bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Matthew 26
Matthew 26
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 27 →
1
Kwathi, xeshikweni uYesu ebewagqibile onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe,
2
Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika, aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni.
3
Bahlanganisana ngoko ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa.
4
Babhunga ukuba bambambe uYesu ngobuqhophololo, bambulale.
5
Babesithi ke, Kungabi ngomthendeleko, hleze kubekho isaqunge phakathi kwabantu.
6
Kwathi, uYesu eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa,
7
Kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wamgalela entloko, akubon’ ukuba uhleli ngasesithebeni.
8
Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho?
9
Kuba la mafutha ngekuthengiswe ngawo ngexabiso elikhulu, kwaphiwa amahlwempu.
10
Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? ngokuba undenzele umsebenzi olungileyo.
11
Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo; ke mna anihleli ninam.
12
Kuba xa egalele la mafutha aqholiweyo emzimbeni wam, wenzele ukungcwatywa kwam.
13
Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.
14
Ngelo xesha kwaphuma omnye weshumi elinababini, ekuthiwa nguYuda Sikariyoti, waya kubabingeleli abakhulu,
15
Wathi kubo, Ningandinika ntoni na, ndimnikele kuni? Banqophisana naye ngamaqhosha esilivere amashumi mathathu.
16
Waza kwalapho wafuna ithuba elimlungeleyo lokuze amnikele kubo.
17
Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abafundi kuYesu, besithi kuye, Ùfuna ukuba sikulungisele phi na ukuyidla ipasika?
18
Wathi ke yena, Hambani niye kuwo umzi, kuthile, nithi kuye, Uthi uMfundisi, ixesha lam likufuphi; ndiya kuyenzela kwakho ipasika nabafundi bam.
19
Benza ke abafundi njengoko uYesu wayebayalele ngako; bayilungisa ke ipasika.
20
Kwakuhlwa ke, wahlala ngasesithebeni nabalishumi elinababini.
21
Xa badlayo, wathi, Inene ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha.
22
Bakuba buhlungu kakhulu, baqala ukuthi kuye bonke ngabanye, Ingaba ndim, yini na, Nkosi?
23
Waphendula ke yena wathi, Osithe nkxu nam isandla esityeni, nguye lowo uya kundingcatsha.
24
uNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhalwe ngaye; yeha ke, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu.
25
Waphendula ke uYuda, lowo umngcatshayo, wathi, Ingaba ndim, yini na, Rabhi? Wathi ke yena kuye, Uselutshilo nawe.
26
Bakubon’ ukuba bayadla, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela, waqhekeza, wanika abafundi, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo.
27
Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke;
28
kuba ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono.
29
Ndithi ke kuni, Andisayi kusela kwesi siqhamo somdiliya, kuthabathela kweli xesha, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela nani sisitsha ebukumkanini bukaBawo.
30
Bakuba bevume ingoma yokubonga, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.
31
Ngelo xesha uthi uYesu kubo, Nina nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kumbetha umalusi, zichithwachithwe izimvu zomhlambi.
32
Kodwa emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela ndiye kwelaseGalili.
33
Waphendula ke uPetros wathi kuye, Nokuba bonke baya kukhubeka ngawe, andisayi kukha ndikhubeke mna.
34
Athi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, Kwangobu busuku, ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu.
35
Athi uPetros kuye, Ndingafanelana ndimelwe kukuba ndife nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho ke bonke abafundi.
36
Ngelo xesha, ufika uYesu nabo kumhlatyana ekuthiwa yiGetsemane, athi kubafundi, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya.
37
Wathabatha uPetros noonyana bobabini bakaZebhedi, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu.
38
Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha, nilinde nam.
39
Waza, ehambele phambili umganyana, wawa ngobuso bakhe, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule kum le ndebe; noko makungabi njengokuthanda kwam, makube njengokuthanda kwakho.
40
Uyeza kubafundi, abafumane belele, athi kuPetros, Ninje na ukungabi nako ukulinda nam nexa elinye?
41
Phaphani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya wona okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.
42
Wabuya wemka okwesibini, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba ayinako le ndebe ukudlula kum ndingathanga ndiyisele, makwenzeke ukuthanda kwakho.
43
Afike abafumane bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo.
44
Wabashiya, wabuya wemka, wathandaza okwesithathu, ethetha kwalona elo lizwi.
45
Andule ukuza kubafundi bakhe, athi kubo, Lalani ngoku, niphumle; yabonani, lisondele ilixa lokuba uNyana woMntu anikelwe ezandleni zaboni.
46
Vukani, sihambe; yabonani, usesondele lowo undingcatshayo.
47
Kuthe, esathetha, kwathi gqi uYuda, omnye wabalishumi elinababini; weza enendimbane enkulu inamakrele neentonga, ivela kubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu.
48
Ke kaloku lowo umngcatshayo wayebanike umqondiso, esithi, Lowo ndithe ndamanga, nguye;
49
Wafika ke kwaoko kuYesu, wathi, Vuya, Rabhi; wamanga.
50
Athi uYesu kuye, Wethu, yini na ukuba uze? Beza ngoko, bamsa izandla uYesu, bambamba.
51
Waza omnye wabo babenoYesu wolula isandla, warhola ikrele lakhe, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe.
52
Waza wathi uYesu kuye, Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho; kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala likrele.
53
Uba andinako na ngoku ukumbongoza uBawo, andikhuphele imikhosi yezithunywa zezulu engaphezu kweshumi elinamibini?
54
Bezingathini na ke oko ukuzaliseka izibhalo ezithi, kumele ukuba kube nje?
55
Ngalo elo lixa wathi uYesu kwindimbane, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, ngathi niphumele isihange? Bendihleli nani imihla ngemihla, ndifundisa etempileni, anandibamba.
56
Kodwa konke oku kwenzeke, ukuze zizaliseke izibhalo zabaprofeti. Basuka bonke abafundi bamshiya, babaleka.
57
Abo ke bambambayo uYesu, bamrholela kuKayafa, umbingeleli omkhulu, apho babehlanganisene khona ababhali namadoda amakhulu.
58
Ke yena uPetros wamlandela, ebekele kude, kwada kwaya entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu. Engene ngaphakathi, wahlala phantsi namadindala, ukuba abone isiphelo.
59
Ke kaloku, baye ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nentlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina obubuxoki ngoYesu, ukuze bambulale;
60
nangona afikayo amangqina abuxoki aba maninzi, ababufumananga. Ada ke afika amangqina abuxoki emabini.
61
Athi, Lo wathi, Ndinako ukuyichitha itempile kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu.
62
Wesuka wema umbingeleli omkhulu, wathi kuye, Akuphenduli nto na? bangqina ntoni na aba ngawe?
63
Wathi tu uYesu. Waphendula umbingeleli omkhulu wathi kuye, Ndikufungisa uThixo ophilileyo, ukuba usixelele ukuba unguye na uKristu, uNyana kaThixo.
64
Athi uYesu kuye, Uselutshilo nawe. Ke ndithi kuni, Emveni koku niya kumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza esemafini ezulu.
65
Waza umbingeleli omkhulu wazikrazula iingubo zakhe, esithi, Unyelisile; sisawafunelani na amangqina? yabonani, ngoku nikuvile ukunyelisa kwakhe.
66
Nithini na? Baphendula ke bona bathi, Unetyala lokufa.
67
Baza bamtshicela ebusweni, bamntlitha, abanye ke bambetha ngentende zezandla.
68
Zithi, Siprofetele, wena Kristu, ukubethileyo ngubani na?
69
Ke kaloku uPetros wayehleli ngaphandle entendelezweni; kweza kuye sicakazana sithile, sisithi, Nawe ubunaye uYesu lo waseGalili.
70
Wakhanyela ke yena phambi kwabo bonke, esithi, Andiyazi into oyithethayo.
71
Ephumile waya esangweni, sambona esinye, sathi kwababekhona, Naye lo ebenaye uYesu waseNazarete.
72
Waphinda wakhanyela efunga, esithi, Andimazi loo mntu.
73
Kwakuba mzuzwana, beza abo babemi khona, bathi kuPetros, Inyaniso, nawe ungowabo; kuba intetho yakho iyakudiza.
74
Waza waqala ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu. Yalila kwaoko inkuku.
75
Walikhumbula uPetros ilizwi likaYesu, abelithethile kuye, esithi, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Waza waphuma phandle, walila ngokukrakra.
← Chapter 25
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 27 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28