bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Matthew 14
Matthew 14
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 15 →
1
Ngelo xesha uHerode, umphathi wesahlulo sesine selizwe, waluva udaba lukaYesu,
2
wathi kubakhonzi bakhe, Lo nguYohane umbhaptizi; uvukile kwabafileyo; kungoko kubonakala kuye imisebenzi yamandla.
3
Kuba uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni, ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu, umninawa wakhe.
4
Kuba wayethe uYohane kuye, Akuvumelekile ukuba ube naye.
5
Uthe ke eza kumbulala, woyika abantu, ngokuba babesithi ungumprofeti.
6
Kwakubon’ ukuba kwenziwa isikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, yathi intombi kaHerodiya yangqungqa, yamkholisa uHerode.
7
Ekubeni wayithembisa ngesifungo ukuba woyinika oko ingakucelayo.
8
Ke yona, iqhutywe ngunina, yathi, Ndinike apha ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi.
9
Waba buhlungu ukumkani, kodwa, ngenxa yesifungo, nangenxa yabo babehleli naye esithebeni, wathi mayinikwe.
10
Wasusa umntu, wamnqumla uYohane intloko entolongweni apho.
11
Yaziswa intloko yakhe ngesitya, yanikwa intombazana leyo, yathi yona yayisa kunina.
12
Beza abafundi bakhe, basithabatha isidumbu, basingcwaba; baya babikela uYesu.
13
Evile ke uYesu, wemka apho ngomkhombe, waya endaweni eyintlango eyedwa.
14
Ephumile ke uYesu, wabona into eninzi yabantu, wasikwa yimfesane ngabo, wayiphilisa imilwelwe yabo.
15
Kuthe ke kwakuhlwa, beza kuye abafundi bakhe, besithi, Le ndawo iyintlango, kanjalo ilixa lise lidlule; zindulule izihlwele, ziye emizaneni, zizithengele ukudla.
16
Wathi kubo uYesu, Akufuneki ukuba zimke; zipheni nina zitye.
17
Bathi ke bona kuye, Asinanto apha, ingezizo izonka ezihlanu neentlanzi ezimbini.
18
Wathi ke yena, Ziziseni kum apha.
19
Wathi izihlwele mazingqengqe phantsi engceni, wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi, ekhangele ezulwini, wasikelela; waziqhekeza ke izonka ezo, wazinika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele.
20
Badla ke bonke bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo.
21
Ke kaloku abo babesidla babengamadoda akumawaka amahlanu, ngaphandle kwabafazi nabantwana.
22
Waza uYesu wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye phesheya, lo gama azindululayo izihlwele yena.
23
Ezindulule ke izihlwele, wenyuka intaba ngasese, ukuba athandaze. Kwahlwa ke ekhona apho yedwa.
24
Ke kaloku umkhombe wawuselunxwemeni lolwandle, uqhutywa ngamaza, kuba umoya ubuvela ngaphambili.
25
Kuthe ke ngowesine umlindo wobusuku, wesuka waya kubo uYesu, ehamba phezu kolwandle.
26
Bakumbona ke abafundi bakhe ehamba phezu kolwandle, bankwantya, besithi: “Ngumhlola; bakhala kukoyika.
27
Wathetha ke kwaoko uYesu kubo, esithi, Yomelelani; ndim; musani ukoyika.
28
uPetros wamphendula ke wathi, Nkosi, ukuba nguwe, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.
29
Wathi, Yiza. Wehla ke uPetros emkhombeni, wahamba phezu kwamanzi, esiya kuYesu.
30
Kodwa, ebona umoya unamandla, woyika; wathi eqala ukutshona, wakhala, esithi, Nkosi, ndisindise.
31
Wasolula kwaoko ke isandla uYesu, wambamba, wathi kuye, Ehla wena ulukholo luncinane, uthandabuzelani na?
32
Bakuba bengenile emkhombeni, wadamba umoya.
33
Bazile ke abo basemkhombeni, baqubuda kuye, besithi, Inyaniso, unguNyana kaThixo.
34
Bewelile, bafika emhlabeni waseGenesarete.
35
Emazile amadoda aloo ndawo, athumela kuwo wonke loo mmandla, azisa kuye bonke ababesifa.
36
Baza bambongoza uYesu ukuba bachukumise nje kodwa intshinga yengubo yakhe; baza bonke abayichukumisayo baphiliswa kanye.
← Chapter 13
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 15 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28