bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Matthew 11
Matthew 11
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 12 →
1
Kwathi, xeshikweni uYesu ebegqibile ukubamisela abafundi bakhe abalishumi elinababini, wesuka apho waya kufundisa nokushumayela emizini yabo.
2
Ke kaloku uYohane, eyive esentolongweni imisebenzi kaKristu, wesusa bababini kubafundi bakhe,
3
Athi kuye, Wena ungulowo uzayo na, silinde omnye, sini na?
4
Waphendula uYesu wathi kuwo, Hambani niye kumbikela uYohane izinto enizivayo nenizibonileyo;
5
Iimfama zibuya zibone, neziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, nezithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, namahlwempu ayazishunyayezwa iindaba ezilungileyo.
6
Unoyolo othe akakhutyekiswa ndim.
7
Bakubon’ ukuba bayemka abo, waqala uYesu wathi kwizihlwele ngaye uYohane, Naye niphuma nisiya kubona ntoni na entlango? Yayiyingcongolo na, izanyazanyiswa ngumoya?
8
Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Yabe ingumntu ovethe iingubo ezitofotofo na? Yabonani, abo banxiba iingubo ezitofotofo basezindlwini zookumkani.
9
Naye niphume naya kubona ntoni na kodwa? Umprofeti? Ewe, ndithi kuni, nangaphezu komprofeti.
10
Kuba lo ngulowo kubhaliweyo ngaye, kwathiwa, Yabona, mna ndiyasithuma isithunywa sam ngaphambi kobuso bakho, Esiya kuyilungisa indlela yakho phambi kwakho.
11
Inene ndithi kuni, Phakathi kwabo bazelweyo ngabafazi, akuvelanga mkhulu kunoYohane umbhaptizi; kanti ke nomncinane kwabanye ebukumkanini bamazulu mkhulu kunaye.
12
Kususela kwimihla kaYohane umbhaptizi, kude kube ngoku, ubukumkani bezulu buyagonyamelwa, bathi abagonyamelayo babuthimbe.
13
Kuba bonke abaprofeti nomthetho baprofeta kwada kwakho uYohane.
14
Ukuba niyavuma ukukwamkela oko, yena nguEliya, lo bekuthiwa uza kufika.
15
Lowo uneendlebe zokuva makeve.
16
Ke kaloku ndiya kusifanisa nantoni na esi sizukulwana? Bufana nabantwana abahleli kwiindawo zembutho, bebiza amadlelane abo;
17
Sisithi, Sanigwalela, naza anangqungqa; senze isijwili kuni, anambambazela nina.
18
Kuba uYohane weza engadli, engaseli, basuka bathi, Unedemon.
19
uNyana woMntu yena weza esidla, esela, basuka bathi, Khanibone umntu olidla-kudla, olisela-wayini, umhlobo wababuthi berhafu naboni. Ke ubulumko bugwetyelwe kokuphuma ebantwaneni babo.
20
Waza waqala ukuyidubula loo mizi yayenzeke kuyo inkoliso yemisebenzi yakhe yamandla, ngokuba ingaguqukanga;
21
Yeha, wena Korazin! Yeha, wena Bhetesayida! Ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuni, ukuba yayenzeke eTire naseTsidon, ingeyaguqukayo kwakudala loo mizi ngeengubo ezirhwexayo naseluthuthwini.
22
Ke ndithi kuni, Kuya kuba nokunyamezeleka kwiTire nakwiTsidon ngomhla womgwebo kunani.
23
Nawe Kapernahum, uphakanyiselweyo ezulwini, uya kuphoselwa phantsi kwelabafileyo; ngokuba imisebenzi yamandla eyenzeke kuwe, ukuba yayenzeke eSodom, inge ihleli kwada kwaba namhla.
24
Ke ndithi kuni, Kuya kuba nokunyamezeleka okomhlaba waseSodom ngomhla womgwebo kunawe.
25
Ngelo xesha waphendula uYesu wathi, Ndiyabulela kuwe, Bawo, Nkosi yezulu nomhlaba, ngokuba ezi zinto wazifihlayo kwizilumko nakwiingqondi, wazityhilela iintsana;
26
ewe, Bawo, ngokuba kwakholeka phambi kwakho ukuba kube njalo.
27
Zonke izinto zinikelwe kum nguBawo; kanjalo akukho umaziyo uNyana, nguYise yedwa; kanjalo akukho umaziyo uYise, kuphela nguNyana, nalowo asukuba uNyana ethanda ukumtyhilela.
28
Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla.
29
Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu.
30
Kuba idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28