bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Matthew 20
Matthew 20
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 21 →
1
Kaloku ubukumkani bamazulu bufana nomntu ongumninindlu, owaphuma ekuseni, waya kuqesha abasebenzi bokuya esidiliyeni sakhe.
2
Akuba evumelene nabasebenzi ngedenariyo ngemini, wabathumela esidiliyeni sakhe.
3
Ephume malunga nelixa lesithathu, wabona abanye bemi endaweni yembutho bengasebenzi.
4
Wathi kubo; Hambani nani niye esidiliyeni, ndoninika okusukuba kufanelekile. Bahamba ke.
5
Wabuya waphuma malunga nelixa lesithandathu nelesithoba, wenza kwangokunjalo.
6
Ephumile ke malunga nelixa leshumi elinanye, wabafumana abanye bemi bengasebenzi; athi kubo, Yini na ukuba nime apha imini yonke ningasebenzi?
7
Bathi kuye, Akukho bani usiqeshileyo. Athi kubo, Hambani nani niye esidiliyeni; kwaye nakuphi na okufanelekileyo niya kukwamkela.
8
Kwakuhlwa, uthi umninisidiliya egoseni lakhe, Babize abasebenzi, ubamkelise, uqala kwabokugqibela ude uye kwabokuqala.
9
Bezile abo bebeqeshwe malunga nelixa leshumi elinanye, bamkela elowo idenariyo.
10
Ke kaloku bakuza abokuqala, baba baya kwamkela into engaphezulu; nabo bamkela elowo idenariyo.
11
Bathe ke bakwamkela, bamkrokrela umninindlu,
12
besithi, Aba bokugqibela basebenze ilixa lalinye, usuke wabalinganisa nathi, thina sithwele ubunzima nobushushu bemini.
13
Uphendule ke wathi komnye wabo, Wethu, andikoni; ubungavumelananga nam ngedenariyo yini na?
14
Thabatha okwakho uhambe; ndiya kumnika lowo wokugqibela kwanjengoko ndikunike ngako.
15
Akuvumelekile na ukuba ndenze endikuthandayo ngokukokwam? Iliso lakho likhohlakele na, ngokuba ndilungile mna?
16
Ngokunjalo abokugqibela baya kuba ngabokuqala, nabokuqala, baya kuba ngabokugqibela; kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.
17
Ke kaloku, enyuka uYesu esiya eYerusalem, wabathabatha abafundi abalishumi elinababini ngasese endleleni, wathi kubo,
18
Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem; waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubabingeleli abakhulu nakubabhali, kwaye baya kumgweba ukuba afe,
19
bamnikele kuzo iintlanga ukuba zidlale ngaye, zimtyakatye, zimbethelele emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.
20
Ngelo xesha kweza kuye unina woonyana bakaZebhedi, enoonyana bakhe, equbuda, ecela into kuye.
21
Wathi ke yena kuye, Uthanda ntoni na? Athi kuye, Yithi aba nyana bam bobabini bahlale, omnye ngasekunene kwakho, omnye ngasekhohlo, ebukumkanini bakho.
22
Uphendule ke uYesu wathi, Aniyazi into eniyicelayo. Ninako na ukuyisela indebe endiza kuyisela, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna? Bathi kuye, Sinako.
23
Athi kubo, Okunene indebe yam niya kuyisela, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna niya kubhaptizwa kwangalo; kodwa kona ukuhlala ngasekunene kwam nangasekhohlo kwam asikwam ukupha ngako, asikwam ukupha ngako; kwabo kulungiselwe bona nguBawo.
24
Bekuvile ke oko abalishumi, babacaphukela abo bazalwana bobabini.
25
Ke yena uYesu, ebabizele kuye, wathi, Niyazi ukuba abaphathi beentlanga bayazigagamela, nabo bazizikhulu benza ngegunya kuzo.
26
Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu; osukuba enga angaba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu;
27
nosukuba efuna ukuba ngowokuqala phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu;
28
kwanjengokuba uNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
29
Bakubon’ ukuba bayaphuma eYeriko, walandelwa yindimbane enkulu.
30
Nanko kuhleli iimfama zimbini ngasendleleni, zathi, zakuva ukuba kudlula uYesu, zadanduluka, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide.
31
Ke kaloku indimbane yazikhalimela ukuba zithi tu; kwaba kukhona ke zidandulukayo, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide.
32
Wema uYesu, wazibiza wathi, Ninga ndinganenzela ntoni na?
33
Zithi kuye, Nkosi, ukuba kuvulwe amehlo ethu.
34
Wasikwa ke yimfesane uYesu, wawachukumisa amehlo azo, zaba nokubona kwaoko ngamehlo azo, zamlandela.
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28