bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Matthew 4
Matthew 4
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 5 →
1
Waza uYesu wenyuswa nguMoya, wasiwa entlango, ukuba ahendwe nguMtyholi.
2
Akuba ezile ukutya iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, walamba.
3
Efikile ke umhendi kuye, wathi, Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka.
4
Waphendula ke yena wathi, Kubhaliwe kwathiwa, Akaphili ngasonka sodwa umntu; uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo.
5
uMtyholi wamthabatha wamsa kuwo umzi ongcwele, wammisa eluchochoyini lwetempile.
6
Athi kuye, Ukuba unguye uNyana kaThixo, ziphose ezantsi; kuba kubhaliwe kwathiwa, Uya kuziwisela umthetho ngawe izithunywa zakhe, zaye ziya kukufukula ngezandla, hleze ubetheke ngonyawo lwakho eweni ilitye.
7
Wathi uYesu kuye, Kubhaliwe kwathiwa, Uze ungayihendi iNkosi uThixo wakho.
8
Ubuya uMtyholi amthabathe amse entabeni ephakame kakhulu, ambonise zonke izikumkani zehlabathi, nozuko lwazo;
9
Athi kuye, Zonke ezi zinto ndokunika, ukuba uthe wawa phantsi, waqubuda kum.
10
Waza wathi uYesu kuye, Suka umke, Sathana, kuba kubhaliwe kwathiwa, Uze uqubude eNkosini uThixo wakho, ukhonze yena yedwa.
11
Wasuka ke uMtyholi ukumyeka; nanko kufika izithunywa zezulu zimlungiselela.
12
Ke kaloku, akuva uYesu ukuba uYohane unikelwe entolongweni, wemka waya kwelaseGalili.
13
Esukile eNazarete, weza wahlala eKapernahum, eselunxwemeni lolwandle, emideni yakwaZebhulon neyakwaNafetali;
14
ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,
15
Ilizwe lakwaZebhulon, nelizwe lakwaNafetali, ngasendleleni yaselwandle, phesheya kweYordan, eGalili yeentlanga;
16
Abantu abo bahleli ebumnyameni babone ukukhanya okukhulu; nabo babehleli kummandla wethunzi lokufa, ukukhanya bakhanyiselwe.
17
Waqala oko uYesu ukumemeza, esithi, Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.
18
Uthe ke uYesu, ehamba ngaselwandle lwaseGalili wabona abazalwana ababini, uSimon ekuthiwa nguPetros noAndreya, umzalwana wakhe, bephosa umnatha elwandle; kuba babengababambisi beentlanzi.
19
Athi kubo, Ndilandeleni; ndonenza nibe ngababambisi babantu.
20
Bayishiya kwaoko iminatha yabo, bamlandela.
21
Uhambele phambili esuka apho, wabona abanye abazalwana ababini, uYakobi unyana kaZebhedi, noYohane umzalwana wakhe, besemkhombeni noZebhedi uyise, belungisa iminatha yabo; wababiza.
22
Basishiya kwaoko isikhitshana noyise, bamlandela.
23
Waye uYesu elihamba lonke elaseGalili, efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, eshumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani, ephilisa izifo zonke nezikhuhlane zonke ebantwini.
24
Lwaphuma ke udumo lwakhe lwaya kulo lonke elaseSiriya, babazisa kuye bonke abagulayo ababebanjwe zizifo ngezifo naziintuthumbo ngeentuthumbo, nabaphethwe ziidemon, nabanesithuthwane, nabafe umzimba wabaphilisa.
25
Walandelwa zizihlwele ezininzi zivela eGalili, naseDekapoli, naseYerusalem, nakwelakwaYuda, naphesheya kweYordan.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28