bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Matthew 21
Matthew 21
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 22 →
1
Ke kaloku, bakusondela eYerusalem, befikile eBhetefage, eNtabeni yemiNquma, uYesu wesusa abafundi bababini, wathi,
2
Athi kubo, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani, nofumana kwaoko iesile libotshelelwe, linethole; likhululeni nilizise kum.
3
Ukuba kukho othe wathetha into kuni, nothi, Ayafuneka eNkosini; wothi kwaoko azithumele.
4
Konke oku kwenzeke, ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi,
5
Yithini kwintombi uZiyon, Yabona, uKumkani wakho uza kuwe, Elulamile, ekhwele e-esileni, nethole le-esile.
6
Bahamba ke abafundi, benza njengoko uYesu wayebayalele ngako,
7
balizisa iesile nethole, babeka iingubo zabo phezu kwazo, bamhlalisa phezu kwazo.
8
Yathi ke inkoliso yezihlwele yazandlala iingubo zayo endleleni; abanye bagawula amasebe emithini, bawandlala endleleni.
9
Zaye ke izihlwele, ebezihamba ngaphambili, nebezilandela, zidanduluka, zisithi, Hosana kuye unyana kaDavide! Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi; Hosana enyangweni.
10
Akungena eYerusalem, wonke umzi wazamazama, usithi, Ngubani na lo?
11
Zathi ke indimbane, Lo nguYesu, umprofeti ongowaseNazarete yelaseGalili.
12
Waza uYesu wangena etempileni kaThixo, wabakhupha bonke ababethengisa nababethenga etempileni, wazibhukuqa iitafile zabatshintshi bemali, nezihlalo zabathengisa ngamahobe.
13
Wathi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza; Ke nina niyenze umqolomba wezihange.
14
Kweza kuye iimfama neziqhwala, etempileni apho, waziphilisa, wabaphilisa.
15
Bathe ke ababingeleli abakhulu nababhali, bakuyibona imimangaliso awayenzayo, kwanabantwana bedanduluka etempileni, besithi, Hosana kuye uNyana kaDavide: bacaphuka kakhulu,
16
bathi kuye, Uyayiva na into abayithethayo aba? Athi kubo uYesu, Ewe; anizanga nikulese na ukuthi, Emlonyeni weentsana nabanyayo ulungiselele indumiso?
17
Wabashiya, waphuma ngaphandle komzi, waya eBhetani; walala khona.
18
Uthe ke kwakusa, xa abuyela kuwo umzi, walamba.
19
Wathi, ebone mkhiwane uthile ngasendleleni, waya kuwo, akafumana nto kuwo, yangamagqabi odwa; wathi kuwo, Makungaze kuvele siqhamo kuwe naphakade. Wabuna kwangoko umkhiwane lowo.
20
Bakukubona oko abafundi bakhe, bamangaliswa, besithi, Utheni na ukubuna kwangoko umkhiwane?
21
Waphendula uYesu wathi kubo, Inene, ndithi kuni, Ukuba nithe nanokholo, anathandabuza, anisayi kwenza le nto yomkhiwane yodwa; nothi kule ntaba, Thabatheka; uphoseke elwandle; iya kwenziwa.
22
Neento zonke enithe nazicela ekuthandazeni nikholwa, nozamkela.
23
Kuthe akungena etempileni, xa afundisayo, beza kuye ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu, besithi, Ezi zinto uzenza ngagunya lini na? ngubani na ke okunike eli gunya?
24
Waphendula ke uYesu wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye; endothi, ukuba nithe nandixelela lona, ndinixelele nam ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
25
Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma phi na? ezulwini, nokuba ngabantu? Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini; wothi kuthi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye?
26
Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini; siyaboyika abantu; kuba bonke bebambe ukuthi uYohane ungumprofeti.
27
Baphendula bathi kuYesu, Asazi. Wathi ke kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
28
Nithini na ke? Umntu othile ube enoonyana ababini; weza kowokuqala, wathi, Mntwana wam, hamba uye kusebenza namhla esidiliyeni sam.
29
Waphendula wathi, Andiyi; waguquka kamva, wemka.
30
Weza nakowesibini, wathetha kwangokunjalo. Waphendula ke yena wathi, Ndiyaya, nkosi;
31
Nguwuphi na kwabo bobabini owenza ukuthanda kukayise? Bathi kuye, Owokuqala. Athi kubo uYesu, Inene ndithi kuni, Bayaniphangela ke ukungena ebukumkanini bukaThixo ababuthi berhafu namahenyukazi.
32
Ngokuba uYohane weza kuni ngendlela yobulungisa, anakholwa nguye; kodwa bakholwa nguye bona ababuthi berhafu namahenyukazi; ke nina, nakukubona oko, anibuyanga nizohlwaye, ukuze nikholwe nguye.
33
Yivani omnye umzekeliso: Bekukho umninindlu othile, owatyala isidiliya, wasibiyela, wemba kuso isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye.
34
Lithe ke lakusondela ixesha leziqhamo, wathuma abakhonzi bakhe kubalimi abo, ukuya kwamkela iziqhamo zaso.
35
Besuka abalimi babathabatha abakhonzi bakhe, bathi omnye bamtyabula, omnye bambulala, nomnye bamgibisela ngamatye.
36
Wabuya ke wathuma abanye abakhonzi, bebaninzi kunabokuqala, benjenjalo nakubo.
37
Uthe ke kamva wathuma kubo unyana wakhe, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam.
38
Bathe ke bakumbona unyana abalimi, batshono ukuthi, Lo yindlalifa; yizani siyibulale, silihluthe ilifa layo.
39
Bamthabatha, bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala.
40
Xa athe wafika ngoko umninisidiliya, uya kwenza ntoni na kwabo balimi?
41
Bathi kuye, Uya kubatshabalalisa kakubi abo bangendawo, aze isidiliya eso aqeshise ngaso kubalimi bambi, abomamkelisa iziqhamo ngamaxesha azo.
42
Athi kubo uYesu, Anizanga nikulese na ezibhalweni ukuthi, Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo; yenziwe yiNkosi le;
43
Kungoko ndithi kuni, Ubukumkani bukaThixo buya kususwa kuni, bunikwe uhlanga oluzivelisayo iziqhamo zabo.
44
Kanjalo lowo uwe phezu kweli litye uya kutyumka, ke lowo lithe lamwela liya kumcola.
45
Bathi ababingeleli abakhulu nabaFarisi, bakuyiva imizekeliso yakhe, baqonda ukuba uthetha ngabo.
46
Baza befuna ukumbamba, basuka boyika abantu, kuba babesithi ungumprofeti.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28