bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Matthew 15
Matthew 15
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 16 →
1
Ngelo xesha beza kuYesu abaseYerusalem ababhali nabaFarisi, besithi,
2
Kungani na ukuba abafundi bakho basigqithe isithethe samanyange? ngokuba abazihlambi izandla zabo, xa badla isonka.
3
Waphendula ke yena wathi kubo, Nani, kungani na ukuba niwugqithe umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu?
4
Kuba uThixo wawisa umthetho, esithi, Mbeke uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela kakubi uyise nokuba ingunina, makafe ukufa.
5
Ke nina nithi, Othe kuyise nokuba kukunina, Iselingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, ukholisile;
6
ingambeki uyise nonina; yoba msulwa. Niwuphangile ke igunya umthetho kaThixo ngenxa yesithethe senu.
7
Bahanahanisindini, watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, esithi,
8
Aba bantu basondela kum ngomlomo wabo, bandibeke ngemilebe yomlomo wabo; kodwa intliziyo yabo ikude lee kum.
9
Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.
10
Wayibizela kuye indimbane, wathi kubo, Phulaphulani niqonde.
11
Asikokungena emlonyeni okumenza inqambi umntu; ke okuphuma emlonyeni, kuko oko okumenza inqambi umntu.
12
Beza abafundi bakhe bathi kuye, Uyazi na ukuba abaFarisi bathe bakuliva elo lizwi bakhubeka?
13
Waphendula ke wathi, Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo wasemazulwini ziya kuncothulwa.
14
Bayekeni; ngabakhokeli beemfama abakwaziimfama; Ke kaloku, xa sukuba imfama ikhokela imfama, zombini ziya kweyela emhadini.
15
Waphendula ke uPetros wathi kuye, Sixelele lo mzekeliso.
16
Wathi ke uYesu kubo, Anikabi nakuqonda na nani nangoku?
17
Anikaqondi na ukuba yonke into engena emlonyeni ingena esiswini, ize iphoswe entlanjeni?
18
Ke zona izinto eziphuma emlonyeni, ziphuma kuyo intliziyo; zimenza inqambi umntu.
19
Kuba kuyo intliziyo kuphuma izicamango ezingendawo, ookubulala, ookukrexeza, oomibulo, oobusela, ookungqina ubuxoki, ookunyelisa.
20
Zizo ezo izinto ezimenza inqambi umntu; kodwa kona ukudla ngezandla ezingahlanjwanga akumenzi nqambi umntu.
21
Ephumile khona apho, uYesu wasinga kwimida yaseTire neTsidon.
22
Kwathi thu umKananekazi evela kuloo mida, ekhala esithi, Ndenzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon kakubi.
23
Kodwa akamphendulanga nelizwi eli. Beza abafundi bakhe, bamcela besithi, Mndulule; ngokuba uyakhala emva kwethu.
24
Waphendula ke yena wathi, Ndithunywe kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli zodwa.
25
Weza ke waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ndincede.
26
Uphendule ke wathi, Asinto intle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni.
27
Wathi ke yena, Ewe, Nkosi; kuba neenjana zidla kwiimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo.
28
Waphendula ke uYesu wathi kuye, Mfazi, lukhulu ukholo lwakho; makwenzeke kuwe ngokuthanda kwakho. Yaphiliswa intombi yakhe kwangelo lixa.
29
Emka apho uYesu, weza ngaselwandle lwaseGalili; wenyuka intaba, wahlala phantsi khona.
30
Kweza kuye izihlwele ezininzi, zinazo iziqhwala, iimfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zababeka phantsi ezinyaweni zikaYesu; wabaphilisa.
31
Zada zamangaliswa izihlwele ezo, zakubona izidenge zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zamzukisa uThixo kaSirayeli.
32
Ebabizele ke kuye uYesu abafundi bakhe, wathi, Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele, ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo;
33
Bathi ke kuye abafundi bakhe, Sozizuza phi na entlango apho izonka ezingaka, zokuhluthisa isihlwele esingaka?
34
Athi kubo uYesu, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe, neentlanzi ezimbalwa.
35
Wathi kwizihlwele mazihlale phantsi emhlabeni.
36
Wazithabatha ke izonka zosixhenxe neentlanzi, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele.
37
Badla bahlutha bonke, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezisixhenxe zizele yintsalela.
38
Ke kaloku abo babesidla babengamawaka amane amadoda, ngaphandle kwabafazi nabantwana.
39
Esindulule ke isihlwele, wangena emkhombeni, weza emacaleni aseMagadala.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28