bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Kings 8
1 Kings 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 9 →
1
WANDULA u‐Solomone wabahlanganisa abadala bo‐Sirayeli, nabo bonke abazintloko zezizwe, inkosi zendlu zoyise zosapo luka‐Sirayeli, ukuza kukumkani u‐Solomone e‐Yerusaleme, ukuba bayinyuse ityeya yocebano lukayehova esixekweni sika‐Davide, esiyiyo i‐Ziyone.
2
Aza onke amadoda akwa‐Sirayeli ahlanganiselwa kukumkani u‐Solomone, ngenyanga yo‐Etanime, emtendelekweni; yona yinyanga yesixe̔nxe.
3
Beza ke bonke abadala bo‐Sirayeli; bati abaperisite bayifunqula ityeya.
4
Baza benyusa ityeya kayehova, nentente yentlangano, nazo zonke impahla ezingcwele ezibe zikuyo intente leyo; ezi zinto bazinyusa abaperisite naba‐Levi.
5
Kanjalo ukumkani u‐Solomone, nayo yonke intlanganiso yo‐Sirayeli abebehlanganisene ngakuye, a bebenaye pambi kwetyeya, bebebinga igusha nenkabi, ezazingenakubalwa nokulinganiswa ngokuba zininzi.
6
Baza abaperisite bayingenisa ityeya yocebano lukayehova endaweni yayo, endaweni yokupendula yendlu, kweyingcwele yezingcwele, ngapantsi kwamapiko ekerubime.
7
Ngokuba ikerubime zatwabulula amapiko omabini ngapezu kwendawo yetyeya; kanjalo ikerubime zagubungela ityeya nezibonda zayo pezulu.
8
Kwandula kwar̔olwa izibonda, ukuba zabonakala incam zezibonda kweyingcwele indawo pambi kwendawo yokupendula, kanti bezingabonakali ngapandle; ziko nakona kude kube namhla nje.
9
Bekungeko nto etyeyeni, kupela ngamacwecwe amatye omabini, abe ebekwa kona ngu‐Mosesi e‐Horebe, okuya uyehova walwenza ucebano nosapo luka‐Sirayeli, ekupumeni kwalo elizweni le‐Jipete.
10
Kwaza kwati, bakupuma abaperisite kweyingcwele indawo, landula ilifu layizalisa indlu kayehova;
11
bada bakohlwa abaperisite kukuma ukukonza ngenxa yelifu elo; ngokuba ubungcwalisa bukayehova bebuzalisile indlu kayehova.
12
Waza wati u‐Solomone: Uyehova ute uya kuhlala esitokotokweni.
13
Sendikwakele ngenyaniso indlu yokuhlala, indawo yokuhlala kwako kude kube ngunapakade.
14
Wandula ukumkani waguqula ubuso bake, watamsanqelisa yonke intlanganiso yo Sirayeli; (yati yonke intlanganiso yo‐Sirayeli yema;)
15
wayesiti: Makabongwe uyehova, utixo wo‐Sirayeli, owateta ngomlomo wake ku‐Davide ubawo, waza wazalisekisa ngesandla sake, esiti:
16
Kuselokwalomhla endapumisayo abantu bam o‐Sirayeli e‐Jipete, andinyulanga nasinye isixeko kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, ukuba kwakiwe indlu, lize igama lam libe kona; koko ndimnyulile u‐Davide ukuba abe pezu kwabantu bam o‐Sirayeli.
17
Kwaye kusentliziyweni ka‐Davide ubawo, ukwakela igama likayehova, utixo wo‐Sirayeli, indlu.
18
Kodwa uyehova wati ku‐Davide ubawo: Okokuba bekusentliziyweni yako ukwakela igama lam indlu, ulungisile ukuba bekusentliziyweni yako.
19
Noko indlu leyo akuyi kuyaka wena; kodwa unyana wako oya kupuma esinqeni sako, nguye oya kwakela igama lam indlu leyo.
20
Kwa njalo uyehova uqinisile ilizwi lake abelitetile; ngokuba ndivukile esikundleni sika‐Davide ubawo, ndihleli nje pezu kweterone yakwa‐Sirayeli, njengokuba etetile uyehova; ndandakele igama likayehova, utixo wo‐Sirayeli, indlu.
21
Kanjalo ndimisele kona indawo yetyeya, apo lukona ucebano lukayehova, olo walwenzayo nobawo betu, nxa wabapumisayo elizweni le‐Jipete.
22
Waza u‐Solomone wema pambi kwesibingelo sikayehova, ebusweni bayo yonke intlanganiso yo‐Sirayeli, wazolula izandla zake ngasezulwini,
23
wati: Yehova, Tixo wo‐Sirayeli! akuko tixo njengawe, ezulwini pezulu, napezu kwomhlaba ezantsi, ogcinela izicaka zako, ezihambayo pambi kwako ngayo yonke intliziyo yazo, ucebano nobubele:
24
ogcinele isicaka sako u‐Davide, ubawo wam, oko wakuteta kuye: ngokuba utetile ngomlomo wako, nangesandla sako uzalisekisile, njengokuba kunjalo namhla nje.
25
Ngako kaloku, Yehova, Tixo wo‐Sirayeli! gcinela isicaka sako u‐Davide, ubawo wam, oko ukutetileyo kuye, usiti: Akuyi kukunqamkela indoda ebusweni bam, ihleli pezu kweterone yakwa‐Sirayeli; kupela ukuba onyana bako baya kulumkela indlela yabo, bahambe pambi kwam, njengokuba wena uhambile pambi kwam.
26
Nakaloku, Tixo wo‐Sirayeli! malinyaniswe ke ilizwi lako, elo ulitetileyo kwisicaka sako u‐Davide, ubawo wam.
27
Kodwa utixo uya kuhlala ngenyaniso na emhlabeni? bona ke, izulu, nezulu lamazulu, alingekubambe: kancinane kangakananina ngakumbi ke lendlu endiyakileyo?
28
Uze ubeke noko kuwo umtandazo wesicaka sako, nakuso isitaṙuziso saso, Yehova, Tixo wam! upulapule isikalo nomtandazo sitandaza ngawo isicaka sako ebusweni bako namhla:
29
ukuba amehlo ako abe evulekile pezu kwalendlu emini nasebusuku, pezu kwendawo ute ngayo: Lobako igama lam kona: ukuba upulapule umtandazo siya kutandaza ngawo isicaka sako kulendawo.
30
Uze upulapule isitaṙuziso sesicaka sako, nesabantu bako o‐Sirayeli, oko baya kutandaza kulendawo; uve wena endaweni yokuhlala kwako, ezulwini, uti wakuva uxolele.
31
Okuya kwonayo umntu ngakuye ummelwane wake, aze abeke pezu kwake isifungo sokumfungisa, siti isifungo size pambi kwesibingelo sako kulendlu;
32
wandule wena uve ezulwini, wenze, ulungise izicaka zako, umgwebe okohlakeleyo, ngokunika indlela yake pezu kwentloko yake, umgwebele olungileyo, ngokumnika njengobulungisa bake.
33
Xeshekweni abantu bako o‐Sirayeli babetwa pambi kwotshaba, ngokuba bonile ngakuwe; baze babuyele kuwe, badumise igama lako, batandaze, bakutaṙuzise kulendlu;
34
wandule wena uve ezulwini, uxolele isono sabantu bako o‐Sirayeli, ubabuyisele emhlabeni owabuwunika koyise babo.
35
Xeshekweni livingcekile izulu, kungeko imvula, ngokuba bonile ngakuwe; ukuba bayatandaza kulendawo, badumise igama lako, baguquke esonweni sabo, oko ubabandezelayo;
36
wandule wena uve ezulwini, uxolele isono sezicaka zako, nesabantu bako o‐Sirayeli, oko ubafundisayo indlela yako elungileyo abaya kuhamba ngayo; uze unise imvula pezu kwelizwe lako, elo ulinikileyo ebantwini bako libe lilifa.
37
Nxa kubako indlala elizweni, nxa kubako isifo esibubisayo, nxa kubako imbabala, isihumba, inkumbi, uṙuxeshe; nxa intshaba zabo zibavingcela elizweni lezixeko zabo; nxa kubako isibulawa esinjanina, nesifo esinjanina:
38
konke ukutandaza, konke ukutaṙuzisa, okuya kwenziwa ngumntu otile, umhlaumbi ngabo bonke abantu bako o‐Sirayeli, oko baya kwazi abanye ngabanye isibulawa sezabo intliziyo, bazolule izandla zabo kulendlu;
39
wandule wena uve ezulwini, uxolele, wenze, ubanike abanye ngabanye njengazo zonke indlela zabo, abantliziyo uzaziyo; (ngokuba nguwe wedwa ozaziyo intliziyo zabo bonke onyana babantu;)
40
ukuze bakwoyike yonke imihla abaya kubudla ubomi ngayo pezu kwobuso bomhlaba, owabuwunika kobawo betu.
41
Nakanjako ngaye owolunye uhlanga, ongenguye owabantu bako o‐Sirayeli, kodwa uvele elizweni elikude ngenxa yegama lako;
42
(ngokuba beya kuva igama lako elikulu, nesandla sako esomeleleyo, nengalo yako eyolulweyo;) nxa aya kuza, atandaze kulendlu;
43
yiva wena ezulwini, endaweni yokuhlala kwako, wenze ngako konke aya kubiza kuwe ngako owolunye uhlanga lowo; ukuze bonke abantu bomhlaba balazi igama lako, boyike wena, njengabantu bako o‐Sirayeli; bazi kanjalo ukuba igama lako libiziwe pezu kwendlu le endiyakileyo.
44
Nxa abantu bako bapumayo ukuya kulwa ngakuzo intshaba zabo, ngendlela uya kubatuma ngayo, baze batandaze kuyehova, ngakuso esisixeko usinyulileyo, na ngakuyo lendlu endiyakileyo ngenxa yegama lako;
45
wandule uve ezulwini ukutandaza kwabo nokutaṙuzisa kwabo, ulenze ibango labo.
46
Nxa bonayo ngakuwe, (ngokuba kungeko umntu ongoniyo,) uti wena ubaqumbele, ubanikele ebusweni botshaba, bade abatimbi babo babatimbele elizweni lotshaba, elikude umhlaumbi elikufupi;
47
ukuba bayakumbuza intliziyo zabo elizweni apo batinjelwe kona, baguquke, bakutaṙuzise elizweni labatimbi babo, besiti: Sonile, senzile ngobugwenxa, senza okukohlakeleyo;
48
bade babuyele kuwe ngayo yonke intliziyo yabo, nangawo wonke umpefumlo wabo, elizweni lentshaba zabo ezibatimbileyo, batandaze kuwe ngakulo ilizwe labo, elo wabulinika koyise babo, ngakuso esisixeko usinyulileyo, na ngakuyo lendlu endiyakileyo ngenxa yegama lako;
49
wandule uve ezulwini, endaweni yokuhlala kwako, ukutandaza kwabo nokutaṙuzisa kwabo, ulenze ibango labo,
50
ubaxolele abantu bako abonileyo ngakuwe, nazo zonke izigqito zabo abagqitileyo ngakuwe ngazo, ubanike izibele ebusweni babo babatimbileyo, baze babe nobubele ngakubo:
51
ngokuba bona bengabantu bako, nelifa lako, owabaku̔payo elizweni le‐Jipete, pakati kwesidlangalala sesincete:
52
ukuze amehlo ako abe evulekile ekutaṙuziseni kwesicaka sako, nasekutaṙuziseni kwabantu bako o‐Sirayeli, ukuba ubapulapule kuko konke ukubiza kwabo kuwe.
53
Ngokuba wena ubahlulile kubo bonke abantu bomhlaba, babe lilifa lako, njengokuba utetile ngesandla sika‐Mosesi isicaka sako, wakupumisa obawo betu e‐Jipete, Nkosi, Yehova!
54
Kwaza kwati, nxa agqibileyo u‐Solomone ukutandaza kuyehova wonke lomtandazo nesitaṙuziso, wesuka ebusweni besibingelo sikayehova, ekuguqeni emadolweni ake, enezandla zake zoluliwe ngasezulwini.
55
Waza wema, watamsanqelisa yonke intlanganiso yo‐Sirayeli ngelizwi elikulu, esiti:
56
Makabongwe uyehova, obanikileyo abantu bake o‐Sirayeli ukupumla, njengoko konke akutetileyo: akutshitshanga nanye indawo kulo lonke ilizwi lake elilungileyo, abeliteta ngesandla sika‐Mosesi isicaka sake.
57
Wanga uyehova, utixo wetu, angaba nati, njengokuba ebenobawo betu; angasishiyi, angasilahli nokusilahla;
58
atobele intliziyo zetu ngakuye, ukuba sihambe kuzo zonke indlela zake, nokuba sigcine imiyalelo yake, nezimiselo zake, nezigwebo zake, abeyalela obawo betu ngazo.
59
Nalamazwi am, enditaṙuzisile ngawo pambi kwoyehova, makabe kufupi noyehova, utixo wetu, emini nasebusuku, ukuba alenze ibango lesicaka sake, nebango labantu bake o‐Sirayeli, indawo yemihla ngemihla ngomhla wayo:
60
ukuze bakwazi bonke abantu bomhlaba ukuba uyehova unguye utixo, kungeko wumbi.
61
Maibe ngoko intliziyo yenu ikolisekile ngakuyehova, utixo wetu, ukuhamba ngezimiselo zake, nokugcina imiyalelo yake, njengokuba kunjalo namhla.
62
Kwaza kwabinga ukumkani, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye, umbingo pambi kwoyehova.
63
Waye u‐Solomone wabinga umbingo weminikelo yoxolo, owawubingela uyehova, inkabi ezingamawaka angamashumi mabini anamabini, negusha ezingamawaka alikulu linamashumi mabini. Benje njalo ukutwasisa indlu kayehova ukumkani nalo lonke usapo luka‐Sirayeli.
64
Wati ukumkani ngomhla lowo wenza ngcwele umpakati webala elipambi kwayo indlu kayehova; ngokuba wabelungisa kona amadini okutshiswa, neminikelo yokudla, nenqata leminikelo yoxolo; ngenxa yokuba isibingelo sexina, esipambi kwoyehova, sibe sincinane kokokuba samkele amadini okutshiswa, neminikelo yokudla, nenqata leminikelo yoxolo.
65
Wayesenza u‐Solomone ngeloxesha umtendeleko, nabo bonke o‐Sirayeli kunye naye, intlanganiso enkulu, ivela kwa sekungenweni kwe‐Hamati kwada kwasemlanjeni wase‐Jipete, pambi kwoyehova, utixo wetu, imihla esixe̔nxe nemihla esixe̔nxe, imihla elishumi linamine.
66
Ngomhla wesibozo wabandulula abantu; abatamsanqelisayo ukumkani, bahambela ezintenteni zabo, bevuya, becwayitile ngentliziyo, pezu kwako konke okulungileyo abekwenzile uyehova ku‐Davide isicaka sake, nako‐Sirayeli abantu bake.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22