bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Matthew 27
Matthew 27
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 28 →
1
Kwathi kwakusa, babhunga bonke ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu ngaye uYesu, ukuba bamsike.
2
Bathe ke bakumbopha, bamrhola, bamnikela kuPontiyo Pilato, irhuluneli.
3
Uthe ke uYuda, lowo umngcatshayo, akubona ukuba ugwetyiwe, wazohlwaya, wawabuyisela loo maqhosha esilivere amashumi mathathu kubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu,
4
esithi, Ndonile, kuba ndingcatshe igazi elingenatyala. Bathi ke bona, Iyini na kuthi loo nto? zibonele wena.
5
Wawaphosa phantsi etempileni apho loo maqhosha esilivere, wemka, waya wazixhoma.
6
Bawathabatha ke ababingeleli abakhulu loo maqhosha esilivere, bathi, Akuvumelekile ukuba awaphose emkhumbini wokulondoloza imali, kuba elixabiso legazi.
7
Babhunga ke, bathenga ngawo umhlaba wombumbi, ukuze ube yindawo yokungcwaba abasemzini.
8
Kungoko wabizwayo loo mhlaba ngokuba ngumhlaba wegazi, kwada kwanamhlanje.
9
Kwazaliseka ke okwathethwayo ngomprofeti uYeremiya, esithi, Bawathabatha amaqhosha esilivere amashumi mathathu, ixabiso lalowo uqiqiweyo, lowo waqingqwelwa ngoonyana bakaSirayeli;
10
bawanikela ngenxa yentsimi yombumbi, njengoko yandiyalelayo iNkosi.
11
Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza irhuluneli isithi, Unguye na uKumkani wamaYuda? Wathi ke uYesu kuye, Nawe utsho.
12
Uthe ke akumangalelwa ngababingeleli abakhulu namadoda amakhulu, akaphendula nto.
13
Aze athi uPilato kuye, Akuziva na ukuba zininzi kwazo iindawo abazingqinayo ngawe?
14
Akazange amphendule nelizwi elinye; yada yamangaliswa kakhulu irhuluneli leyo.
15
Ke kaloku ngemithendeleko irhuluneli ibiqhele ukubakhululela abantu umbanjwa abe mnye, abasukuba bemfuna.
16
Baye ke ngelo xesha benombanjwa obesazeka, ekuthiwa nguBharabhas.
17
Bakubon’ ukuba ngoko bahlanganisene, wathi kubo uPilato, Nithanda ukuba ndinikhululele wuphi na? uBharabhas, uYesu ekuthiwa nguKristu, kusini na?
18
Kuba ebesazi ukuba bamnikele ngomona.
19
Akuba ehleli esihlalweni sokugweba, umfazi wakhe wathumela kuye, esithi, Uze ungabi nakuthini kuloo mntu ulilungisa, kuba namhlanje ndive izinto ezininzi ezinzima ephupheni, ngenxa yakhe.
20
Ke bona ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu bazeyisela izihlwele ukuba zicele uBharabhas, zimbulale uYesu.
21
Yaphendula ke irhuluneli yathi kubo, Nguwuphi na kwaba bobabini enithanda ukuba ndinikhululele yena? Bathi ke bona, uBharabhas.
22
Athi uPilato kubo, Ndimenzeni na ke uYesu ekuthiwa nguKristu? Bathi kuye bonke, Makabethelelwe emnqamlezweni.
23
Yathi ke irhuluneli, Kuba enze bubi buni na? Kwaba kukhona ke bakhalayo ngakumbi, besithi, Makabethelelwe emnqamlezweni.
24
Uthe ke uPilato, akubona ukuba akancedi lutho, ebona ukuba sisuke sangakumbi isiphithiphithi, wathabatha amanzi, wahlamba izandla phambi kwezihlwele, esithi, Andinatyala egazini lalo mntu ulilungisa; ziboneleni nina.
25
Baphendula ke bonke abantu, bathi, Igazi lakhe malibe phezu kwethu, naphezu kwabantwana bethu.
26
Waza wabakhululela uBharabhas; wathi ke, emtyakatyile uYesu, wamnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni.
27
Aza amasoldati erhuluneli amthabatha uYesu, amsa endlwini yerhuluneli, alihlanganisela kuye ibutho lawo liphela.
28
Amhluba, amnxiba ingubo ebomvu.
29
Baluka isithsaba sameva, bambeka ngaso entloko, bafaka ingcongolo esandleni sakhe sokunene, baguqa ngamadolo phambi kwakhe, bahlekisa ngaye, besithi: “Awu, Kumkani wamaJuda!
30
Amtshicela, ayithabatha ingcongolo, ambetha entloko.
31
Athi, akuba edlale ngaye, amhluba ingubo leyo, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrhola, aya kumbethelela emnqamlezweni.
32
Athe ke ekuphumeni, afumana umntu waseKirene, ogama linguSimon; anyanzela lowo ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe.
33
Bakufika kwindawo ekuthiwa yiGologota, oko kukuthi, yindawo yokakayi.
34
Amnika iviniga iphithikezwe nenyongo, ukuba ayisele; wathi akuba eyivile, akavuma ukuyisela.
35
Athi ke, akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso, ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi, Babelana ngeengubo zam, benza amaqashiso ngesambatho sam.
36
Ahlala phantsi, amlinda khona apho.
37
Babeka ngaphezu kwentloko yakhe ityala lakhe libhaliwe, kwathiwa, lo nguYesu uKumkani wamaYuda.
38
Kwaza kwabethelelwa naye eminqamlezweni izihange ezibini, esinye ngasekunene, nesinye ngasekhohlo.
39
Bamtshabhisa ke abadlulayo, behlunguzela iintloko zabo,
40
besitsho ukuthi, Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise; Ukuba unguNyana kaThixo, yihla emnqamlezweni.
41
Ngokukwanjalo nababingeleli abakhulu bedlala ngaye, benababhali namadoda amakhulu, besithi,
42
Wabasindisa abanye; yena ngokwakhe akanako ukuzisindisa. Ukuba unguKumkani wakwaSirayeli, makehle kalokunje emnqamlezweni, size simkholwe.
43
Wakholosa ngoThixo; makamhlangule ngoku, ukuba uyamthanda; kuba wathi, NdinguNyana kaThixo.
44
Zaye ke nezihange, ezibe zibethelelwe eminqamlezweni naye, zimngcikiva kwangokunjalo.
45
Kuthe ke, kuthabathele kwilixa lesithandathu, kwada kwesa kwilixa lesithoba, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba.
46
Ke kaloku, malunga nelixa lesithoba, wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eli! Eli! Lama sabhaktani! Oko kukuthi, Thixo wam, Thixo wam, undishiye ngani na?
47
Inxenye ke yababemi khona, yakuva, yathi, Lo mntu ubiza uEliya.
48
Wesuka wagidima kwaoko omnye kubo, wathabatha imfunxa, wayizalisa ngeviniga, wayifaka engcongolweni, wamseza.
49
Bathe ke bona abanye, Khawuyeke, sibone ukuba uEliya uza kumsindisa na.
50
uYesu, ephinde wadanduluka ngelizwi elikhulu, wawukhupha umoya.
51
Lasuka ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi; Wanyikima umhlaba, namawa acandeka;
52
Amangcwaba avuleka; yaza yavuka imizimba emininzi yabangcwele ababelele;
53
baphuma emangcwabeni emveni kokuvuka kwakhe, bangena kuwo umzi ongcwele, babonakala kuninzi.
54
Ke kaloku umthetheli-khulu, nabo babelinda uYesu naye, bakubona ukunyikima oko, nezo zinto zenzekileyo, boyika kakhulu, besithi, Inyaniso, lo ebenguNyana kaThixo.
55
Kwaye kukho ke khona abafazi abaninzi, bekhangele bemgama, bona babelandele uYesu kwakwelaseGalili, bemlungiselela;
56
ekwakukho phakathi kwabo uMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi noYose, kwanonina woonyana bakaZebhedi.
57
Kwathi kwakuhlwa, kweza umntu osisityebi waseArimati, ogama linguYosefu, owayengumfundi kaYesu naye.
58
Yena lowo waya kuPilato, wawucela umzimba kaYesu. Waza uPilato wathi makawunikwe umzimba.
59
Ewuthabathile ke umzimba uYosefu, wawusongela kwilinen entle emhlophe.
60
Wawubeka kwelakhe ingcwaba elitsha, abelixhole eweni; waqengqela ilitye elikhulu emnyango wengcwaba elo, wemka.
61
Baye ke bekhona apho uMariya waseMagadala nomnye uMariya, behleli phantsi malunga nengcwaba.
62
Ke kaloku ngengomso, eliyimini yokulungiselela, bahlanganisana ababingeleli abakhulu nabaFarisi kuPilato;
63
besithi, Nkosi, sikhumbule ukuba umlahlekisi lowa wathi esahleli, Emveni kweentsuku ezintathu, ndiya kuvuka.
64
Yitsho ngoko linqatyiswe ingcwaba, kude kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze ebusuku, bambe, bathi ke ebantwini, Uvukile kwabafileyo; luze olokugqibela ulahlekiso lube lubi kunolokuqala.
65
Wathi ke uPilato kubo, Ninabo abalindi;
66
Baya ke bona balinqabisa ingcwaba, ngokulitywina ilitye, bekunye nabalindi.
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 28 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28