bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Matthew 7
Matthew 7
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 8 →
1
Musani ukugweba, ukuze ningagwetywa.
2
Kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani; nangomlinganiselo enilinganisela ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.
3
Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuqiqi?
4
Okanye ungáthini na ukuthi kumzalwana wakho, Yeka ndisikhuphe isibi esweni lakho; kanti nanku umqadi kwelakho iliso?
5
Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala umqadi kwelakho iliso; wandule ukubona kakuhle ukusikhupha isibi eso esweni lomzalwana wakho.
6
Musani ukukunika izinja okungcwele, kanjalo ningaziphosi iiperile zenu phambi kweehagu, hleze zizinyathele ngamanqina azo, zijike ziniqwenge.
7
Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa;
8
Kuba wonke umntu ocelayo, uyazuza; nalowo ufunayo, uyafumana; nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa.
9
Nguwuphi na umntu kuni ongathi, ukuba unyana wakhe uthe wacela isonka, amnike ilitye?
10
Athi, ukuba uthe wacela intlanzi, amnike inyoka?
11
Ukuba ke ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ngokubapha okulungileyo abo bamcelayo?
12
Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo; kuba oko kungumthetho nabaprofeti.
13
Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni, baninzi ke abangena ngalo.
14
Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.
15
Balumkeleni abaprofeti ababuxoki, abeza kuni ngezambatho zeegusha, ngaphakathi ke beziingcuka eziqwengayo.
16
Nobaqonda ngeziqhamo zabo. Ngaba abantu bakha iidiliya emithaneni enameva okanye amakhiwane enkunzaneni?
17
Ngokunjalo wonke umthi olungileyo uvelisa iziqhamo ezihle; ke wona umthi ongenguwo uvelisa iziqhamo ezibi,
18
umthi olungileyo awunakuvelisa ziqhamo zibi, nomthi ongenguwo awunakuvelisa ziqhamo zihle.
19
Wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni.
20
Ngoko ke nobaqonda ngeziqhamo zabo.
21
Asingabo bonke abathi kum, Nkosi, Nkosi, abaya kungena ebukumkanini bamazulu; kodwa ngulowo wenza ukuthanda kukaBawo osemazulwini.
22
Baninzi abaya kuthi kum ngaloo mini, Nkosi, Nkosi, sasingathe na egameni lakho? Sazikhupha na iidemon egameni lakho? Nenze egameni lakho imisebenzi emininzi ebalulekileyo?
23
Ndandule ndibaxelele, ndithi, Andizanga ndinazi; mkani kum, nina nenza okuchasene nomthetho.
24
Ngoko ke wonke umntu owevayo la mazwi am, awenze, uya kufaniswa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo.
25
Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe elulwalweni.
26
Nomntu wonke owevayo la mazwi am, angawenzi, uya kufaniswa nendoda esisiyatha, yona yayakhelayo entlabathini indlu yayo.
27
Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza nemimoya, yagaleleka kuloo ndlu; yawa; saba sikhulu ukuwa kwayo.
28
Ke kaloku kwathi, xeshikweni uYesu ebewagqibile la mazwi, zakhwankqiswa izihlwele yimfundiso yakhe;
29
kuba ebebafundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28