bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Matthew 22
Matthew 22
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 23 →
1
Wabuya waphendula uYesu wathetha kubo ngemizekeliso, wathi,
2
Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owenzela unyana wakhe umtshato;
3
Wasusa abakhonzi bakhe ukuba baye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni, kodwa abavumanga ukuza.
4
Wabuya wesusa abanye abakhonzi, esithi, Yitshoni kwabamenyiweyo ukuthi, Yabonani, isidlo sam sendisilungisile; iinkomo zam neento zam ezityetyisiweyo zixheliwe, konke sekulungile; yizani emsithweni.
5
Abakhathalanga ke bona; basuka bemka, omnye waya kweyakhe intsimi, omnye waya ekurhwebeni kwakhe.
6
Bathi ke abaseleyo bababamba abakhonzi bakhe, babaphatha kakubi, bababulala.
7
Evile ke ukumkani, waqumba, wawukhupha umkhosi wakhe, wabatshabalalisa abo babulali, wawutshisa nomzi wabo.
8
Aze athi kubakhonzi bakhe, Umsitho okunene sewulungile wona, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile.
9
Yiyani ngoko ezindleleni, nithi abo nithe nabafumana, nibabize beze emsithweni.
10
Baphuma abo bakhonzi baya ezindleleni, bahlanganisa bonke ababafumanayo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo; wazala umsitho ngabamenyiweyo.
11
Ke kaloku akungena ukumkani, eza kukhangela abamenyiweyo, wabona apho umntu ongambethe ngubo yamsitho.
12
Athi kuye, Wethu, utheni na ukungena apha, ungenáyo ingubo yomsitho? Wabe engathethi.
13
Wathi ukumkani kubalungiseleli, Mbopheni iinyawo nezandla, nimthabathe, nimkhuphele ebumnyameni bangaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
14
Kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.
15
Baza abaFarisi baya benza ibhunga lokuba bamthiyele ekuthetheni kwakhe.
16
Bathumela kuye abafundi babo benamaHerode, besithi, Mfundisi, siyazi ukuba uyinyaniso, uyifundisa indlela kaThixo ngenyaniso; kananjalo akukhathali nangubani, kuba akukhethi buso bamntu.
17
Sixelele ngoko, uthini na wena? Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare, akuvumelekile, sini na?
18
Eyazi ke uYesu inkohlakalo yabo, wathi, Nindilingelani na, bahanahanisindini?
19
Ndiboniseni iqhosha lerhafu. Bamzisela ke idenariyo.
20
Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo?
21
Bathi kuye, NgokaKesare. Athi kubo, Ngoko ke buyiselani izinto zikaKesare kuKesare; nezinto zikaThixo kuThixo.
22
Bakukuva ke oko, bamangaliswa, bamshiya, bemka.
23
Kwangaloo mini kweza kuye abaSadusi, bona abo bathi akukho luvuko, bambuza, besithi,
24
besithi, Mfundisi, uMoses wathi, Ukuba ubani uthe wafa engenabantwana, wothi umzalwana wakhe amngene umfazi wakhe, amvelisele imbewu umzalwana wakhe.
25
Ke kaloku kwaye kukho kuthi abazalwana abasixhenxe; waza owokuqala akubon’ ukuba uzekile wabhubha, wathi, kuba engenambewu, wamshiya kumzalwana wakhe umfazi wakhe.
26
Wenjenjalo nowesibini, nowesithathu, kwada kwaya kowesixhenxe.
27
Emveni ke kwabo bonke, wafa naye umfazi.
28
Ngoko eluvukweni uya kuba ngumfazi wawuphi na kweso sixhenxe? kuba bonke babenaye.
29
Waphendula uYesu wathi kubo, Niyalahleka, kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo.
30
Kuba eluvukweni abazeki, abendiswa; banjengezithunywa zikaThixo emazulwini.
31
Ngalo ke uvuko lwabafileyo, anikulesanga na okwathethwayo kuni nguThixo, esithi,
32
Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? uThixo akangowabafileyo, ungowabaphilileyo.
33
Zathi izihlwele zakukuva oko, zakhwankqiswa yimfundiso yakhe.
34
Ke kaloku bathe abaFarisi, bakuva ukuba ubethe labakhohla abaSadusi, bahlanganiselana ndawonye.
35
Ke kaloku omnye wabo, ongumqondisi-mthetho, wambuza umbuzo, emlinga, esithi,
36
Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi na?
37
Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.
38
Lo ngowokuqala nomkhulu umthetho.
39
Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.
40
Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti.
41
Bakubon’ ukuba bahlanganisene ke abaFarisi, uYesu wababuza,
42
esithi, Nithini na nina ngoKristu? ngunyana kabani na? Bathi kuye, Nyana kaDavide.
43
Athi kubo, Yini na phofu ukuba uDavide ngoMoya ambize ngokuthi, Nkosi, esithi,
44
Yathi iNkosi eNkosini yam, Hlala ngasekunene kwam, Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho?
45
Ukuba uDavide ngoko umbiza ngokuba Nkosi, ungunyana wakhe ngani na?
46
Akubangakho namnye ubenako ukumphendula nezwi eli; kananjalo kususela kuloo mini, akubanga sabakho mntu waba nabuganga bakumbuza nto.
← Chapter 21
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 23 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28