bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Matthew 3
Matthew 3
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 4 →
1
Ngaloo mihla kweza uYohane umbhaptizi, eshumayela entlango yelakwaYuda, esithi,
2
Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.
3
Kuba lo nguye awayethetha yena uIsaya umprofeti, esithi, Izwi lodandulukayo entlango, lisithi, Yilungiseni indlela yeNkosi, Wutyenenezeni umendo wayo.
4
Ke uYohane lowo ingubo yakhe ibiyeyoboya benkamela, enombhinqo wentlonze esinqeni sakhe; kwaye ke ukudla kwakhe kuziinkumbi nobusi basendle.
5
Babephuma ke besiya kuye abaseYerusalem, nabelakwaYuda bonke, nabommandla wonke waseYordan.
6
Babhaptizwa nguye eYordan apho, bezixela izono zabo.
7
Ke kaloku, akubona into eninzi yabaFarisi nabaSadusi besiza ekubhaptizeni kwakhe, wathi kubo, Nzalandini yamarhamba, ngubani na onibonisileyo ukuba niyibaleke ingqumbo ezayo?
8
Velisani ngoko iziqhamo eziyifaneleyo inguquko;
9
Musani ukucinga ukuthi ngaphakathi kwenu, Thina sinobawo uAbraham; kuba ndithi kuni, Unako uThixo kuwo la matye ukumvelisela abantwana uAbraham.
10
Kaloku izembe selibekiwe engcanjini yemithi, ngoko wonke umthi ongavelisi siqhamo sihle, uyagawulwa, uphoswe emlilweni.
11
Mna okunene ndinibhaptizela enguqukweni ngamanzi; kodwa lowo uzayo emva kwam unamandla kunam, ozimbadada ndingakulingeneyo ukuziphatha; yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele nangomlilo;
12
Osesandleni sakhe ifolokhwe yakhe isesandleni sakhe, aze asihlambulule isanda sakhe, ayibuthele kuvimba ingqolowa yakhe; Ke wona umququ uya kuwutshisa ngomlilo ongacimiyo.
13
Kuthi ngelo xa afike uYesu eYordan kuYohane, evela eGalili, ukuba abhaptizwe nguye.
14
Kodwa uYohane wayemalela, esithi, Mna kufuneka ndibhaptizwe nguwe nje, uza kum na wena?
15
Uphendule uYesu wathi kuye, Vuma okwakalokunje; kuba kusifanele thina ukwenjenjalo ukuzalisa bonke ubulungisa. Waza wamvumela.
16
Ebhaptiziwe ke uYesu, wenyuka kwaoko emanzini, lasuka lavuleka izulu kuye, wambona uMoya kaThixo esihla njengehobe, esiza phezu kwakhe.
17
Nalo izwi liphuma ezulwini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28