bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Matthew 17
Matthew 17
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 18 →
1
Uthi uYesu emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane umzalwana wakhe, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa.
2
Wenziwa waba kumila kumbi phambi kwabo, bathi ubuso bakhe bakhazimla njengelanga, zasuka ke iingubo zakhe zamhlophe njengokukhanya.
3
Nanko kubonakala kubo uMoses noEliya, bethetha naye.
4
Waphendula ke uPetros, wathi kuYesu, Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha; omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya.
5
Kwathi, esathetha, kwathi gqi ilifu elikhanyayo, labenzela ithinzi; nalo izwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye; mveni yena.
6
Bakukuva oko abafundi, bawa ngobuso, boyika kakhulu.
7
Waya ke uYesu, wabachukumisa, wathi, Vukani ningoyiki.
8
Bathe ke bakuwaphakamisa amehlo abo, ababona mntu, yanguYesu yedwa.
9
Bakubon’ ukuba bayehla entabeni apho, wabawisela umthetho uYesu esithi, Ize ningawuxeleli bani umbono lo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu.
10
Bambuza abafundi bakhe, besithi, Yini na phofu ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci?
11
Waphendula uYesu wathi kubo, Okunene uEliya uya kufika tanci, azimise zonke izinto.
12
Ke ndithi kuni, uEliya uselefikile. Abamazanga, basuka benza kuye konke abakuthandayo; kwangokunjalo naye uNyana woMntu wova ubunzima ngabo.
13
Bandula ukuqonda abafundi ukuba ubethetha kubo ngaye uYohane umbhaptizi.
14
Ke kaloku, bakubon’ ukuba bafikile esihlweleni, kweza kuye indoda, yaqubuda kuye, yathi.
15
Nkosi, menzele inceba unyana wam; ngokuba unesathuthwane, ubandezelekile; kuba futhi esiwa emlilweni, nasemanzini futhi.
16
Ndithe ndamzisa kubafundi bakho, ababa nako ukumphilisa.
17
Waphendula ke uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum apha.
18
Waza uYesu wayikhalimela indimoni leyo; wemka kuye; waphiliswa umntwana kwangelo lixa.
19
Bandula beza abafundi kuYesu bebodwa, bathi, Bekungani na ukuba singabi nako ukuwukhupha thina?
20
Wathi ke uYesu kubo, Bekungenxa yokungakholwa kwenu; kuba inene ndithi kuni, Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, ihambe; kwaye iya kufuduswa; akukho nanye into eya kuninqabela.
21
Olu hlobo ke aluphumi, kungengako ukuthandaza nokuzila ukudla.
22
Ke kaloku, bakubon’ ukuba bahleli kwelaseGalili, wathi uYesu kubo, uNyana woMntu uza kunikelwa ezandleni zabantu;
23
baya kumbulala, athi ngomhla wesithathu abuye avuke. Baba buhlungu kakhulu.
24
Ke, bakubon’ ukuba bafikile eKapernahum, kweza kuPetros abo bamkela imali yetempile, bathi, Umfundisi wenu akayirholi na imali yetempile?
25
Athi, Ewe. Akungena endlwini, uYesu wamphangela, esithi, Uthini na wena, Simon? Ookumkani behlabathi bamkela kubaphi na irhafu nomnikelo? koonyana babo, kwabasemzini, kusini na?
26
Athi uPetros kuye, Kwabasemzini. Athi uYesu kuye, Bakhululekile ngoko ke bona abantwana.
27
Kodwa ukuze singabakhubekisi, hamba uye elwandle, uphose umlobothi wakho, uthabathe loo ntlanzi ithe yavela tanci. Wothi wakuwunqika umlomo wayo, ufumane ishekele; yithabathe yona, ubanike, ibe yeyam nawe.
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 18 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28