bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 1
Luke 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 2 →
1
NGOKOKUBA abaninzi belingile ukulibeka kunye ngokucwangcisa ilivo lezondawo eziqiniselwe pakati kwetu ngokukolisekileyo,
2
njengokuba bezinikele kuti abo babengababoneli nabakonzi belizwi kutabata ekuqaleni;
3
kwanga kulungile nakum, ndizilandile zonke kwada kwangapambili ngokukutala nje, ukuba ndikuba̔lele zona ngokulandelana, Teyofilusi odumileyo kakulu!
4
ukuze ukolise ukuyazi inyaniso yezozinto uzifundisiweyo ngomlomo.
5
KWAYE kuko emihleni ka‐Herodi, ukumkani we‐Judeya, umperisite otile ogama lingu‐Zekariya, engowakuso isahlulo sika‐Abiya; nomfazi wake engowasezintombini zika‐Arone, negama lake lingu‐Elizabete.
6
Bebelungile bobabini ke ebusweni bukatixo, behamba kuyo yonke imiyalelo nemimiselo yenkosi bengohlwayeki.
7
Baye bengenamntwana, ngenxa yokuba u‐Elizabete ebeludlolo; kanjalo bobabini bebekolisile ukuba nobudala.
8
Kwabekute, ekwenzeni kwake inkonzo yomperisite pambi kwotixo, ngexesha lokukonza kwesahlulo sakowabo,
9
ngokwesiko lobuperisite, wabelwa ngeqashiso ukuqu̔misa, engene endaweni engcwele yenkosi:
10
waye wonke umhlambi wabantu ubutandaza ngapandle ngexeshana lesiqu̔miso.
11
Kwati kekaloku kwabonakala kuye ingelosi yenkosi, imi ngasekunene kwesibingelo sesiqu̔miso.
12
Waza u‐Zekariya waxaliswa aku yi bona, wawelwa kukwoyika.
13
Koko ingelosi yati kuye: Ungoyiki, Zekariya! ngokuba isikungo sako siviwe; woti ke umfazi wako u‐Elizabete akuzalele unyana, wauya kubiza igama lake ngo‐Johane.
14
Kanjalo wena woba novuyo nomgcobo, bati nabaninzi bavuyele ukuzalwa kwake.
15
Ngokuba eya kuba mkulu ebusweni benkosi; angaseli ke neveyine notywala; waeya kuzaliswa ngomoya oyingcwele esapuma esizalweni sonina.
16
Nabaninzi bosapo luka‐Sirayeli wobaguqulela kwinkosi, utixo wabo.
17
Waeya kuhamba pambi kwayo emoyeni nasemandleni ka‐Elija, ukuba intliziyo zoyise aziguqulele kubantwana, nabangevayo abaguqulele ebutelekelelweni babalungileyo, ukuba alungisele inkosi abantu abalungiselelweyo.
18
Waza wati u‐Zekariya kuyo ingelosi: Ndiya kukwazi oku ngandawo nina? ngokuba ndilixego mna, nomfazi wam ekolisile ukuba nobudala.
19
Yaza yapendula ingelosi yati kuye: Mna ndingu‐Gabriyeli omiyo ngasebusweni bukatixo; ndanditunywa ukuba nditete kuwe, nokuba ndikushumayeze ezindaba ezimnandi.
20
Kekaloku bona ke, woba usiti cwaka, ukohlwa nokuteta, kude kube yimini eziya kuba zenzekile ezizinto; ngenxa yokokuba ubungakolwanga ngamazwi am, aya kuzalisekiswa wona ngexesha lawo.
21
Kekaloku abantu bebemlinda u‐Zekariya, batela nqa ukulibala kwake endaweni eyingcwele.
22
Wati ke akupuma, wakohlwa ukuteta kubo; baza banakana ukuba ubonile isibonakalo endaweni eyingcwele; wabe ke yena eman’ ukukoba kubo, wahlala esidenge.
23
Kwaza kwati, xeshekweni ibizalisekile imihla yesikonzo sake, wemkela endlwini yake.
24
Kekaloku emveni kwezontsuku wakaula u‐Elizabete umfazi wake, wazifihla kanye inyanga zantlanu, esiti:
25
Yenje nje inkosi kum emihleni ya ndi kangela ngayo ukususa ihlazo lam pakati kwabantu.
26
Kekaloku ngenyanga yesitandatu ingelosi engu‐Gabriyeli yatunywa ngutixo ukuya esixekweni sase‐Galili, esigama liyi‐Nazarete,
27
kwintombi exanyelweyo indoda egama lingu‐Josefe, ingowendlu ka‐Davide; laye igama lentombi lingu‐Mariya.
28
Yaza yangena ingelosi kuyo, yati: A, wena ukolelweyo! inkosi maibe nawe; utamsanqelekile wena pakati kwabafazi.
29
Yati kekaloku yaku yi bona, yaxaliswa kakulu pezu kwesiteto sayo, yacamanga ukuba ungaba ngoti nina umbuliso lo.
30
Yaza yati ingelosi kuyo: Ungoyiki, Mariya! ngokuba ufumene ufefe kutixo.
31
Kekaloku bona ke, uya kukaula esizalweni sako, uzale unyana, wauya kubiza igama lake ngo— Yesu.
32
Lowo woba mkulu, waeya kubizwa ngokuba ngunyana wopezu kwonke: kanjalo inkosi engutixo iya kumpa iterone ka‐Davide uyise;
33
waeya kuba ngukumkani pezu kwendlu ka‐Yakobi kude kube ngunapakade; nobukumkani bake abuyi kuba nakupela.
34
Wayesiti u‐Mariya kuyo ingelosi: Kwoti nina ukubako oku, indoda ndingayazi nje?
35
Yaza yapendula ingelosi yati kuye: Umoya oyingcwele wohla pezu kwako, namandla opezu kwonke okusibekelela; ngoko kanjako lonto ingcwele ezalwayo nguwe iya kubizwa ngokuba ngunyana katixo.
36
Kanjalo bona ke, u‐Elizabete isalamane sako, kwa naye ukaulile unyana ebudaleni bake; kekaloku le iyinyanga yesitandatu kuye obizwa ngokutiwa uludlolo:
37
ngokuba kungeko nanye into eya kumnqabela utixo.
38
Wayesiti u‐Mariya: Nasi ke isicakakazi senkosi; makube njalo kum njengelizwi lako. Yaza yemka kuye ingelosi.
39
Wati kekaloku u‐Mariya kwezontsuku wesuka waya ezweni lasezintabeni ngobunxamo, esixekweni sakwa‐Juda,
40
wangena endlwini ka‐Zekariya, wambulisa u‐Elizabete.
41
Kwaye kute xeshekweni u‐Elizabete weva umbuliso ka‐Mariya, waxu̔ma umntwana esizalweni sake: waza u‐Elizabete wazaliswa ngomoya oyingcwele,
42
wapakamisa ukuteta ngelizwi elikulu, wati: Utamsanqelekile wena pakati kwabafazi, sitamsanqelekile nesixakato sesizalo sako.
43
Kuti nina ke ukundihlela oku, ukuba unina wenkosi yam eze kum?
44
Ngokuba bona ke, xeshekweni ilizwi lombuliso wako langena ezindlebeni zam, umntwana waxu̔ma ngomgcobo esizalweni sam.
45
Unetamsanqa ke lowo okoliweyo; ngokuba kuya kubako ukufezwa kwezinto ezitetiweyo kuye zivela enkosini.
46
Waza wati u‐Mariya: Umpefumlo wam uyazukisa inkosi,
47
nomoya wam ugcobile kutixo umsindisi wam;
48
ukuba ebukangele ubupantsi besicakakazi sake: ngokuba bona ke, emveni kwakaloku nje zonke izizukulwana ziya kuti ndinetamsanqa.
49
Ngokuba usomandla endenzele izinto ezinkulu; lingcwele ke igama lake:
50
nobubele bake bupezu kwabamoyikayo kwizizukulwana ngezizukulwana.
51
Wenzile ngamandla ngengalo yake: ubaci̔tile abaner̔atshi ekucingeni kwentliziyo zabo.
52
Abanobukosi ubawisile eziteroneni, nabapantsi ubapakamisile.
53
Abalambileyo ubahlutisile ngento ezilungileyo, nabazityebi ubandulule bengenanto.
54
Umxasile u‐Sirayeli isicaka sake, ngokukumbula ububele bake,
55
(njengokuba etetile kobawo betu,) ku‐Abrahame nakwinzalo yake kude kube ngunapakade.
56
Wati ke u‐Mariya wahlala naye, ngati zantatu inyanga, waza wabuyela endlwini yake.
57
Kekaloku u‐Elizabete lamzalisekelwa ixesha lokuba azale, wazala unyana ke.
58
Baza abo babehleli kufupi, nabalamane bake, beva okokuba inkosi ibenze bukulu ububele bake ngakuye, bavuyelana naye.
59
Kwaye kute ngomhla wesibozo, beza ukuza ukwalusa umntwana; babembiza ke ngo‐Zekariya, ngegama likayise.
60
Waza wapendula unina wati: Nakanye; koko aya kubizwa ngo‐Johane.
61
Baza bati kuye: Akuko namnye pakati kwabalamane bako obizwa ngeligama.
62
Baye bekoba ke kuyise, ukuba unga angatiwa nina ukubizwa.
63
Waza wabiza icwecwana, waba̔la, esiti: Ngu‐Johane igama lake. Bati nqa ke bonke.
64
Waseluvulwa umlomo wake oko, nolwimi lwake lwatukululwa, wateta, embonga utixo.
65
Kwaza kwehla ulwoyiko pezu kwabo bonke ababehleli kufupi nabo; nakulo lonke ilizwe lasezintabeni lase‐Judeya zibe zivakaliswa zonke ezizinto.
66
Kanjalo bonke ababezivile bazibekela ezintliziyweni zabo, besiti: Woda ati nina umntwana lo? Saye isandla senkosi sibe sinaye.
67
Waza u‐Zekariya uyise wazaliswa ngomoya oyingcwele, waprofitesha, esiti:
68
Maibongwe inkosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuba ibakangele yabenzela inkululwa abantu bayo,
69
yasipakamisela upondo lwosindiso endlwini ka‐Davide isicaka sayo;
70
(njengokuba itetile ngomlomo wabaprofite bayo abangcwele bakudala;)
71
size sisindiswe ezintshabeni zetu, nasesandleni sabo bonke abasitiyayo:
72
ukuba ibenzele ububele obawo betu, nokuba ikumbule ucebano lwayo olungcwele;
73
isifungo eyasifungela u‐Abrahame ubawo wetu,
74
sokuba isipe ukuti, sihlangulwe esandleni sentshaba zetu, siyikonze singenakwoyika,
75
ngobungcwele nangobulungisa pambi kwayo, yonke imihla yokudla kwetu ubomi.
76
Nawe, mntwana! uya kubizwa ngokuba ngumprofite wopezu kwonke: ngokuba uya kwandulela pambi kwobuso benkosi ukuya kulungisa indlela zayo;
77
ukunika abantu bayo ukwaziwa kwosindiswa ngokuxolelwa kwezono zabo,
78
ngenceba zobubele botixo wetu, ekungazo satyelela kuti isifingo sokusa sivela enyangweni,
79
ukuza kukanyela abo bahleli ebumnyameni nasetunzini lokufa, size inyawo zetu sizikapele endleleni yoxolo.
80
Wati umntwana wakula, waba namandla emoyeni; wayesezintlango apo, kwada kwangumhla wokubonakaliswa kwake ko‐Sirayeli.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24