bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Luke 2
Luke 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 3 →
1
KWAYE kute kwezontsuku, kwapuma umteto ku‐Kesare Auguste, wokuba lonke ilizwe maliba̔lelwe.
2
(Esi isiba̔lelo senzeka kuqala nxa u‐Kirenusi ebengumpati we‐Siriya.)
3
Baza baya bonke ukuya kuba̔lelwa, abanye ngabanye kwezakowabo izixeko.
4
Wati kekaloku no‐Josefe wenyuka e‐Galili, esixekweni se‐Nazarete, waya e‐Judeya, esixekweni sika‐Davide, esibizwa nge‐Beteleheme, (ngenxa yokuba ebengowendlu nesizalwane sika‐Davide,)
5
ukuya kuba̔lelwa kunye nomfazi wake oxanyiweyo, ekulelwe yena.
6
Kwaye kute bakuba bebekona, zazaliseka imihla yokuba azale.
7
Waza wazala unyana wake owamazibulo, wamsongela eziqiyeni, wamlalisa emkombeni wesitale; ngokuba bebengenandawo pakati entangeni.
8
Kwaye kuko abalusi kwelona lizwe, behlala ezindle, belinda umhlambi wabo ngamavaṙasho obusuku.
9
Yati bona ke, ingelosi yenkosi yeza yema ngakubo, nobungcwalisa benkosi babakanyela ngokungqonga; baza boyika ngokwoyika okukulu.
10
Yayisiti kubo ingelosi leyo: Ningoyiki; ngokuba, bona ke, ndinishumayeza indaba zovuyo olukulu, oluya kuba lolwabantu bonke.
11
Ngokokuba nizalelwe namhla umsindisi, ongu‐Kristu inkosi, esixekweni sika‐Davide.
12
Kanjalo oku kwoba ngumqondiso kuni: Niya kufumana usana lusongiwe eziqiyeni, lulele emkombeni wesitale.
13
Kwaza kwabako ngokwalama ndawonye nayo ingelosi into eninzi yomkosi wasezulwini, bedumisa utixo, besiti nokuti:
14
Makubeko ubungcwalisa kutixo enyangweni yapezulu, noxolo emhlabeni, ufefe ebantwini!
15
Kwaza kwati, xeshekweni zibe zimkile kubo ingelosi zaya ezulwini, bandula abalusi bati omnye kwomnye: Makesiye kambe kwa se‐Beteleheme, size siyibone lento ihlileyo, esazisiwe yona yinkosi.
16
Basuka beza ngokunxama, bafumana kwa no‐Mariya no‐Josefe, nosana lulele emkombeni wesitale.
17
Bati ke bakubona, bavakalisa ilizwi elalitetwa kubo ngaye umntwana lo.
18
Baza bonke abo bevayo bazitela nqa izinto ezazitetwa kubo ngabalusi.
19
Kodwa u‐Mariya wazigcinela zonke ezizinto, wazilinganisa entliziyweni yake.
20
Baza babuya abalusi, bebonga bedumisa utixo ngenxa yazo zonke izinto ababezivile nababezibonile, njengokuba kube kutyelwe kubo.
21
Kekaloku okuya ibizalisekile imihla esibozo yokuba umntwana aluswe, landula labizwa igama lake ngo‐Yesu, elibe libizwa njalo yingelosi engekakaulwa esizalweni.
22
Kekaloku okuya ibizalisekile imihla yokuhlanjululwa kwabo, ngokwomteto ka‐Mosesi, bamnyusela e‐Yerusaleme, ukuba bammisele enkosini;
23
(njengokuba kuba̔liwe emtetweni wenkosi ukuti: Konke okubudoda ekuzityulwa ngako kwobizwa ngokuba ngcwele kuyehova;)
24
nokuba banikele idini, njengoko kutshiwo emtetweni wenkosi ukuti: Isibini samahobe, umhlaumbi amatole amabini amazuba.
25
Kekaloku bona ke, bekuko umntu e‐Yerusaleme, ogama lingu‐Simone; waye umntu lowo elungile ebubedesho, elinda ulwonwabiso lwo‐Sirayeli; kanjalo umoya oyingcwele ebepezu kwake.
26
Kwaye kutyilelwa yena ngumoya oyingcwele, ukuba akayi kubona kufa engekaboni u‐Kristu wenkosi.
27
Weza ke ngomoya etempileni: kekaloku nxa oyise babengenisa umntwana u‐Yesu, ukuba bamenzele ngesiko lomteto,
28
wandula yena wamtabatela ezingalweni zake, wambonga utixo, wati:
29
Kaloku uyasindulula isicaka sako, Nkosi! ngoxolo, njengokwelizwi lako:
30
ngokuba amehlo am ebonile usindiso lwako,
31
olo ululungisileyo ngasebusweni bezizwe zonke;
32
ukanyiso lwokutyilela abaheyideni, nolwobungcwalisa babantu bako o‐Sirayeli.
33
Babesiti nqa ke u‐Josefe nonina pezu kwezinto ezibe zitetwa ngaye.
34
Waza u‐Simone wabatamsanqelisa, wati ku‐Mariya unina: Bona ke, lo ubekelwe ukuwa nokupakama kwabaninzi kwa‐Sirayeli, nomqondiso ekupikwa nawo;
35
(ewe, nowako umpefumlo isiṙele sowuhlaba;) ukuze kube kutyilwa izicamango zentliziyo ezininzi.
36
Kwabekuko kanjalo u‐Ana umprofitekazi, intombi ka‐Fanuweli, owesizwe sika‐Ashere: yena lo ebekolisile ukuba nobudala kakulu, obehleli nendoda iminyaka yasixe̔nxe itabata ebuntombini bake:
37
wayengumhlolokazi weminyaka engati imashumi asibozo anesine, owahlala engemki etempileni, ekonza u‐Tixo ngokuzila ukutya nangokukunga ebusuku nasemini.
38
Wati lo emi kufupi nje kwa ngeloxeshana wabulela enkosini naye, wateta ngayo kubo bonke ababelinda inkululwa e‐Yerusaleme.
39
Kekaloku xeshekweni bebegqibele zonke izinto ezinjengokwomteto wenkosi, babuyela e‐Galili, esixekweni sabo e‐Nazarete.
40
Wati umntwana wakula, waba namandla emoyeni, ezaliswa ngobulumko; nofefe lukatixo lwalupezu kwake.
41
Kekaloku oyise bake bebesiya iminyaka ngeminyaka e‐Yerusaleme ngomtendeleko wepasika.
42
Wati akuba yiminyaka ilishumi linamibini ubudala bake, nxa bebenyukele e‐Yerusaleme ngokwesiko lomtendeleko,
43
nanxa bebefezile imihla, ekubuyeni kwabo, wasala umntwana u‐Yesu e‐Yerusaleme; baye bengazi u‐Josefe nonina.
44
Kodwa beba usemhlambini wabahambi baya ihambo yosuku lunye, baza bamfuna pakati kwabalamane babo napakati kwababesazana nabo.
45
Bati bengamfumananga nje, babuyela e‐Yerusaleme, bemfuna.
46
Kwaza kwati emveni kwentsuku ntatu, bamfumana etempileni, ehleli pakati kwabafundisi, esiva bona, ebuza nokubuza kubo.
47
Baye benokuti nqa ke bonke abo babemva, pezu kwokuqonda kwake nemipendulo yake.
48
Bati bakumbona, bamangaliswa; waza unina wati kuye: Nyana! wasenzela njalo nganina? bona ke, uyihlo nam, besikufuna sidandatekile.
49
Waza wati kubo: Yinina ukuba nibe nindifuna? nibe ningazi na ukuba ndifanele ukuba sendlwini kabawo?
50
Abaliqonda ke bona ilizwi walitetayo kubo.
51
Waza wehla nabo, weza e‐Nazarete, wabalulamela: wati kekaloku unina wazigcina zonke ezizinto entliziyweni yake.
52
Waye u‐Yesu emana ehambisa ebulumkweni nasebudeni, naselufefeni pambi kwotixo na pambi kwabantu.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24