bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Matthew 13
Matthew 13
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 14 →
1
Kwangaloo mini waphuma uYesu endlwini, waya wahlala ngaselwandle.
2
Kwahlanganisana kuye abantu abaninzi, wada yena wangena emkhombeni, wahlala phantsi; yaye yonke indimbane yema elunxwemeni.
3
Wathetha kubo iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi, Yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela.
4
Ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni, zeza iintaka zayidla zayigqiba.
5
Embi yawa ezindaweni ezilulwalwa, apho ibingenamhlaba mninzi;
6
Zathi ke lakuphuma ilanga zagqatswa; zaza ngenxa yokuba zingenangcambu zoma kwaphela.
7
Embi yawa emithaneni enameva; imithana enameva yakhula, yayiminxa.
8
Enye yawa kuwo wona umhlaba olungileyo, yavelisa isiqhamo, enye ikhulu, enye amashumi amathandathu, nenye amashumi amathathu.
9
Lowo uneendlebe zokuva makeve.
10
Beza abafundi bathi kuye, Kungani na ukuba uthethe kubo ngemizekeliso?
11
Waphendula ke wathi kubo, Kungokuba nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, babe ke bona bengakuphiwanga.
12
Kuba osukuba enako, yena uya kuphiwa, aze abe nako ngokugqithiseleyo; kodwa osukuba engenako, uya kuhluthwa kwanoko anako.
13
Ngoko ke ndithetha nabo ngemizekeliso, kuba bona ababoni; besiva nje abeva, bengaqondi noko.
14
Sizaliseka kubo ke isiprofeto sikaIsaya esithi, Ukuva niya kuva, ningaqondi; nokubona niya kubona, ningaqiqi;
15
Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba, Beva ngeendlebe ezithe nkqi, Bayawacima namehlo abo; hleze babone ngamehlo, beve ngeendlebe, baqonde ngentliziyo, bajike, ndibaphilise.
16
Kodwa anethamsanqa amehlo enu, ngokuba ebona; neendlebe zenu, ngokuba zisiva.
17
Kuba ndithi kuni, Inene, baninzi abaprofeti nabantu abangamalungisa, abanqwenelayo ukuzibona izinto enizibonayo abazibona; nokuva izinto enizivayo, anaziva.
18
Nina ngoko wuveni umzekeliso womhlwayeli:
19
akubon’ ukuba ubani uyaliva ilizwi lobukumkani, engaliqondi, uyafika ongendawo, akuhluthe okuhlwayelwe entliziyweni yakhe; Nguye lo owahlwayelwa ngasendleleni;
20
Lowo ke uhlwayelwe ezindaweni ezilulwalwa, ngulo ulivayo ilizwi, alamkele kwaoko ngovuyo;
21
abe ke engenangcambu ngaphakathi kwakhe, eme umzuzwana kodwa; uthi ke kwakuhla imbandezelo nokuba yintshutshiso ngenxa yelizwi, akhutyekiswe kwaoko.
22
Lowo uhlwayelwe emithaneni enameva, ngulo ulivayo ilizwi; Lithe ke ixhala leli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo.
23
Lowo ke uhlwayelwe kuwo umhlaba omhle, ngulo ulivayo ilizwi aliqonde; luxakatha isiqhamo, omnye lixakathe ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomnye amashumi amathathu.
24
Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu owahlwayela imbewu entle entsimini yakhe.
25
Kuthe ke, xa baleleyo abantu, lwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela umdiza phakathi kwengqolowa, lwemka.
26
Ithe ke yakudubula, yakuba neenkozo, wandula ukubonakala nomdiza.
27
Bezile ke abakhonzi bomninindlu, bathi kuye, Nkosi, ubungahlwayelanga imbewu entle yini na entsimini yakho? luvela phi na ke umdiza?
28
Wathi kubo, Ngumntu olutshaba owenze le nto. Bathi abakhonzi kuye, Uyathanda na ke ukuba siye siwubuthe?
29
Uthe ke yena, Hayi; hleze nithi, xa niwubuthayo umdiza, nincothule nengqolowa kunye nawo.
30
Yekani kukhule ndawonye kokubini, kude kube sekuvuneni; ngexa ke lokuvuna ndothi kubavuni, Buthani kuqala umdiza, niwubophe ube zizithungu, utshiswe, kodwa yona ingqolowa yihlanganiseleni kuvimba wam.
31
Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluhlwayela entsimini yakhe.
32
Olona luncinane kuzo zonke iimbewu; kodwa xa luthe lwahluma, luyayidlula imifuno ngobukhulu, lube ngumthi, ngokokude iintaka zezulu zize zihlale emasebeni awo.
33
Wathetha omnye umzekeliso kubo; Ubukumkani bamazulu bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni zozithathu zomgubo, wada wabiliswa uphela.
34
Ezi ndawo zonke uYesu wazithetha ngemizekeliso kuzo izihlwele; Ubengathethi ke kubo kungengamzekeliso;
35
Ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi, Ndiya kuwuvula ngemizekeliso umlomo wam; Ndiya kuthetha izinto ezazifihliwe kwasekusekweni kwehlabathi.
36
Waza uYesu wazindulula izihlwele wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, besithi, Sixelele umzekeliso womdiza wentsimi.
37
Waphendula ke wathi kubo, Lo uhlwayela imbewu entle nguNyana woMntu;
38
intsimi ke lihlabathi; imbewu ke entle ngoonyana bobukumkani abo; Umdiza ke ngoonyana bongendawo;
39
Utshaba ke olwawuhlwayelayo wona nguMtyholi; ukuvuna kukupheliswa kwephakade eli; abavuni ke zizithunywa zezulu.
40
Njengokuba ngoko ubuthwa umdiza, utshiswe ngomlilo; kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli hlabathi.
41
uNyana woMntu uya kuthuma izithunywa zakhe, zize zibuthe, zikhuphe ebukumkanini bakhe, zonke izikhubekiso, nabo benza okuchasene nomthetho;
42
zibaphose ezikweni elivutha umlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
43
Aya kwandula ke amalungisa ukubengezela njengelanga ebukumkanini boYise wawo. Lowo uneendlebe zokuva makeve.
44
Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nobutyebi obufihlwe entsimini, athe umntu wabufihla; athi ke umntu akuyifumana, ayifihle, aze ngenxa yovuyo lwakhe aye athengise ngeento zonke anazo, ayithenge loo ntsimi.
45
Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomrhwebi, efuna iiperile ezintle;
46
owathi ke akuyifumana iperile inye, exabiso likhulu, wemka waya wananisa ngeento zonke abenazo, wayithenga.
47
Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomnatha, owaphoswa elwandle, wahlanganisa zonke iintlobo zeentlobo zazo.
48
Ekuthe wazala, bawurholela elunxwemeni, bahlala phantsi, bazibuthela ezintle ezityeni, bazilahla ke ezimbi.
49
Kuya kuba njalo ekuphelisweni kwephakade eli: ziya kuphuma izithunywa zezulu, zibakhethe abangendawo phakathi kwamalungisa;
50
zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
51
Athi kubo uYesu, Niziqondile na zonke ezi ndawo? Bathi kuye, Ewe, Nkosi.
52
Wathi kubo, Ngenxa yoko, umbhali wonke ofundiselwe ebukumkanini bamazulu ufana nomntu ongumninindlu, orhola ebuncwaneni bakhe izinto ezintsha kwanezindala.
53
Kwathi, akuyigqiba uYesu le mizekeliso, wanduluka khona apho.
54
Akufika kwelakowabo, wabafundisa endlwini yabo yesikhungu, ngokokude bakhwankqiswe bathi, Lo ubuzuze phi na obu bulumko, nale misebenzi yamandla?
55
Lo asinguye na unyana wengcibi yokwakha? Unina akabizwa ngokuba nguMariya na? Abazalwana bakhe bathi, ooYakobi, noYose, noSimon, noYuda, yini na?
56
Noodade wabo abakho nathi bonke na? Uzizuze phi na phofu lo zonke ezi zinto?
57
Baye bekhubeka kuye. Wathi ke uYesu kubo, Umprofeti akasweli mbeko, kungaba kukowabo, nakokwabo.
58
Akenza misebenzi mininzi yamandla khona apho ngenxa yokungakholwa kwabo.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28