bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Matthew 9
Matthew 9
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 10 →
1
Engenile ke emkhombeni, wawela, weza kowabo.
2
Ke kaloku bazisa kuye umntu onedumbe, elele elukhukweni. uYesu, elubona ukholo lwabo, wathi konedumbe; Nyana, yomelela; zixolelwe izono zakho.
3
Kwabonakala kukho abathile bakubachazi-mthetho phakathi kwabo, besithi, Lo uyanyelisa;
4
uYesu, ezibona iingcingane zabo, wathi, Yini na ukuba nicinge izinto ezimbi ezintliziyweni zenu?
5
Kuba kukuphi na okulula ngakumbi, ukuthi, Zixolelwe izono zakho; nokuthi, Vuka, uhambe?
6
Kodwa ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.
7
Wavuka ke, wemka waya endlwini yakhe.
8
Zikubonile ke oko izihlwele, zamangaliswa, zamzukisa uThixo, obanike abantu igunya elingaka.
9
Edlula apho, uYesu wabona umntu ehleli endaweni yerhafu, okuthiwa nguMateyu, athi kuye, Ndilandele. Wesuka ke, wamlandela.
10
Kwathi, akubon’ ukuba uhleli ngasesithebeni endlwini, kwabonakala into eninzi yababuthi berhafu naboni, yeza yahlala ndawonye noYesu nabafundi bakhe.
11
Bakukubona oko abaFarisi, bathi kubafundi bakhe, Kungani na ukuba umfundisi wenu adle nababuthi berhafu naboni?
12
Evile ke uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo.
13
Khaniye nifunde ukuba kukuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo; kuba andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke.
14
Beza kuye abafundi bakaYohane, besithi, Kungani na ukuba sizile ukudla kaninzi, thina nabaFarisi, kanti bona abafundi bakho abakuzili?
15
Wathi uYesu kubo, Banako yini na abegumbi lomtshakazi ukukhedama, lo gama umyeni asenabo? Kodwa kuya kufika mihla awothi asuswe kubo umyeni, bandule ke ukuzila.
16
Akukho ke ubeka isiziba somchako omtsha engutyeni endala; kuba eso sifakiweyo siyakrazula engutyeni, sibe sibi ngokunye isikroba.
17
Kanjalo ayithiwa iwayini entsha ezintsubeni ezindala; kwenjiwe njalo, zingagqabhuka iintsuba, iphalale iwayini, zitshabalale neentsuba; yona iwayini entsha ithiwa ezintsubeni ezintsha, zigcinakale ezo nto zombini.
18
Esathetha ezi zinto kubo, nanko kusiza umphathi, waqubuda kuye, esithi, Intombi yam ibhubhe ngoku; yiza ubeke isandla sakho phezu kwayo, yophila.
19
Wesuka uYesu wamlandela, kwanabafundi bakhe.
20
Nanko kusiza ntokazi ithile, eyayinethombo legazi iminyaka elishumi elinamibini; yafika ngasemva yachukumisa umqukumbelo wengubo yakhe;
21
kuba ibisithi ngaphakathi kwayo, Ukuba ndithe ndachukumisa ingubo yakhe nje kodwa, ndophiliswa.
22
Wajika uYesu, wayibona, wathi, Ntombi yam, yomelela; ukholo lwakho lukusindisile. Yaphiliswa umfazi kwangelo lixa.
23
Uthe akufika uYesu endlwini yomphathi, wazibona iingwali nabantu abaninzi bephithizela;
24
Athi kubo, Khwelelani; kuba intombazana ayifile, ilele. Basuka bamwa ngentsini.
25
Uthe ke bakukhutshelwa phandle abantu, wangena, wayibamba ngesandla, yaza yavuka intombazana leyo.
26
Lwaza lwaphuma udumo lwale nto, lwaya kuwo wonke loo mhlaba.
27
Kuthe ke akuba edlula apho uYesu, walandelwa ziimfama ezimbini, zidanduluka, zisithi, Senzele inceba, nyana kaDavide.
28
Zithe, akungena endlwini, zeza kufika kuye iimfama, athi kuzo uYesu, Niyakholwa na ukuba ndinako ukukwenza oko? Bathi kuye, Ewe, Nkosi.
29
Wandula ukuwachukumisa amehlo azo, esithi, Ngokokholo lwenu makwenzeke kuni.
30
Aqabuka amehlo abo; Waza uYesu waziyala kalukhuni, esithi, Lumkani ingaziwa mntu le nto.
31
Kodwa zona zaphuma, zalubhengeza udumo lwakhe kuwo wonke loo mmandla.
32
Ke kaloku zakubon’ ukuba ziyaphuma, kwabonakala kuziswa kuye umntu osisidenge, ophethwe yidemon.
33
Yakukhutshelwa ke indimoni, sathetha isisidenge, zamangaliswa izihlwele, zathi, Ayizanga ibonwe into enjalo kwaSirayeli.
34
Kodwa bona abaFarisi bathi, Ukhupha iindimoni ngomphathi weendimoni.
35
Waye uYesu eyihamba yonke imizi nemizana, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, eshumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini.
36
Uthe ke, akuzibona izihlwele, wasikwa yimfesane zizo, ngokuba zibe zityhafile, zichithakele ngokwezimvu ezingenamalusi.
37
Aze athi kubafundi bakhe, Ukuvuna okunene kuninzi, kodwa bona abasebenzi bambalwa.
38
Khungani ngoko eNkosini yokuvuna, ikhuphe abasebenzi, baye ekuvuneni kwayo.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28