bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Matthew 1
Matthew 1
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 2 →
1
Incwadi yomlibo wokuzalwa kukaYesu Kristu, unyana kaDavide, unyana ka-Abraham.
2
uAbraham wazala uIsake; uIsake wazala uYakobi; uYakobi wazala uYuda nabazalwana bakhe;
3
uYuda wazala uPeres noZara ngoTamare; uFares wazala uEsrom; uEsrom wazala uAram;
4
uAram wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalmon;
5
uTalmon wazala uBhohazi ngoRakabhi; uBhohazi wazala uObhedi ngoRute; uObhedi wazala uYese;
6
uYese wazala uDavide ukumkani; uDavide ukumkani wazala uSolomon ngomfazi kaUriya;
7
uSolomon wazala uRehobhowam; uRehobhoham wazala uAbhiya; uAbhiya wazala uAsa;
8
uAsa wazala uYoshafati; uYoshafati wazala uYoram; uYoram wazala u-Oziya;
9
u-Oziya wazala uYotam; uYotam wazala uAhazi; uAhazi wazala uHezekiya;
10
uHezekiya wazala uManase; uManase wazala uAmon; uAmon wazala uYosiya;
11
uYosiya wazala uYekoniya nabazalwana bakhe, ngexesha lokufuduselwa kwabo eBhabhilon.
12
Emva kokufuduselwa kwabo eBhabhilon, uYekoniya wazala uSalatiyeli; uSalatiyeli wazala uTsorubhabheli;
13
uZorobhabheli wazala uAbhihudi; uAbhihudi wazala uEliyakim; uEliyakim wazala uAzore;
14
uAzore wazala uTsadoki; uTsadoki wazala uAkim; uAkim wazala uElihudi;
15
uElihudi wazala uElazare; uElazare wazala uMatan; uMatan wazala uYakobi;
16
uYakobi wazala uYosefu indoda kaMariya, ekuthe ngaye kwazalwa uYesu, ekuthiwa nguKristu.
17
Zonke izizukulwana ngoko, ezithabathela kuAbraham zizise kuDavide, zizizukulwana ezilishumi elinazine; nezithabathela kuDavide zizise ekufuduselweni kwabo eBhabhilon, zizizukulwana ezilishumi elinazine; nezithabathela ekufuduselweni kwabo eBhabhilon zizise kuKristu, zizizukulwana ezilishumi elinazine.
18
Ke kaloku ukuzalwa kukaYesu Kristu kwaye kungolu hlobo: Kwathi, akubon’ ukuba unina uMariya useseleganelwe uYosefu, bengekahlangani, wafunyanwa emithi ngoMoya oyiNgcwele.
19
Ke kaloku uYosefu indoda yakhe, eyindoda elilungisa, engathandi ukumvezisa, wanga amala ngasese.
20
Akubon’ ukuba uyazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi, Yosefu, nyana kaDavide, musa ukoyika ukumthabathela kuwe uMariya, umfazi wakho; kuba oko kukhawulweyo phakathi kwakhe kungoMoya, uMoya oyiNgcwele.
21
Uya kuzala unyana ke, umbize ngegama elinguYesu; kuba yena eya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.
22
Ke kaloku konke oku kwenzeke, ukuze kuzaliseke okwathethwayo yiNkosi ngomprofeti, isithi,
23
Uyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, Bambize ngegama elinguEmanuweli, oko kukuthi ngentetho evakalayo, uThixo unathi.
24
Uthe ke uYosefu, evukile ebuthongweni, wenza ngoko besimmisele ngako isithunywa seNkosi, wamthabathela kuye umkakhe;
25
Akamazi wada wazala unyana wakhe wamazibulo; wamthiya igama elinguYesu.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28