bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 23
Luke 23
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 24 →
1
WAZA wesuka kwa wonke umhlambi wabo, wamr̔olela ku‐Pilati.
2
Kekaloku baqala ukumnika ityala, besiti: Samfumana lo epambukisa uhlanga lwetu, esalela ukunika iminikelo ku‐Kesare kanjalo, esiti kwa yena ungu‐Kristu ukumkani.
3
Waza u‐Pilati wambuza, esiti: Ungukumkani wama‐Juda na? Wapendula kuye wati: Utsho wena.
4
Waza u‐Pilati wati kubaperisite abakulu nakwizihlwele: Andifumani tyala kulomntu.
5
Koko bebejoka ngakumbi, besiti: Uyavuselela abantu, efundisa kuyo yonke i‐Judeya, eqalile kuyo i‐Galili kwada kwalapa.
6
Wati u‐Pilati akuva i‐Galili, wabuza ukuba umntu lowo ebengum‐Galili na.
7
Waza akuqonda ukuba ungowasebukosini buka‐Herodi, wamtuma ku‐Herodi, obeko naye e‐Yerusaleme kwezintsuku.
8
Wati u‐Herodi akubona u‐Yesu, wavuya kunene; ngokuba kube kukade efuna ukumbona, ngenxa yokuba ebesiva izinto ezininzi ngaye; ebetemba nokuba uya kubona umqondiso usenziwa nguye.
9
Waza wambuza ngamazwi amaninzi; kodwa akampendula nto.
10
Bebemi nabaperisite abakulu nababa̔li, bemnika ityala ngamandla.
11
Waza u‐Herodi wamdela, kunye namasodati ake, wamhleka, wamambatisa isivato esikazimlayo, wabuya wamtuma ku‐Pilati.
12
Bati kekaloku u‐Pilati no‐Herodi kwa ngalomini baxolelana: ngokuba bebefudula benobutshaba omnye nomnye.
13
Waza u‐Pilati akuba ebebizele ndawonye kuye abaperisite abakulu, nabapati, nabantu,
14
wati kubo: Nimzisile kum umntu lo, njengokuba engosongayo abantu; kekaloku bona ke, ndimbuzile ebusweni benu nje, andifumananga tyala kulomntu, ngezozinto nimnika ityala ngazo:
15
aka fumana no‐Herodi kanjalo; ngokuba ndindanituma kuye; kanti bona ke, akuko nto efanele ukufa eyenziweyo nguye:
16
ndiya kuti ngoko ndimbete ndimkulule.
17
(Kekaloku ebefanelwe kukuti ngomtendeleko lowo abakululele umbanjwa abe mnye.)
18
Kodwa badanduluka wonke umhlambi kunye, besiti: Susa lo, usikululele u‐Baraba:
19
(umntu obete ngenxa yempitimpiti etile ebe yenziwe esixekweni nombulalo, waposelwa entolongweni.)
20
Wandula u‐Pilati wabuya wateta kubo, efuna ukukulula u‐Yesu.
21
Kuloko bebememeza, besiti: Mkuruseshe, mkuruseshe yena.
22
Waza wati kubo ngokwesitatu: Wenze ukukohlakala kunina pofu lo? andifumananga tyala lokuba afe kuye: ndiya kuti ngoko ndimbete ndimkulule.
23
Kodwa bebenyakatisa ngamazwi amakulu, bebiza ukuba akuruseshwe. Ada amazwi abo nawabaperisite oyisa.
24
Waza u‐Pilati wagweba ukuba kwenziwe ngesibizo sabo:
25
wabakululela ke lowo ubeposelwe entolongweni ngenxa yempitimpiti nombulalo, oyena babembiza: kodwa u‐Yesu wamnikela ekutandeni kwabo.
26
Baza bati bakuba bebemr̔ola, babamba u‐Simone, umntu otile wase‐Kirene, obevela ezindleni, bayibeka pezu kwake ikuruse, ukuba ayitwale emva kwo‐Yesu.
27
Kekaloku ebelandelwa sisihlwele esikulu sabantu, nesabafazi, abebesenza isijwili nesililo ngaye.
28
Koko u‐Yesu ejikele ngakubo wati: Zintombi zase‐Yerusaleme! ningalili pezu kwam, kodwa lilani pezu kwenu napezu kwabantwana benu:
29
ngokuba, bona ke, imihla isiza ekuyo kuya kutiwa: Banetamsanqa abazindlolo, nezizalo ezingazalanga, namabele anganyisanga.
30
Baya kwandula baqale ukuti ezintabeni: Siweleni; nasezindulini: Sigubungeleni.
31
Ngokuba, xeshekweni bazenza ezizinto kumti oluhlaza, kuya kuhla nto nina kowomileyo?
32
Kwaye kur̔olwa nabanye bebabini, abenzi benkohlakalo, ukuya kubulawa kunye naye.
33
Bati bakufika endaweni ebizwayo ngokuti yeyenkankani, bamkuruseshela kona, kwa nabenzi benkohlakalo, omnye ngasekunene, nomnye ngasekohlo.
34
Wayesiti u‐Yesu: Bawo! baxolele; ngokuba bengazi into abayenzayo. Bati bezaba ingubo zake, benza amaqashiso.
35
Kekaloku bebemi abantu bebonela. Baza bamsinekela, kwa nabapati kunye nabo, besiti: Wabasindisa abanye, makazisindise yena ngokwake, ukuba lo unguye u‐Kristu, umqashwa katixo.
36
Kanjalo namasodati ebemhleka, esiza kuye, emzisela neyasine,
37
esiti nokuti: Ukuba wena ungukumkani wama‐Juda, zisindise.
38
Kwaye kuko nesiba̔lwa siba̔liwe pezu kwake ngamagama angokwama‐Girike, nangokwama‐Roma, nangokwama‐Hebere, sokuti: Lo ungukumkani wama‐juda.
39
Wati kekaloku omnye wabenzi benkohlakalo abebexo̔nyiwe wamgxeka, esiti: Ukuba wena unguye u‐Kristu, zisindise nati.
40
Kodwa wapendula omnye wamtetisa, esiti: Akumoyiki utixo nawe na, ukwa koku kona ukugwetywa nje?
41
Nati okunene sikuko ngokulungileyo; ngokuba sikwamkele okuyelelana nezinto esazenzayo; kodwa lo akenza nto esisono.
42
Waza wati ku‐Yesu: Ndikumbule, Nkosi! xeshekweni uzayo ebukumkanini bako.
43
Waza u‐Yesu wati kuye: Ngokwenene nditi kuwe: Namhla nje uya kubako nam eparadisi.
44
Yanga yayiyure yesitandatu, kwaza kwabako ubumnyama pezu kwalo lonke ilizwe yada yayiyure yesitoba.
45
Lenziwa mnyama nelanga; kanjalo ikuselo lendawo eyingcwele laṙazulwa pakati.
46
Waza wadanduluka ngelizwi elikulu u‐Yesu, wati: Bawo! ndiyanikela umoya wam ezandleni zako. Wati akuba ebetshilo waqauka umpefumlo.
47
Kekaloku inkosikulu yakubona into eyenzekileyo, yadumisa utixo, isiti: Ngokwenyaniso umntu lo ebengolungileyo.
48
Bati nabantu bonke abebebutanele lombonelo, bebona izinto ezenzekileyo, babuya bebeta izifuba zabo.
49
Bebemi nabo bonke babesazana naye bekude, kwa nabafazi abebempelekile evela e‐Galili, bekangela ezizinto.
50
Kekaloku bona ke, indoda egama lingu‐Josefe, ingumpakati, indoda elungileyo nenobulungisa,
51
(yona le ibingavumelene necebo lamanye nesenzo sawo,) eyase‐Arimateya isixeko sama‐Juda, nebilinda ubukumkani bukatixo nayo,
52
yona le yeza ku‐Pilati, yacela umzimba ka‐Yesu.
53
Yaza yawutula, yawusongela eqiyeni, yawubeka encw̔abeni elimbelweyo eweni, apo kwaye kungazanga kulale mntu kona.
54
Lomhla ubungowokulungiselela, nesabata ibisondela.
55
Bati kekaloku nabafazi, abo bebezile naye bepuma e‐Galili, balandela, babona incw̔aba, nokuba kwatiwa nina ukubeka umzimba wake.
56
Babuya ke, balungisa izimnandi namafuta emore; baza bapumla ngesabata njengokwomyalelo.
← Chapter 22
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 24 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24