bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Kings 11
1 Kings 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 12 →
1
KODWA ukumkani u‐Solomone watanda abafazi bezinye intlanga abaninzi, ngapandle kwentombi ka‐Faro, ama‐Mowabikazi, aba‐Hamonikazi, ama‐Edomekazi, ama‐Tsidonekazi, n ama‐Hetekazi;
2
abentlanga abete uyehova elusatsheni luka̔‐Sirayeli: Aniyi kungena kuzo, kanjalo zona aziyi kungena kuni; ngenyaniso, ziya kupambukisa intliziyo yenu ukuya emva kwotixo bazo: kwa kubo aba wanamatela u‐Solomone ngotando.
3
Wayenabafazi abangamakulu asixe̔nxe, bengamakosikazi, namashweshwe angamakulu matatu: bada abafazi bake bapambukisa intliziyo yake.
4
Ngokuba bekute ngexesha lobudala buka‐Solomone, abafazi bake bapambukisa intliziyo yake ukuya emva kwotixo bambi; yaye intliziyo yake yayingakolisekile ngakuyehova, utixo wake, njengentliziyo ka‐Davide uyise.
5
Ngokuba u‐Solomone ebelandela u‐Hashetorete utixokazi wama‐Tsidone, no‐Milikome intshontsho yaba‐Hamoni.
6
Waye u‐Solomone kanjalo ekwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova, engakolisi ukulandela uyehova, njengo‐Davide uyise.
7
Oko wayaka u‐Solomone indawo epakamileyo ku‐Kemoshe intshontsho yama‐Mowabi, entabeni epambi kwe‐Yerusaleme, naku‐Moleke intshontsho yosapo luka‐Hamoni.
8
Wayesenzela bonke abafazi bake bezinye intlanga kwa ngokunjalo, abaqumisayo babingelela kotixo babo.
9
Waza waqumba uyehova ngakuye u‐Solomone, ngokuba intliziyo yake ipambukile kuyehova, utixo wo‐Sirayeli, obebonakele kuye kabini,
10
wamyalela ngalendawo, ukuba makangalandeli otixo bambi: kodwa akagcina oko wamyalelayo uyehova.
11
Ngako wati uyehova ku‐Solomone: Ngenxa yokuba iko lento kuwe, ukuba akugcinanga ucebano lwam nezimiselo zam endikuyaleleyo ngazo, ndiya kuṙazula ngenyaniso ubukumkani obu kuwe, ndibunike kwisicaka sako.
12
Andiyi kukwenza oku noko emihleni yako, ngenxa ka‐Davide uyihlo wako; ndobuṙazula esandleni sonyana wako.
13
Kodwa andiyi kuṙazula ubukumkani bonke; isizwe sinye ndosinika kunyana wako, ngenxa ka‐Davide isicaka sam, nangenxa ye‐Yerusaleme endiyinyulileyo.
14
Waza uyehova wamvusela u‐Solomone umalane, u‐Hadade um‐Edome: yena ebengowenzalo yokumkani e‐Edome.
15
Ngokuba bekute, akuba u‐Davide ebese‐Edome, nxa u‐Jowabi inkosi yomkosi ebenyukile ukuya kuncw̔aba abahlatyiweyo, seebulele nje bonke ababudoda e‐Edome;
16
(ngokuba u‐Jowabi ebesala kona inyanga zantandatu, no‐Sirayeli bonke, wada wanqamla bonke ababudoda e‐Edome;)
17
wandula wesaba u‐Hadade, yena namadoda atile angama‐Edome ezicakeni zoyise kunye naye, ukuya e‐Jipete; waye u‐Hadade engumfana omncinane.
18
Baye besuka e‐Midiyane, beza e‐Parane; batabata amadoda nabo e‐Parane, bada bafika e‐Jipete, ku‐Faro ukumkani we‐Jipete; owamnika indlu, wamabela ukudla, wamnika nomhlaba.
19
Waza u‐Hadade wafumana ufefe olukulu emehlweni ka‐Faro, wada wamnika abe ngumfazi udade womfazi wake, udade ka‐Tapenesi ukumkanikazi.
20
Wati udade ka‐Tapenesi wamzalela u‐Genubate, unyana wake, obelunyulwa ngu‐Tapenesi endlwini ka‐Faro; waza u‐Genubate wasendlwini ka‐Faro pakati kwonyana baka‐Faro.
21
Kekaloku akuva u‐Hadade e‐Jipete, ukuba u‐Davide walala noyise bake, nokuba u‐Jowabi inkosi yomkosi ufile, wati u‐Hadade ku‐Faro: Ndindulule, ukuba ndiye elizweni lam.
22
Wandula wati u‐Faro kuye: Pofu uswele nto nina kum, ukuba, bona ke, ufuna ukuya elizweni lako? Wayesiti: Akuko nto; kodwa kaundindulule noko.
23
Kanjako utixo wamvusela omnye umalane, u‐Rezone unyana ka‐Eliyada, owesaba ku‐Hadadezere ukumkani we‐Tsoba inkosi yake.
24
Wada wahlanganisela kuye amadoda, waba yinkosi yebandla, okuya u‐Davide wababulala abase‐Tsoba: basuka baya e‐Damakusi, bahlala kona, bapata ubukumkani e‐Damakusi.
25
Wayengumalane yena ko‐Sirayeli yonke imihla ka‐Solomone, ngapandle kwobubi a bebenza u‐Hadade: wayetiya o‐Sirayeli, wapata ubukumkani pezu kwe‐Siriya.
26
No‐Jerobome unyana ka‐Nebati, um‐Eferata wase‐Tsereda, isicaka sika‐Solomone, onina ebenegama elingu‐Tseruha, umhlolokazi, kwa naye wapakamisa isandla ngakuye u‐Solomone.
27
Nantsi indawo wapakamisa isandla ngakuye ukumkani ngayo: u‐Solomone waka i‐Milo, wavingca intanda zesixeko sika‐Davide uyise.
28
Kekaloku indoda leyo, u‐Jerobome, ibiliṙoti elikalipileyo: waza u‐Solomone, akubona indodana leyo ukuba yawenza umsebenzi, wayongamisa pezu kwawo wonke umtwalo wendlu ka‐Josefe.
29
Kwaza kwati ngeloxesha, akuba u‐Jerobome epumile e‐Yerusaleme, wandula u‐Ahiya um‐Shilo, umprofite, wamfumana endleleni; waye yena ezinamekile ngengubo entsha; babebodwa bobabini endle:
30
waza u‐Ahiya wabamba ingubo entsha ebikuye, wayiṙazula ibe ziziziba zilishumi linazibini;
31
wayesiti ku‐Jerobome: Zitabatele iziziba zibe lishumi; ngokuba esitsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bona ke, ndiya kuṙazula ubukumkani esandleni sika‐Solomone, ndinike wena izizwe ezilishumi:
32
(kodwa isizwe sinye soba sesake, ngenxa yesicaka sam u‐Davide, nangenxa ye‐Yerusaleme, isixeko endisinyulileyo kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli:)
33
ngenxa yokuba bandishiyile, nokuba batobile pambi kwo‐Hashetorete utixokazi wama‐Tsidone, n o‐Kemoshe utixo wama‐Mowabi, no‐Milikome utixo wosapo luka‐Hamoni, bengahambanga nje ezindleleni zam, ukwenza okufaneleyo emehlweni am, kwa izimiselo zam nezigwebo zam, njengo‐Davide uyise.
34
Kodwa andiyi kususa ubukumkani bonke esandleni sake; koko ndiya kumenza abe yinkosi yonke imihla yokudla kwake ubomi, ngenxa ka‐Davide isicaka sam, endamnyulayo, ngokuba wabegcina imiyalelo yam nezimiselo zam:
35
kodwa ndiya kususa ubukumkani esandleni sonyana wake, ndibunike kuwe, kwa izizwe ezilishumi.
36
Nakunyana wake ndiya kunika isizwe sinye, ukuze u‐Davide isicaka sam abe nesibane ngamaxesha onke ebusweni bam e‐Yerusaleme, isixeko endisinyulele mna, ukuba ndibeke igama lam kona.
37
Kanjalo wena ndokutabata, wauya kupata ubukumkani pezu kwako konke okukanukwayo ngumpefumlo wako, ube ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli.
38
Kwakuya kuti, ukuba uya kupulapula konke endikuyalelayo ngako, uhambe ezindleleni zam, wenze okufaneleyo emehlweni am, ukugcina imimiselo yam nemiyalelo yam, njengokuba wenje njalo u‐Davide isicaka sam, ndiya kwandula ndibe nawe, ndikwakele indlu eqinileyo, njengokuba ndimakele u‐Davide, ndikunike o‐Sirayeli.
39
Ndandiya kubandezela inzalo ka‐Davide ngenxa yoku; kodwa akuyi kuba njalo amaxesha onke.
40
Ngako u‐Solomone wafuna ukumfisa u‐Jerobome. Wandula wesuka u‐Jerobome, wesabela e‐Jipete, ku‐Shishaki ukumkani we‐Jipete, wabeko e‐Jipete kwada kwafa u‐Solomone.
41
Kekaloku isisalela semicimbi ka‐Solomone, nako konke wakwenzayo, nobulumko bake, ayiba̔lwanga na yona encwadini yemicimbi ka‐Solomone?
42
Nexesha u‐Solomone wabepata ubukumkani ngalo e‐Yerusaleme pezu kwo‐Sirayeli bonke, ibiyiminyaka engamashumi mane.
43
Wada u‐Solomone walala noyise bake, wancw̔atywa esixekweni sika‐Davide uyise; waza u‐Rehobome unyana wake waba ngukumkani esikundleni sake.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22