bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Matthew 23
Matthew 23
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 24 →
1
Waza uYesu wathetha kwindimbane nakubafundi bakhe,
2
besithi, Ababhali nabaFarisi bahleli esihlalweni sikaMoses;
3
Konke ngoko abasukuba besithi kuni kugcineni, ze nikugcine nikwenze; kodwa ze ningenzi ngokwemisebenzi yabo; kuba bayathetha baze bangenzi.
4
Kuba babopha imithwalo enzima, esindayo, bayibeke emagxeni abantu; kodwa bona abafuni kuzishukumisa nangomnwe lo wabo.
5
Yonke imisebenzi yabo ke bayenza ukuze babonwe ngabantu; bawenza banzi amafilakteriyu abo, bayandise imiqukumbelo yeengubo zabo.
6
Bathanda izihlalo eziphambili esidlweni, nezihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungu,
7
nemibuliso ezindaweni zembutho, nokubizwa kwabantu ngokuthi, Rabhi, Rabhi.
8
Ke nina maningabizwa kuthiwe Rabhi, kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu; nina ke nonke ningabazalwana.
9
Ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini.
10
Kananjalo maningabizwa ngokuba ningabakhokeli; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu.
11
Omkhulu ke kuni makabe ngumlungiseleli wenu.
12
Osukuba ke eziphakamisa uya kuthotywa; nozithobayo uya kuphakanyiswa.
13
Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Kuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba aningeni nina, nabangenayo anibavumeli ukuba bangene.
14
Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba nizidla izindlu zabahlolokazi, nize ngokunyhwalaza nithandaze uzungu;
15
Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nijikajika ulwandle nomhlaba ukuze nenze abe mnye ongena ebuYudeni; nithi ke, nakuba nibe, nimenze abe ngumntwana wesihogo ngokuphindiweyo kunani.
16
Yeha, nina bakhokelindini baziimfama! Nina nithi, Othe wafunga itempile, akunto oko; ke othe wafunga igolide yetempile, unetyala.
17
Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusini na?
18
Kanjalo nothi, Othe wafunga isibingelelo, akunto; ke othe wafunga umnikelo ophezu kwawo, unetyala.
19
Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Ngumnikelo, sisibingelelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusini na?
20
Lowo usifungayo ngoko isibingelelo ufunga sona neento zonke eziphezu kwaso.
21
Nalowo uyifungayo itempile, ufunga yona nomiyo kuyo.
22
Nalowo usifungayo izulu, ufunga itrone kaThixo nohleli phezu kwayo.
23
Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Kuba ninikela izishumi zetyeleba nedile nekumin, kanti nizishiyile ezona ndawo zinzima zomthetho, umgwebo nenceba nokholo; ezi benimelwe kukuba nizenze, nithi neziya ningazishiyi.
24
Bakhokelindini baziimfama, abahluza imbuzane, niginye inkamela.
25
Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Kuba nihlambulula umphandle wendebe nesitya, kanti ngaphakathi zizele kukuphanga nokugqithisela.
26
mFarisindini, imfama, hlambulula kuqala okungaphakathi kwendebe nesitya, ukuze nomvandedwa ube ube nyulu.
27
Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba nifana namangcwaba aqatywe mhlophe, abonakala emahle ngaphandle, kanti ngaphakathi azele ngamathambo abafileyo nako konke ukungcola.
28
Ngokukwanjalo nani ngaphandle nibonakala ebantwini ukuba ningamalungisa, kanti ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchasa umthetho.
29
Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba niwakha amangcwaba abaprofeti, nivathise amangcwaba amalungisa;
30
Kwaye nithi, Ukuba sasikho thina kwimihla yoobawo, singe singabanga nabudlelane nabo ngegazi labaprofeti.
31
Ngoko niyangqina kwanina, ukuba ningoonyana babo babulala abaprofeti.
32
Wuzaliseni ngoko umlinganiso wooyihlo.
33
Zinyokandini, nzalandini yamarhamba, ningáthini na ukuwusaba umgwebo wesihogo?
34
Ngenxa yoko, niyabona, mna ndinithumela abaprofeti nezilumko nababhali; nithi ke inxenye kubo niyibulale, niyibethelele eminqamlezweni; nithi inxenye kubo niyityakatye ezindlwini zenu zesikhungu, niyitshutshise kwimizi ngemizi;
35
ukuze linifikele lonke igazi elinobulungisa, elaphalazwayo emhlabeni, lithabathela egazini lika-Abheli ilungisa, lizise egazini likaZekariya, unyana kaBharakiya, enambulalayo phakathi kwetempile nesibingelelo.
36
Inene, ndithi kuni, Zonke ezo zinto ziya kusihlela esi sizukulwana.
37
Yerusalem, Yerusalem, wena ubabulalayo abaprofeti, ubagibisele ngamatye abo bathunywe kuwe, kufuthi kangakanani na ndithande ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amathole aso ngaphantsi kwamaphiko, anavuma!
38
Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize.
39
Kuba ndithi kuni, Aniyi kuba sandibona emveni koku, nide nithi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28