bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Matthew 24
Matthew 24
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 25 →
1
Ephumile uYesu, wemka etempileni; bathe abafundi bakhe beza kumbonisa izakhiwo zetempile.
2
Wathi kubo uYesu, Niyazibona na zonke ezi zinto? Inene, ndithi kuni, Akusayi kusala apha ilitye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.
3
Ke kaloku, akubon’ ukuba uhleli eNtabeni yemiNquma, beza kuye abafundi bebodwa, bathi, Sixelele ukuba ziya kubakho nini na ezo zinto; uya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli?
4
Waphendula uYesu wathi kubo, Lumkani ningalahlekiswa mntu.
5
Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu; balahlekise abantu abaninzi.
6
Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho.
7
Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo.
8
Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba.
9
Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam.
10
Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa, bangcatshane, bathiyane.
11
Kwaye kuya kuvela abaprofeti ababuxoki babe baninzi, balahlekise abantu abaninzi.
12
Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi.
13
Ke onyamezeleyo kwada kwaba sekupheleni, lowo uya kusindiswa.
14
Zaye ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.
15
Xa nithe nalibona isikizi lesiphanziso, ekuthethwe ngalo ngoDaniyeli umprofeti, limi endaweni engcwele (lowo ulesayo makaqiqe);
16
Ngelo xa mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni;
17
Ophezu kwendlu makangehli aye kuthabatha into endlwini yakhe;
18
nosentsimini makangabuyeli emva aye kuthabatha iingubo zakhe.
19
Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla!
20
Thandazani ke, ukuba intsabo yenu ingabi sebusika nangesabatha.
21
Kuba ngelo xesha kuya kubakho imbandezelo enkulu, ekungazanga kubekho injalo kwasekuqalekeni kwehlabathi, kwada kwaba kalokunje, ekungasayi kubuye kubekho injalo.
22
Kanjalo ukuba ibingayi kuthi loo mihla inqanyulelwe, bekungayi kubakho nyama isindayo; ngenxa ke yabanyuliweyo, loo mihla iya kunqanyulelwa.
23
Ngelo xa ke, ukuba ubani uthe kuni, Nanku apha uKristu, nokuba uthe, Nankuya phaya; musani ukukholwa yiyo.
24
Kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga; ngokokude, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo.
25
Yabonani, ndinixelele ngenxa engaphambili.
26
Ukuba ngoko bathi kuni, Nanko entlango, musani ukuphuma niye. Musani ukuphuma; nanko emagumbini afihlakeleyo; musani ukukholwa yiyo.
27
Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga; koba njalo nokufika koNyana woMntu.
28
Kuba apho sukuba sikhona isidumbu, aya kuhlanganisana khona amaxhalanga.
29
Kwaoko ke, emveni kwembandezelo yaloo mihla, ilanga liya kwenziwa mnyama, ithi nenyanga ifiphale, zithi neenkwenkwezi ziwe ezulwini, athi namandla amazulu azanyazanyiswe.
30
Uya kubonakala ngelo xesha umqondiso woNyana woMntu ezulwini; zimbambazele ngelo xesha zonke izizwe zomhlaba, zimbone uNyana woMntu esiza esemafini ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu.
31
Azithumele izithunywa zakhe zasemazulwini, zinexilongo elisandi sikhulu, zibahlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sezulu, kuse kwesinye isiphelo samazulu.
32
Fundani kuwo umkhiwane umzekeliso; xa selithe lathamba isebe lawo, lahluma amagqabi, niyazi ukuba likufuphi ihlobo.
33
Ngokukwanjalo nani, xa nithe nazibona zonke ezo zinto, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango.
34
Inene ndithi kuni, Asisayi kudlula esi sizukulwana, zingadanga zonke ezo zinto zibekho.
35
Liya kudlula izulu nehlabathi, kodwa amazwi am akayi kudlula.
36
Kodwa akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi nezithunywa zamazulu, nguBawo yedwa.
37
Ke kaloku, njengokuba ibinjalo imihla kaNowa, koba njalo nokufika koNyana woMntu.
38
Kuba njengokuba babesithi, ngemihla yangaphambi konogumbe, babesidla, besela, bazeke, besendiswe, kwada kwayimini awangena ngayo emkhombeni uNowa,
39
kwaye abazange baqonde wada wafika unogumbe, wabakhukulisa bonke; koba njalo nokufika koNyana woMntu.
40
Ngelo xesha ababini boba sentsimini; omnye amkelwe, omnye ashiywe.
41
Abafazi ababini boba besila etyeni lokusila; omnye amkelwe, omnye ashiywe.
42
Phaphani ngoko; ngokuba ningazi ukuba lilixa liphi na eza ngalo iNkosi yenu.
43
Yazini ke oku, ukuba ebesazi umninindlu ukuba isela liza ngawuphi na umlindo wobusuku, ange elindile, akavuma ukuba indlu yakhe igqojozwe.
44
Nani ngoko yibani nilungile, ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo.
45
Ngubani na ke loo mkhonzi uthembekileyo, uqondayo, eyathi inkosi yakhe yammisa phezu kwabendlu yayo, ukuze abanike ukudla ngexesha elifanelekileyo?
46
Unoyolo loo mkhonzi, iya kuthi yakufika inkosi yakhe imfumane esenjenjalo.
47
Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo.
48
Ukuba ke loo mkhonzi ungendawo uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam iyalibala ukuza;
49
Aqale ukubabetha abakhonza kunye naye, adle, asele namanxila;
50
iya kufika inkosi yaloo mkhonzi ngemini engayilindeleyo, nangelixa angalaziyo;
51
imsike kubini, immisele isabelo sakhe nabahanahanisi; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 25 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28