bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Matthew 12
Matthew 12
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 13 →
1
Ngelo xesha uYesu wacanda emasimini ngesabatha; Baye ke belambile abafundi bakhe, baqala ukukha izikhwebu, badla.
2
Bakukubona oko abaFarasi, bathi kuye: “Khangela, abafundi bakho benza oko kungavumelekileyo ukwenziwa ngesabatha.
3
Wathi kubo, Aniyilesanga na into awayenzayo uDavide, xa walambayo, yena nabo babenaye;
4
okokuba wangena endlwini kaThixo, wazidla izonka ezibekwa phambi koThixo, ekube kungavumelekile ukuba azidle yena, kwanabo babenaye, kuvumelekele ababingeleli bodwa?
5
Anilesanga na emthethweni, ukuba ngesabatha ababingeleli etempileni bayayingcolisa isabatha, bangazeki tyala noko?
6
Ndithi ke kuni, omkhulu kunayo itempile ukho apha.
7
Ukuba ke nibe nikwazile ukuba kuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo, ninge ningabagwebanga abangenatyala.
8
Kuba uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha.
9
Esukile ke apho, waya kungena endlwini yabo yesikhungu.
10
Kwabonakala kukho umntu owome isandla; Baye ke bembuza besithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? ukuze bammangalele.
11
Wathi kubo, Nguwuphi na umntu kuni ongathi, enegusha enye, yaza ukuba yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole?
12
Ubeke phi na ke umntu ukuyigqitha imvu? Ngoko ke kuvumelekile ukwenza okulungileyo ngesabatha.
13
Athi kuloo mntu, Solule isandla sakho. Wasolula; yabuya yaphila, ifana neyawo.
14
Baza baphuma abaFarisi benza ibhunga ngaye lokuba bamtshabalalise.
15
Uthe ke uYesu, ekwazi oko, wemka, apho; walandelwa ngabantu abaninzi; wabaphilisa bonke.
16
Wabakhalimela ukuba bangamtyhili;
17
ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,
18
Mboneni ke umkhonzi wam endimnyulileyo; intanda yam okholisiweyo yiyo umphefumlo wam; ndiya kumbeka uMoya wam phezu kwakhe, waye eya kuzibikela iintlanga umgwebo.
19
Akayi kuphika, akayi kunkqangaza; Akukho bani uya kuliva ilizwi lakhe ezitratweni.
20
Ingcongolo etyumkileyo akayi kuyaphula, nomsonto oqhumayo akayi kuwucima, ade awuphumelelisele ekoyiseni umgwebo;
21
Kaloku ziya kuthembela egameni lakhe iintlanga.
22
Kwaza kwaziswa kuye umntu ophethwe yidemon, eyimfama, esisidenge;
23
Yamangaliswa isihlwele sonke, sathi, Lo asinguye na unyana kaDavide?
24
Bakuva ke oko abaFarasi, bathi: “Lo yena akazikhuphi iidemon, kuphela ngoBhelezebhule umphathi weendimoni.
25
Uthe ke uYesu, ezazi iingcingane zabo, wathi kubo, Ubukumkani bonke obahlulelene bodwa buyaphanza; nomzi wonke nendlu yonke eyahlulelene yodwa ayiyi kuma.
26
Ukuba ke uSathana ukhupha uSathana, wahlulelene yedwa; bothini na ngoko ukuma ubukumkani bakhe?
27
Ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na onyana benu? ngenxa yoko baya kuba ngabagwebi benu bona.
28
Kodwa ukuba ndizikhupha iidemon ngoMoya kaThixo mna, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo.
29
Angathini na umntu ukuba nako ukungena endlwini yegorha elo, ayiphange impahla yalo, ukuba akathanga tanci alibophe igorha elo? andule ke ukuyiphanga indlu yakhe.
30
Lowo ungengakum, uchasene nam; nalowo ungandibuthisiyo, uyachithachitha.
31
Ngenxa yoko ndithi kuni, Konke ukona nokunyelisa bokuxolelwa abantu; kodwa kona ukunyelisa uMoya oyiNgcwele abasayi kukuxolelwa abantu.
32
Nothe wathetha ilizwi elichasene noNyana woMntu uya kuxolelwa; kodwa othe wathetha elichasene noMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa yena, nakweli phakade, nakwelo lizayo.
33
Wenzani umthi ube mhle, nesiqhamo sawo sibe sihle; okanye niwenze mbi umthi, nesiqhamo sawo sibe sibi; ngokuba umthi waziwa ngesiqhamo sawo.
34
Nzalandini yamarhamba, ningathini na ukuba nako ukuthetha izinto ezilungileyo, nikhohlakele nje? kuba umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.
35
Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, ukhupha izinto ezilungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo, ukhupha izinto ezikhohlakeleyo.
36
Ndithi ke kuni, Onke amazwi angewani abathe bawathetha abantu, baya kuphendula ngawo ngomhla womgwebo;
37
kuba ngawo amazwi akho uya kugwetyelwa, nangawo amazwi akho uya kugwetywa.
38
Baphendula ke abathile bakubabhali nabaFarisi, besithi, Mfundisi, sifuna ukubona umqondiso.
39
Waphendula ke wathi kubo, Isizukulwana esingendawo, esikrexezayo, singxamele umqondiso; kwaye asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti.
40
Kuba, njengokuba uYona ebemini ntathu nabusuku buthathu esiswini sentlanzi enkulu; kwangokunjalo uNyana woMntu woba mini ntathu nabusuku buthathu embilinini womhlaba.
41
Amadoda aseNiniva aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ukanti ke omkhulu kunoYona nanku apha.
42
Ukumkanikazi waseZantsi uya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; ukanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha.
43
Xa umoya ongcolileyo uthe waphuma emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla, ungakufumani.
44
Uze uthi, Ndiya kubuyela kwasendlwini yam endaphuma kuyo; uthi ke wakufika uyifumane ize, itshayelwe, ivathisiwe.
45
Wandule ke ukuya uthabathe uze nabanye oomoya, abasixhenxe abakhohlakeleyo kunawo, bangene beme khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqaleko sakhe. Kuya kuba njalo nakwesi sizukulwana singendawo.
46
Esathetha neendimbane ezo, kwathi thaphu unina nabazalwana bakhe, bema ngaphandle, befuna ukuthetha naye.
47
Wathi ke othile kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho, bemi ngaphandle, befuna ukuthetha nawe.
48
Uphendule ke wathi kulowo ubemxelele, Ngubani na uma? Ngoobani bona abazalwana bam?
49
Wasolula isandla sakhe kubafundi bakhe, wathi, Nanku uma nabazalwana bam.
50
Kuba othe wakwenza ukuthanda kukaBawo osemazulwini, nguye lowo ongumntakwethu, nodade wethu, noma.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28