bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Matthew 25
Matthew 25
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 26 →
1
Ngelo xesha ubukumkani bamazulu buya kufanekiswa neentombi ezilishumi, ezazithabathayo izibane zazo, zaphuma zaya kumkhawulela umyeni.
2
Ezintlanu ke kuzo zaye ziziingqondi, ezintlanu ziziziyatha.
3
Ezo ke ezizizidenge zazithabatha izibane zazo, azaphatha oli nazo.
4
Kodwa eziziingqondi zaphatha ioli ezityeni zazo, kwanezibane zazo.
5
Ke kaloku, akubon’ ukuba ulibele umyeni, zozela zonke zalala.
6
Ke kaloku ezinzulwini zobusuku kwamenyezwa, Nanko umyeni esiza; phumani niye kumkhawulela.
7
Zaza zavuka zonke ezo ntombi, zalungisa izibane zazo.
8
Zathi ke eziziziyatha kweziziingqondi, Sipheni kwioli yenu leyo; ngokuba izibane zethu zicima.
9
Zaphendula ke eziziingqondi, zathi, Hayi; hleze anganeli kuthi nakuni; yiyani kanye kwabathengisayo, nizithengele.
10
Kuthe ke, zisaya kuthenga, wafika umyeni; zaza ezo bezisezilungile zangena naye emsithweni, lwavalwa ke ucango.
11
Zithi ke kamva zifike nezinye iintombi ezo, zisithi, Nkosi, Nkosi, sivulele.
12
Waphendula ke yena wathi, Inene ndithi kuni, andinazi nina.
13
Phaphani ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa.
14
Kaloku ubukumkani bamazulu bunjengomntu owathi, eza kuhambela kwelinye, wabiza abakhe abakhonzi, wayinikela kubo impahla yakhe.
15
Wathi omnye wamnika iitalente zantlanu, omnye zambini, nomnye yaba nye; elowo ngokwamandla akhe; wanduluka kwaoko.
16
Lowo ke wamkela iitalente ezintlanu, waya wasebenza ngazo, wenza esinye isihlanu seetalente.
17
Kwangokunjalo nalowo wamkela ezimbini, naye wazuza esinye isibini.
18
Ke naye lowo wamkela yanye, waya wemba emhlabeni, wayifihla imali yenkosi yakhe.
19
Emva kwexesha elide, ifike inkosi yabo bakhonzi, ibalelane nabo.
20
Weza lowo wamkela iitalente ezintlanu, wazisa esinye isihlanu seetalente phezu kwazo, esithi, Nkosi, wandinika iitalente zantlanu; khangela, ndizuze esinye isihlanu seetalente phezu kwazo.
21
Yathi ke kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho.
22
Weza ke nalowo wamkela iitalente ezimbini, wathi, Nkosi, wandinika iitalente zambini; khangela, ndizuze esinye isibini seetalente phezu kwazo.
23
Yathi kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho.
24
Weza ke nalowo wamkela italente yanye, wathi, Nkosi, bendikwazi wena ukuba ungumntu olukhuni, uvuna apho ubungahlwayelanga khona, ubuthe apho ungelelanga khona;
25
Ndasuka ndoyika, ndaya ndayiselela italente yakho ngomhlaba; nanku unako okwakho.
26
Yaphendula ke inkosi yakhe, yathi kuye, Sisicakandini singendawo, silivila, ubusazi nje ukuba ndivuna apho ndingahlwayelanga khona, ndiqokelele apho ndingahlwayelanga khona;
27
ubumelwe kukuthi ngoko ube ubuyibeke imali yam kubananisi, ndaza ndakufika mna, ndabuya ndakuzuza okwam kunenzala.
28
Mhlutheni ngoko italente leyo, niyinike lowo uneetalente ezilishumi.
29
Kuba wonke umntu onako Uya kunikwa, abe nako ngokugqithiseleyo; ke ongenako, uya kuhluthwa kwanoko anako.
30
Naye umkhonzi ongancedi lutho, mkhupheleni ebumnyameni obungaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
31
Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe;
32
zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni;
33
athi zona izimvu azimise ngasekunene kwakhe, athi kodwa zona iibhokhwe azimise ngasekhohlo.
34
Uya kuthi ke ukumkani kwabangasekunene kwakhe, Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi.
35
Kuba ndalamba, nandipha ukudla; ndanxanwa, nandiseza; ndandingowasemzini, nandingenisa endlwini;
36
ndandize, nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum.
37
Oza amphendule ke amalungisa, esithi, Nkosi, sakubona nini na ulambile, sakonga; unxaniwe, saseza?
38
Sakubona nini na ungowasemzini, sakungenisa endlwini? Uze, sakwambesa?
39
Sakubona nini na ke usifa, okanye usentolongweni, seza kuwe?
40
Aze aphendule ukumkani athi kuwo, Inene ndithi kuni, Ekubeni nithe nenjenjalo nakomnye waba bazalwana bam bangabona bangabona bancinane, nenjenjalo nakum.
41
Uya kuthi nakwabangasekhohlo, Mkani kum, nina baqalekiswa, niye emlilweni ongunaphakade, owalungiselwa uMtyholi nezithunywa zakhe.
42
Kuba ndalamba, anandiseza; ndanxanwa, anandiseza;
43
ndandingowasemzini, anandingenisa ndlwini; ndandize, anandambesa; ndandisifa, ndandisentolongweni, anandivelela.
44
Boza ke bamphendule nabo, besithi, Nkosi, sakubona nini na ulambile, okanye unxaniwe, okanye ungowasemzini, okanye uze, okanye usifa, okanye usentolongweni, asakulungiselela?
45
Aze abaphendule athi, Inene ndithi kuni, Ekubeni ningenjanga njalo nakumnye waba bangabona bangabona bancinane, anenjanga njalo nakum.
46
Abo baya kumka aba baye elubethweni olungunaphakade; ke wona amalungisa aya kuya ebomini obungunaphakade.
← Chapter 24
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 26 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28