso? waza wati kum: Lilungile ilizwi endilivileyo.
43
Kunganina ngoko ukuba akugcinanga isifungo sikayehova, nomyalelo endikuyaleleyo ngawo?
44
Walekela wati ukumkani ku‐Shimehi: Uyazi wena yonke inkohlakalo, leyo iyaziyo intliziyo yako, obuyenza ku‐Davide ubawo; ngako uyehova uya kubuyisa inkohlakalo yako pezu kweyako intloko;
45
kodwa ukumkani u‐Solomone uya kutanyusanqelwa, neterone ka‐Davide yona yoqiniswa pambi kwoyehova kude kube ngunapakade.
46
Waza ukumkani wamyalela u‐Benaya unyana ka‐Yoyada, owapuma ke, wamwela, wada wafa. Kwa njalo ubukumkani bebuqiniswa esandleni sake u‐Solomone.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22